Isaya 11:1-16
11 Isetyana+ liza kuhluma esikhondweni sikaYese,+Yaye ihlumelo+ elintshula kwiingcambu zakhe liza kuba nesiqhamo.
2 Kwaye umoya kaYehova uza kuhlala phezu kwakhe,+Umoya wobulumko+ nowokuqonda,Umoya wokucebisa nowamandla,+Umoya wokwazi nowokoyika uYehova.
3 Uza kuvuyiswa kukoyika uYehova.+
Akazukugweba ngenxa nje yento ayibonayo,Engazukohlwaya ngenxa nje yento ayive ngeendlebe.+
4 Uza kumgweba ngobulungisa* ongenanto,Abohlwaye ngobulungisa abalulamileyo bomhlaba.
Uza kuwubetha umhlaba ngentonga yomlomo wakhe+Abulale umenzi-bubi ngomoya wemilebe yakhe.+
5 Ubulungisa buza kuba libhanti esinqeni sakhe,Nokuthembeka kube libhanti lesinqe sakhe.+
6 Ingcuka iza kukhe ihlale netakane legusha,+Ihlosi libuthe netakane lebhokhwe,Kubuthe ndawonye ithole lenkomo nengonyama,* nesilwanyana esondlekileyo, zonke zihlale kunye;*+Zikhokelwe yinkwenkwana.
7 Imazi yenkomo nebhere ziza kutya kunye,Amathole azo alale kunye.
Ingonyama iza kudla iindiza njengenkunzi yenkomo.+
8 Usana luza kudlala emngxunyeni wephimpi,Nomntwana olunyulweyo abeke isandla sakhe emngxunyeni wenyoka enobuhlungu.
9 Azizukwenzakalisa+Zingazukonakalisa kuyo yonke intaba yam engcwele,+Kuba umhlaba ngokuqinisekileyo uza kugcwaliswa kukwazi uYehovaNjengokuba nolwandle lugcwele ngamanzi.+
10 Ngaloo mini, ingcambu kaYese+ iza kuphakama njengento* yokubonisa izizwana.+
Iintlanga ziza kucela icebiso kuye,*+Nendawo yakhe yokuphumla iza kuba nozuko.
11 Ngaloo mini, uYehova uza kuphinda anikele isandla sakhe okwesibini, ukuze aqokelele abantu bakhe abashiyekileyo eAsiriya,+ eYiputa,+ ePatrosi,+ eKushe,+ e-Elam,+ eShinare,* eHamati nakwiziqithi zolwandle.+
12 Uza kuziphakamisela into* eziza kubona ngayo iintlanga, aqokelele abasasazekileyo bakwaSirayeli+ aze aqokelele nabachithachithekileyo bakwaYuda mbombo zone zomhlaba.+
13 Umona kaEfrayim uza kuthi shwaka,+Nabo baziintshaba zikaYuda baza kutshatyalaliswa.
UEfrayim akazummonela uYuda,NoYuda akazukuba lutshaba lukaEfrayim.+
14 Baza kwehlela kumathambeka amaFilisti* ngasentshona;Boxuthe izinto zabantu baseMpuma.
Baza kumoyisa uEdom+ noMowabhi,*+Nama-Amoni aza kuba phantsi kwabo.+
15 UYehova uza kuyahlula phakathi* inyoba* yolwandle lwaseYiputa+Aze aphekuze ngesandla sakhe phezu koMlambo.*+
Ngomoya wakhe otshisayo, uza kubetha imisinga yawo esixhenxe,Yaye uza kubenza abantu banqumle kuwo benxibe iimbadada.
16 Kuza kubakho uhola wendlela+ ophuma eAsiriya abaza kuhamba kuwo abantu bakhe abashiyekileyo,+Njengoko kwaba njalo kumaSirayeli ngemini awaphuma ngayo ezweni laseYiputa.
Umbhalo osemazantsi
^ Okanye “ngokufanelekileyo.”
^ Okanye “ingonyama entsha enesingci.”
^ Okanye kusenokwenzeka, “ithole lenkomo nengonyama ziza kutya kunye.”
^ Okanye “Iintlanga ziza kumkhangela.”
^ Okanye “njengepali.”
^ Oko kukuthi, eBhabhiloni.
^ Okanye “ipali.”
^ Ngokoqobo, “kwigxalaba lamaFilisti.”
^ Okanye “Baza kolula isandla sabo ukuze balwe noEdom noMowabhi.”
^ Okanye “uza kuyomisa.”
^ Ngokoqobo, “uza kulunqamla ulwimi lolwandle lwaseYiputa.”
^ Oko kukuthi, umEfrate.