INgoma Yazo Iingoma 4:1-16
4 “Awusemhle nje sithandwa sam.
Uyinzwakazi. Amehlo akho anjengawamahobe
Ngaphaya kwelo laphu logqume ubuso bakho.
Iinwele zakho zinjengomhlambi weebhokhweOwehla ezintabeni zaseGiliyadi.+
2 Amazinyo akho anjengomhlambi weegusha ezisanda kuchetywaEzivela kuhlanjwa,Ezizele amawele zonke,Kungekho nanye elahlekelwe litakane.
3 Imilebe yakho injengomsonto obubomvurha,Ibe uthetha kamnandi.
Izidlele zakho zinjengerharnatiNgaphaya kwelo laphu logqume ubuso bakho.
4 Intamo yakho+ injengenqaba kaDavide,+Eyakhiwe ngamatye,Ekuxhonywe kuyo amakhaka aliwakaAmakhaka amakroti arawundi.+
5 Amabele akho anjengamankonyana amabini,Amawele ebhadikazi,+Atya phakathi kweenyibiba.”
6 “Ndiza kuhamba ndiye entabeni yemoreNakwinduli yentlaka yokuqhumisa,+Ingekapholi* imini, anabe namathunzi.”
7 “Awusemhle nje sithandwa sam,+Awunasiphako.
8 Masimke eLebhanon mtshakazi wam,Masimke eLebhanon.+
Yihla entabeni yeAmana,Entabeni yeSenire, entabeni yeHermon,+Ezikhundleni zeengonyama, ezintabeni zamahlosi.
9 Uyithimbile intliziyo yam,+ sithandwa sam, mtshakazi wam,Undithe krwaqu nje kwakanye, wayithimba intliziyo yam,Ngentsimbi nje enye ejinga emqaleni wakho.
10 Akusemnandi nje ukuthandwa nguwe,+ sithandwa sam, mtshakazi wam!
Ukuthandwa nguwe kumnandi ngaphezu kwewayini,+Iphefyum yakho inuka kamnandi ngaphezu kwazo zonke iziqholo!+
11 Imilebe yakho, mtshakazi wam ithontsiza ubusi.+
Kukho ubusi nobisi phantsi kolwimi lwakho,+Iimpahla zakho zinuka kamnandi ngathi livumba laseLebhanon.
12 Siyigadi ebiyelweyo isithandwa sam, umtshakazi wam,Siyigadi etshixiweyo, umthombo ovalwe ngci.
13 Amasetyana akho angumyezo* weerharnati,Onezona ziqhamo zimnandi, izityalo zehena nezenadusi,
14 Inadusi+ nesafron, ingcongolo enuka kamnandi+ nesinamon,+Nazo zonke iintlobo zemithi yentlaka yokuqhumisa, imore nekhala,+Kunye nezona ziqholo zodidi.+
15 Ungumthombo osegadini, iqula lamanzi abandayo,Nemisinga evela eLebhanon.+
16 Vuka moya wasemntla,Ngena moya wasemzantsi.
Phephezela egadini yam.
Malivakale yonke indawo ivumba layo elimnandi.”
“Masingene ke isithandwa sam egadini yaso,Sitye ezona ziqhamo zimnandi.”
Umbhalo osemazantsi
^ Ngokoqobo, “Ingekaphefumli.”
^ Okanye kusenokwenzeka, “Ulusu lwakho lungumyezo.”