Isaya 40:1-31

  • Kuthuthuzelwa abantu bakaThixo (1-11)

    • Kuvakala ilizwi entlango (3-5)

  • Ubukhulu bukaThixo (12-31)

    • Iintlanga zinjengethontsi e-emeleni (15)

    • UThixo uhlala phezu “komhlaba orawundi” (22)

    • Zonke iinkwenkwezi zibizwa ngamagama (26)

    • UThixo akaze adinwe (28)

    • Abathembela kuYehova baphinda babe namandla (29-31)

40  “Bathuthuzeleni, thuthuzelani abantu bam,” utsho uThixo wenu.+   “Thethani ngobubele neYerusalem,*Yixeleleni ukuba kuphelisiwe ukusetyenziswa kwayo ngetshova,Nokuba ityala layo lihlawulelwe.+ UYehova ugqibile ukuyohlwayela izono zayo zonke.”+   Nalo ilizwi livakala entlango lisithi: “Vulelani uYehova indlela!+ Yenzelani* uThixo wethu uhola wendlela+ othe tye, onqumla entlango.+   Mazinyuswe zonke iintlambo,Kuthotywe zonke iintaba neenduli. Umhlaba onamatye mawugudiswe,Nomhlaba ongamaxethuka ube lithafa elisentlanjeni.+   Ubukhulu bukaYehova buza kutyhilwa,+Buza kubonwa ngumntu wonke,*+Kuba uYehova uthethile.”   Mamela! Kukho umntu othi: “Khwaza!” Omnye uyaphendula: “Ndikhwaze ndithini?” “Bonke abantu banjengengca* eluhlaza. Lonke uthando lwabo olungagungqiyo lunjengentyatyambo yengca.+   Ingca eluhlaza iyoma,Intyatyambo iyabuna,+Kuba kaloku ivuthelwa yimpefumlo* kaYehova.+ Ngokuqinisekileyo abantu bayingca nje eluhlaza.   Ingca eluhlaza iyoma,Intyatyambo iyabuna,Kodwa lona ilizwi likaThixo wethu lihlala lihleli, ngonaphakade.”+   Nyukela entabeni ephakamileyo,Wena mfazi uphathela iZiyon iindaba ezilungileyo.+ Khwaza ngamandla,Wena mfazi uphathela iYerusalem iindaba ezilungileyo. Liphakamise ilizwi lakho, ungoyiki. Yenza esi saziso kwizixeko zakwaYuda: “Nguye lo uThixo wenu.”+ 10  Jongani! Kuza inkosi enguMongami uYehova ngokwayo, inamandla,Ibe kuza kulawula ingalo yayo.+ Jongani! Iphethe umvuzo,Nentlawulo eyihlawulayo iphambi kwayo.+ 11  Iza kuwukhathalela* umhlambi wayo njengomalusi.+ Ngengalo yayo, iza kuwaqokelela amatakane,Iza kuhamba nawo iwabeke esifubeni. Iza kuzikhokela ngobubele iigusha ezinamatakane.+ 12  Ngubani owakhe walinganisa amanzi eelwandle ngomphakathi wesandla sakhe,+Khona, ingubani owakhe walinganisa amazulu ngokolula nje iminwe?* Ingubani owakha waluqokelela waza walubeka ezikalini uthuli lomhlaba,+Okanye owakha wakala ubunzima beentaba,Nobunzima beenduli? 13  Ngubani owakha walinganisa* umoya kaYehova?Ingubani onokuba ngumcebisi wakhe, aze amyalele?+ 14  Khona, uthethe nabani ukuze aqonde,Ingubani omfundisa indlela yobulungisa,Onokumphokozela ulwazi,Nonokumazisa indlela yokuqonda kokwenene?+ 15  Jongani! Kuye iintlanga zinjengethontsi e-emeleni,Njengesuntswana lothuli ezikalini.+ Jongani! Uphakamisa iziqithi ngokungathi luthuli nje olucolekileyo. 16  NeLebhanon le yembala ayinako ukugcina umlilo uvutha,Nkqu nezilwanyana zayo zasendle azanelanga ukuba zingangumnikelo otshiswayo. 17  Xa zizonke iintlanga zifana nje nento engekhoyo kuye;+Aziyonto kuye, ngamampunge nje.+ 18  Ningamlinganisa nabani uThixo,+ Ningabeka ntoni ecaleni kwakhe enokufana naye?+ 19  Ingcibi ityhida isithixo,*Umnyibilikisi asityabeke ngegolide,+Aze akhande amatsheyini esilivere. 20  Umntu ukhetha umthi womnikelo,+Umthi ongaboliyo. Ukhangela ingcibi enobuchule,Ukuze imenzele umfanekiso oqingqiweyo owomeleleyo.+ 21  Anazi na? Anivanga na? Anizange nixelelwe kwasekuqaleni na? Anizange niqonde na kwasekudalweni komhlaba?+ 22  Kukho Lowo uhlala phezu komhlaba orawundi,+Kuye, abantu abahlala kuwo banjengeentethe. Waneka amazulu njengelaphu elihle eliyasuyasu,Ibe uwatwabulula njengentente yokuhlala.+ 23  Izikhulu uzithoba zingabi nto yanto,Bona abagwebi* bomhlaba, ubenza babe ngamampunge. 24  Bathi nje besatyalwa,Bathi nje besahlwayelwa,Nesikhondo sabo singekamili kwangcambu ezo,Babe sele bevuthelwa ngumoya, bome nko.Baphephethekiswa ngumoya oku komququ.+ 25  “Ngubani eningandifanisa naye, ongantanga-nye nam?” utsho Lowo Ungcwele. 26  “Khanijonge ezulwini nize nibone. Ngubani umdali wezi zinto?+ NguLowo ukhokela umkhosi weenkwenkwezi, owazi nkqu nenani lazo;Uzibiza ngamagama xa zizonke.+ Ngenxa yobukhulu bamandla akhe, namandla akhe amangalisayo,+Zonke ziphelele. 27  Wenziwa yintoni wena Yakobi, nditsho wena Sirayeli ukuba uthi,‘UYehova akayiboni indlela yam,Futhi andifumani kwabulungisa kuThixo’?+ 28  Kanti awazi? Khona, awuvanga? UYehova, uMdali wayo yonke into esemhlabeni, unguThixo ngonaphakade.+ Akaze adinwe; engaze atyhafe.+ Kaloku ukuqonda kwakhe akunakuze kwaziwe.+ 29  Odiniweyo umnika amandla,Nongenamandla umomeleza ngokupheleleyo.*+ 30  Amakhwenkwana aza kudinwa aze atyhafe,Nabafana baza kukhubeka baze bawe, 31  Kodwa abo bathembela kuYehova baza kuphinda bahlaziyeke. Baza kundanda ngamaphiko oku kweenkozi.+ Baza kubaleka, bangatyhafi;Baza kuhamba, bangadinwa.”+

Umbhalo osemazantsi

Okanye “Yithuthuzeleni iYerusalem.”
Okanye “Lungiselelani.”
Okanye “yiyo yonke inyama.”
Ngokoqobo, “Yonke inyama injengengca.”
Okanye “ngumoya.”
Okanye “kuwalusa.”
Ukulinganisa ubude ukusuka kubhontsi ukuya kucikicane xa isandla sivuliwe. Funda Isihlomelo B14.
Okanye kusenokwenzeka, “okwazileyo ukuqondisisa.”
Okanye “umfanekiso oqingqiweyo.”
Okanye “abalawuli.”
Okanye “umnika amandla amangalisayo.”