Isaya 4:1-6
4 Ngaloo mini abafazi abasixhenxe baza kubambelela endodeni enye,+ besithi:
“Siza kutya isonka sethuSize sinxibe iimpahla zethu;Kuphela nje masibizwe ngegama lakhoUkuze ihlazo lisuke kuthi.”*+
2 Ngaloo mini, oko uYehova akuchumisayo kuza kuba kuhle kuzuke, yaye iziqhamo zelizwe ziza kuba liqhayiya nobuhle kwabo basindileyo kwaSirayeli.+
3 Nabani na oseseZiyon noshiyekileyo eYerusalem, kuza kuthiwa ungcwele, nabo bonke abaseYerusalem ababhalwe phantsi ukuze baphile ubomi.+
4 Xa uYehova ehlamba ubunyhukunyhuku beentombi* zaseZiyon,+ ecoca negazi elichithwe eYerusalem ngamandla okugweba namandla okutshisa,*+
5 uYehova uza kudala phezu kweNtaba YeZiyon naphezu kwendawo yendibano, ilifu kunye nomsi emini, nomlilo odangazelayo ebusuku;+ kuba phezu kwalo lonke uzuko kuza kubakho ikhusi.
6 Kwaye kuza kubakho ikhusi lomthunzi emini ukwenzela ubushushu,+ nendawo yokubalekela nokusithela kwisaqhwithi nasemvuleni.+
Umbhalo osemazantsi
^ Oko kukuthi, ihlazo lokungatshati nokungabi nabantwana.
^ Ngokoqobo, “ilindle leentombi.”
^ Okanye “namandla okuphelisa nya.”