INtshumayeli 5:1-20

  • Yoyika uThixo (1-7)

  • Abangaphantsi bajongwe ngabangasentla kwabo (8, 9)

  • Ubutyebi bulilize (10-20)

    • Abantu abathanda imali aboneli (10)

    • Umntu osebenza nzima ulala kamnandi (12)

5  Chula ukunyathela nanini na usiya endlini yoThixo wokwenene;+ kungcono usondele uze umamele+ kunokuba wenze umnikelo njengezidenge,+ kuba azazi ukuba zenza into embi.  Sukukhawuleza uthethe, ungayivumeli nentliziyo yakho ukuba ikhawuleze ithethe phambi koThixo wokwenene,+ kuba uThixo wokwenene usemazulwini kodwa wena usemhlabeni. Yiloo nto kufuneka amazwi akho abe mbalwa.+  Kuba ukuxakeka zizinto* ezininzi kwenza umntu abe namaphupha,+ namazwi amaninzi enza isidenge siloqe.+  Nanini na uthembisa uThixo, sukulibazisa ukuyenza loo nto umthembise yona,+ kuba akabathandi abantu abazizidenge.+ Yenze into oyithembisileyo.+  Kungcono ungenzi sithembiso kunokuba uthembise ungenzi.+  Sukuvumela umlomo wakho ukwenze wone,+ ungatsho naphambi kwengelosi* ukuba uphazamile.+ Kutheni uza kucaphukisa uThixo wokwenene ngento oyithethayo, aze awutshabalalise umsebenzi wezandla zakho?+  Kuba njengokuba ukuxakeka zizinto ezininzi kusenza umntu abe namaphupha,+ namazwi amaninzi akhokelela kwilize. Kodwa yoyika uThixo wokwenene.+  Ukuba ubona igosa eliphakamileyo licinezela ihlwempu okanye lisenza ngokungekho mthethweni kwilungisa elikwingingqi yakho, mayingakothusi loo nto,+ kuba lijongiwe ngulowo ungentla kulo, ibe bakhona nabangaphezulu kubo bobabini.  Enye into kukuba, ingeniso yomhlaba yohlulelwa wonke umntu; nokutya kukakumkani kuphuma emasimini.+ 10  Umntu othanda isilivere akasoze aneliswe yisilivere, nomntu othanda ubutyebi akasoze aneliswe yingeniso.+ Nayo leyo ililize.+ 11  Xa ubutyebi busanda, bayanda nabo babusebenzisayo.+ Ibe yintoni ke ayifumanayo umnikazi wabo, ngaphandle kokubujonga nje ngamehlo?+ 12  Bumnandi ubuthongo besicaka, nokuba sinokutya okuncinci okanye okuninzi, kodwa ubutyebi besityebi abusilalisi. 13  Ndibone intlungu engathethekiyo* phantsi kwelanga: ubutyebi obufihlwe ngumnikazi wabo buze kwabona bumenzakalise. 14  Ulahlekelwa bobo butyebi kuba wenza izigqibo ezimtshonisayo,* athi esiba nonyana, abe engasenanto.+ 15  Kanye njengokuba umntu waphuma ehamba ze esiswini sikamama wakhe, uza kumka enjalo.+ Akanakuhamba nayo nenye kwizinto azisebenzele nzima.+ 16  Nantsi enye into eyintlungu engathethekiyo:* Umntu uhamba enjengokuba ebezile; ngoko ke, ufumana yiphi ingenelo ngokuhlala esebenza nzima, esebenzela umoya?+ 17  Futhi yonke imihla utyela ebumnyameni, exhelekile, egula ibe enomsindo.+ 18  Nantsi into endiyibone intle futhi ilungile: kukuba umntu atye, asele aze akonwabele konke ukusebenza nzima+ nokubulaleka kwakhe phantsi kwelanga ngemihla embalwa yobomi bakhe ayinikwe nguThixo wokwenene, kuba ngumvuzo wakhe lowo.*+ 19  Enye into, xa uThixo wokwenene enika umntu ubutyebi,+ nendlela yokubonwabela, umele awuthathe umvuzo wakhe,* aze akonwabele ukusebenza kwakhe nzima. Esi sisipho sikaThixo.+ 20  Kuba akazukuqaphela nokuba iintsuku zobomi bakhe ziyaqengqeleka, ngenxa yokuba uThixo wokwenene umgcina exakeke lulonwabo lwentliziyo yakhe.+

Umbhalo osemazantsi

Okanye “ukuhoya izinto.”
Okanye “kwesithunywa.”
Okanye “intlekele.”
Okanye “umsebenzi omtshonisayo.”
Okanye “eyintlekele.”
Okanye “sisabelo sakhe eso.”
Okanye “asonwabele isabelo sakhe.”