INgoma Yazo Iingoma 3:1-11

  • Intombi (1-5)

    • ‘Ebusuku, ndasikhangela isithandwa sam’ (1)

  • Iintombi zaseZiyon (6-11)

    • USolomon namadoda akhe angamakroti

3  “Ndithe ndisebhedini yam ebusuku,Ndakhumbula isithandwa sentliziyo yam.+ Ndasikhangela, kodwa andasifumana.+   Ndiza kuvuka, ndizule isixeko,Ezitratweni nakwiindawo eziphithizela abantu,Ndikhangele isithandwa sam. Ndiye ndasikhangela, kodwa andasifumana.   Ndibonwe ngoonogada besixeko,+ Ndababuza, ‘Khange nisibone isithandwa sam?’   Ndithe ndingekabi kude kuboNdamfumana umntu wam endimthandayo. Ndiye ndambamba nkqi, andamyekaNdamzisa endlini kamama,+Phakathi egumbini lalowo wandizalayo.   Ndiyanifungisa zintombi zaseYerusalem,Ngamabhadikazi namaxhamakazi asendle: Sanukuzama ukuvuselela uthando lwam de luzivukele.”+   “Yintoni le ingathi ngumsi ethi gqi ngasendle,Eqholwe ngemore nangentlaka yokuqhumisa,Nangazo zonke iintlobo zeziqholo zoosomashishini ezinevumba elimnandi?”+   “Jonga! Sisitulo esimfuma-mfuma sikaSolomon. Singqongwe ngamadoda ayi-60,Amakroti akwaSirayeli,+   Onke axhobe ngamakrele,Onke aqeqeshelwe imfazwe,Nganye iphethe ikrele layo,Ilungele ukulwa xa kuvela ingozi ebusuku.”   “Sisitulo esinophahla sasebukhosini* sikaKumkani uSolomonAzenzele sona ngemithi yaseLebhanon.+ 10  Iintsika zaso zenziwe ngesilivere,Amazantsi aso ngawegolide. Indawo yaso yokuhlala yenziwe ngoboya obumsobo;*Sihonjiswe kakuhle ziintombi zaseYerusalem.” 11  “Phumani zintombi zaseZiyon,Nibone uKumkani uSolomonEfake isithsaba somtshato awasenzelwa ngumama wakhe+Ngemini yakhe yomtshato,Ngemini ekwathi ngco ngayo entliziyweni yakhe.”

Umbhalo osemazantsi

Sisitulo esinophahla ekuthwalwa ngaso umntu obalulekileyo.
Okanye “obupepuli.”