Isaya 21:1-17

  • Ukugwetywa kwentlango egudle ulwandle (1-10)

    • Uqhubeka egada kwinqaba yoonogada (8)

    • “IBhabhiloni iwile!” (9)

  • Ukugwetywa kukaDuma nentlango (11-17)

    • “Yhe nogada, kuza kusa nini?” (11)

21  Nantsi indlela eza kugwetywa ngayo intlango egudle ulwandle:*+ Kuza intlekele njengesaqhwithi somoya esitshayela ukusuka ezantsi,Sivela entlango, kwilizwe eloyikekayo.+   Ndixelelwe umbono owoyikekayo, ongulo: Ongathembekanga wenza ngokungathembeki,Nomtshabalalisi uyatshabalalisa. Nyuka Elam! Hlasela wena Medi!+ Ndiza kukuphelisa konke ukuncwina awakubangelayo.+   Yiloo nto ndisifa ziintlungu.*+ Iintlungu ziyandigqushalazisa,Njengezomfazi ozalayo. Ndikhathazeke gqitha, andikwazi nokuva;Ndiphazamiseke kakhulu, andikwazi nokubona.   Iyangcangcazela intliziyo yam; ndiyahlasimla kukoyika. Urhatya ebendilulangazelela luyandingcangcazelisa.   Lungisani itafile nimise kakuhle izitulo! Yityani nisele!+ Phakamani nina zinkosana, thambisani ikhaka ngeoli!   Nantsi into uYehova ayithethileyo kum: “Hamba, umise unogada ukuze achaze oko akubonayo.”   Wabona inqwelo yokulwa inesipani samahashe,Inqwelo yokulwa yeedonki,Inqwelo yokulwa yeenkamela. Wabe eqwalasele kakuhle.   Waza wagquma njengengonyama wathi: “Owu Yehova, imini le yonke ndimi kwinqaba yoonogada,Yaye ndimi endaweni yam yokugada busuku ngabunye.+   Jonga ukuba kuza ntoni: Amadoda ahamba ngenqwelo yokulwa nesipani samahashe!”+ Waza wathetha wathi: “Iwile! IBhabhiloni iwile!+ Yonke imifanekiso eqingqiweyo yoothixo bayo uyiphahlaze emhlabeni!”+ 10  Owu bantu bam ababhuliweyo,Bonyana bebala lam lokubhula,+Ndinichazele oko ndikuvileyo kuYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli. 11  Nasi isigwebo ngakuDuma: Kukho ondikhwaza ekwaSehire,+ esithi: “Yhe nogada, kuza kusa nini? Yhe nogada, kuza kusa nini?” 12  Unogada wathi: “Intsasa iyeza, kwanobusuku buza kufika. Ukuba niza kubuza, buzani. Yizani kwakhona!” 13  Nasi isigwebo ngentlango: Niza kuchitha ubusuku ehlathini, entlango,Bantu bakwaDedan+ abaseluhambeni. 14  Mkhawuleleni ngamanzi onxaniweyo,Nina bemi belizwe lakwaTema,+Yaye mphatheleni isonka lowo ubalekayo. 15  Kuba babaleke amakrele, amakrele athiwe rhuthu,Babaleke isaphetha esilungele ukudubula, babaleke inkohlakalo yemfazwe. 16  Kuba uYehova uthe kum: “Kwakulo nyaka, njengeminyaka yomqeshwa,* lonke uzuko lwakwaKedare+ luza kuphela. 17  Abo bashiyekileyo kwinani labantu abadubula ngesaphetha, kumagorha akwaKedare, baza kuba mbalwa, kuba uYehova, uThixo kaSirayeli, utshilo.”

Umbhalo osemazantsi

Kubonakala ukuba apha kuthethwa ngommandla weBhabhiloni yakudala.
Ngokoqobo, “isinqe sam sibuhlungu kakhulu.”
Okanye “iminyaka ebalwe ngocoselelo njengokuba esenza umqeshwa”; oko kukuthi, unyaka nje omnye.