INtshumayeli 4:1-16

  • Ingcinezelo inamandla kunokufa (1-3)

  • Indlela efanelekileyo yokusebenza (4-6)

  • Indlela abaluleke ngayo umhlobo (7-12)

    • Ababini babhetele kunomnye (9)

  • Ubomi bomlawuli bunokuba lilize (13-16)

4  Ndaphinda ndaqwalasela yonke ingcinezelo ekhoyo phantsi kwelanga. Ndazibona iinyembezi zabo bacinezelwayo, yaye kwakungekho mntu ubathuthuzelayo.+ Abantu ababacinezelayo babenamandla, kungekho mntu ubathuthuzelayo.  Ndavuyisana nabo sele befile kunabo basaphilayo.+  Phofu oyena ubhetele kunabo bobabini ngulowo ungekazalwa,+ ongekaziboni izinto ezibuhlungu ezenziwa phantsi kwelanga.+  Ndiye ndayibona nendlela abasebenza nzima nababa nobuchule ngayo abantu xa bekhuphisana;+ nale into ililize, ukuleqana nomoya.  Isidenge sisonga izandla ngoxa inyama yaso itshabalala.*+  Kubhetele ukuphumla kancinci kunokuziqoba* ngomsebenzi onzima nokuleqana nomoya.+  Ndaqwalasela nalo mzekelo wento elilize phantsi kwelanga:  Kukho indoda elilolo, engenabani; ayinanyana namntakwayo, kodwa ihlala isebenza nzima. Amehlo ayo akaneli bubutyebi.+ Kodwa ngaba ikhe izibuze, ‘Ngubani lo ndimsebenzela nzima kangaka nendizivimba izinto ezintle ngenxa yakhe’?+ Nale into ililize nomsebenzi okruqulayo.+  Ababini babhetele kunomnye,+ kuba bafumana umvuzo omhle* ngomsebenzi wabo onzima. 10  Kuba xa omnye wabo esiwa, omnye unokumphakamisa umhlobo wakhe. Kodwa kuza kwenzeka ntoni kulowo uwayo xa engenamntu wokumphakamisa? 11  Ngaphezu koko, ukuba ababini balala kunye, baza kufudumala; kodwa ufudumala njani umntu omnye? 12  Umntu omnye angoyiswa, kodwa ababini bangaxhathisa. Yaye intambo entlu-ntathu ayinakuqhawuka ngokukhawuleza.* 13  Ubhetele umntwana olihlwempu kodwa esisilumko+ kunokumkani omdala kodwa osisidenge, ongasamameliyo xa elunyukiswa.+ 14  Kuba uphume* ejele ukuze abe ngukumkani,+ nangona ezelwe elihlwempu ebukumkanini baloo kumkani.+ 15  Ndabajonga bonke abaphilayo abahamba-hamba phantsi kwelanga, kunye nendlela ezimhambela ngayo izinto umfana ongena esikhundleni somnye. 16  Nangona bebaninzi gqitha abamxhasayo, abo beza mva abazukumthanda.+ Nale into ililize nokuleqana nomoya.

Umbhalo osemazantsi

Ngokoqobo, “yaye sitya inyama yaso.”
Ngokoqobo, “ukugcwalisa isandla ngokuphumla kunokugcwalisa izandla ezibini.”
Okanye “bancedakala kakhulu.”
Okanye “lula.”
Mhlawumbi kubhekiswa kulo mntwana usisilumko.