INgoma Yazo Iingoma 7:1-13

  • Ukumkani (1-9a)

    • ‘Uyathandeka ntombi’ (6)

  • Intombi (9b-13)

    • “Ndingowesithandwa sam, ibe naso siyandifuna” (10)

7  “Azisentle nje iinyawo zakho kwezo mbadada,Nditsho wena nkosazana! Amathanga akho anjengezihombiso,Ngathi enziwe zizandla zechule.   Inkaba yakho sisitya esirawundi. Mayingaze iphele iwayini exutyiweyo kuso. Isisu sakho siyimfumba yengqolowa,Ejikelezwe ziinyibiba.   Amabele akho anjengamankonyana amabini,Amawele ebhadikazi.+   Intamo yakho+ injengenqaba yophondo lwendlovu.+ Amehlo akho+ anjengamachibi aseHeshbhon,+Ngasegeyithini yaseBhati-rabhim. Impumlo yakho injengenqaba yaseLebhanon,Ejonge ngaseDamasko.   Intloko yakho isisithsaba esinjengeKarmele,+Iinwele zakho*+ zinjengoboya obumsobo.*+ Ubuhle bazo buyamthimba ukumkani.   Awusemhle nje ntombi, uyathandeka,Uthandeka ngaphezu kwento yonke!   Umile okomthi wesundu,Amabele akho afana nezihlahla zeedatilisi.+   Ndithe, ‘Ndiza kukhwela emthini wesundu,Ndithathe isihlahla sawo.’ Amabele akho mawabe njengezihlahla zeediliya,Umphefumlo wakho unuke kamnandi okwama-apile,   Umlomo wakho ube* njengeyona wayini yodidi.” “Loo wayini mayihle kamnandi kwisithandwa sam,Yehle kuloo milebe yaso, isiyobe. 10  Ndingowesithandwa sam,+Ibe naso siyandifuna. 11  Yiza, sithandwa sam,Masiye kubethwa ngumoya;Masiye kuhlala phakathi kwezityalo zehena.+ 12  Masivuke ekuseni siye emasimini eediliya,Sibone ukuba seyidubule na imithi yeediliya,Sibone ukuba ayikatyatyambi na,+Sibone nokuba iirharnati azikadubuli na,+ Ndize ndikubonise indlela endikuthanda ngayo.+ 13  Iziqhamo zemithuma+ zikhupha ivumba lazo elimnandi;Ezigeyithini zethu kukho zonke iintlobo zezona ziqhamo zimnandi.+ Sithandwa sam, ndikubekele iziqhamo ezisanda kukhiwa nezigciniweyo.

Umbhalo osemazantsi

Okanye “obupepuli.”
Ngokoqobo, “Intloko yakho.”
Ngokoqobo, “Inkalakahla yakho ibe.”