Isaya 35:1-10
35 Iza kuvuya intlango nommandla owomileyo,+Intlango iza konwaba ize ityatyambe.*+
2 Liza kutyatyamba ngokuqinisekileyo;+Liza kuvuya litsho ngamayeyeye.
Liza kunikwa uzuko lweLebhanon,+Ubukhulu beKarmele+ nobeSharon.+
Abantu baza kubona uzuko lukaYehova, nendlela amkhulu ngayo uThixo wethu.
3 Yomelezani izandla ezibuthathaka,Niqinise namadolo angcangcazelayo.+
4 Yithini kwabaneentliziyo ezinexhala:
“Sanukoyika. Yomelelani.
Jongani! UThixo wenu uza kuniphindezela,UThixo uza kubahlawulisa.+
Uza kuza aze anisindise.”+
5 Ngelo xesha aza kuvulwa amehlo abantu abangaboniyo,+Zivulwe neendlebe zabantu abangevayo.+
6 Ngelo xesha umntu oqhwalelayo uza kutsiba njengempunzi,+Nolwimi lomntu ongakwaziyo ukuthetha luza kukhwaza ngovuyo.+
Kuba nentlango iza kumpompoza amanzi,Kubekho imisinga yamanzi entlango.
7 Umhlaba owomiswe bubushushu uza kuba njengechibi elineengcongolo.Nomhlaba ongenamanzi ube njengemithombo yamanzi.+
Apho kwakudla ngokulala oodyakalashe,+Kuza kubakho ingca eluhlaza yaka, iingcongolo nompapiri.
8 Apho kuza kubakho uhola wendlela,+Obizwa ngokuba yiNdlela Yobungcwele.
Akuzukuhamba moni kuwo.+
Ugcinelwe abo bafanele ukuhamba kuwo,Akukho kwasidenge siza kubhadulela kuwo.
9 Soze ubone nengonyama apho,Kungazi nasilwanyana sikhohlakeleyo apho.
Zonke azizukubonwa apho.+Kuza kubakho abahlawulelweyo kuphela apho.+
10 Abo bakhululwe nguYehova baza kubuyela+ eZiyon, bekhala ezovuyo.+
Baza kuthweswa uvuyo kwiintloko zabo+
Ndlela le baza kuvuya baze bonwabe ngayo!Iza kubashiya intlungu nokuncwina.+
Umbhalo osemazantsi
^ Okanye “liqhakraze njengeSafron.”