Isaya 41:1-29
41 “Yithini cwaka, nindimamele* nina ziqithi;Iintlanga maziphinde zibe namandla.
Mazisondele zize zithethe.+
Masidibaneni sonke ukuze sive isigwebo.
2 Ngubani onyule umntu empumalanga,*+Ngobulungisa wammisa ngeenyawo,Ukuze azinikele kuye iintlangaYaye ambangele oyise ookumkani?+
Ngubani obabhuqa babe luthuli ngekrele lakhe,Baphephetheke phambi kwesaphetha sakhe oku komququ uphetshethwa ngumoya?
3 Ubaleqa lula nje, kungekho ziphazamisoKwiindlela iinyawo zakhe ezingazange zanyathela kuzo.
4 Ngubani owenze ezi zinto,Ebiza isizukulwana emva kwesinye ukususela ekuqaleni?
Mna Yehova, ndaba ngowokuQala;+Nakwezokugqibela andizukutshintsha.”+
5 Iziqithi ziye zakubona oku zaza zoyika.
Ezona ndawo zikude emhlabeni zangcangcazela.
Ziyaqokelelana ibe ziyeza.
6 Ngamnye womeleza umhlobo wakhe,Uthi kumntakwabo: “Qina.”
7 Ngoko umkhandi olichule womeleza umnyibilikisi;+Lowo ugudisa ngehamile yokunkqonkqa,Womeleza obethelela kwisikhandelo.
Uthi ngelothe: “Ilungile.”
Emva koko sibethelelwa ngezikhonkwane ukuze singawi.
8 “Kodwa wena Sirayeli, ungumkhonzi wam,+Wena Yakobi endimnyulileyo,+Nzala* ka-Abraham umhlobo wam,+
9 Wena ndakulanda eziphelweni zomhlaba,+Ndakubiza ukwezona ndawo zithe qelele.
Ndathi kuwe, ‘Ungumkhonzi wam;+Ndikukhethile; andikulahlanga.+
10 Sukoyika, kuba ndinawe.+
Sukuba nexhala kuba ndinguThixo wakho.+
Ndiza kukuqinisa, nakanjani ndiza kukunceda,+Ngaphandle kwamathandabuzo, ndiza kukubamba ngesandla sam sasekunene sobulungisa.’
11 Jonga! Bonke abantu abakuleqa benomsindo baza kuhlaziswa baze babe neentloni.+
Abo balwa nawe baza kuba njengento engento baze batshabalale.+
12 Uza kuzikhangela iintshaba zakho, kodwa awuzukuzifumana;Kuza kuba ngathi awekho amadoda alwa nawe, aza kuphela tu.+
13 Kuba mna, Yehova uThixo wakho, ndibamba isandla sakho sasekunene,Ndithi kuwe, ‘Sukoyika. Mna lo ndiza kukunceda.’+
14 Sukoyika, wena mbungu* onguYakobi,+Nani madoda akwaSirayeli, ndiza kuninceda,” utsho uYehova uMhlawuleli wakho,+ Lowo Ungcwele kaSirayeli.
15 “Jonga! Ndikwenze isileyi sokubhula,+Isixhobo esitsha sokubhula esinamazinyo macala.
Uza kubhula iintaba uze uzityumzeNeenduli uza kuzenza zibe ngathi ngumququ.
16 Uza kuzela,Ziphetshethwe ngumoya zimke;Isaqhwithi somoya siza kuzisasaza.
Uza kuvuya ngoYehova,+Uqhayise ngaLowo Ungcwele kaSirayeli.”+
17 “Abasweleyo namahlwempu bafuna amanzi, kodwa awekho.
Ulwimi lwabo lome nko lunxano.+
Mna, Yehova, ndiza kubaphendula.+
Mna, Thixo kaSirayeli, andizukubashiya.+
18 Imilambo ndiza kuyenza iqukuqele ezindulini+Nemithombo ezintlanjeni.+
Ndiza kuyenza intlango ibe lichibi lamanzi elineengcongoloNelizwe elingenamanzi libe yimithombo yamanzi.+
19 Ndiza kutyala umthi womsedare entlango,Umnga, ummirtile nomthi weoli.+
Ndiza kutyala umthi wejunipha entlango,Kunye nomthi womqwehle nomsipres,+
20 Ukuze bonke abantu babone, futhi bazi,Bamamele baze baqonde,Ukuba le nto yenziwe sisandla sikaYehova,Yenziwe nguLowo Ungcwele kaSirayeli.”+
21 “Zithetheleleni,” utsho uYehova.
“Lithini elenu icala?” utsho uKumkani kaYakobi.
22 “Yizani nobenu ubungqina nize nisixelele izinto eziza kwenzeka.
Sixeleleni izinto ezadlulayo,*Ukuze sicinge ngazo* size sibone into eza kwenzeka kwixesha elizayo.
Okanye chazani izinto ezisezayo.+
23 Sixeleleni izinto eziza kwenzeka kwixesha elizayo,Ukuze sazi ukuba ningoothixo.+
Yenzani into elungileyo, noba yembi ke,Ukuze siyibone size simangaliswe.+
24 Jongani apha! Niyinto engekhoyo,Akukho nto nikwazi ukuyenza.+
Nabani na okhetha nina uyenyanyeka.+
25 Ndiphakamise umntu evela kwelasemntla, ibe uza kuza,+Umntu ovela empumalanga*+ oza kubiza egameni lam.
Uza kubanyathela ngokungathi baludongwe abalawuli,*Njengombumbi exovula udongwe olumanzi.+
26 Ngubani owazichaza kwasekuqaleni ezi zinto, yitshoni ukuze sazi,Okanye owazithetha kwakudala, ukuze sithi, ‘Unyanisile’?+
Akukho mntu uye wenza saziso!
Azizange zithethwe mntu!
Akukho mntu weva nto ivela kuni!”+
27 Ndim owatsho kuqala kwiZiyon ukuba: “Jongani! Naba!”+
EYerusalem ndiza kuthumela umntu othwele iindaba ezilungileyo.+
28 Kodwa ndaqhubeka ndikhangela, andabona mntu;Kwakungekho nasinye sicebisayo kuzo.
Ndaqhubeka ndicela ukuba ziphendule.
29 Jongani! Zonke ziyimfitshimfitshi.*
Umsebenzi wazo awuncedi nganto.
Imifanekiso yeentlanga yesinyithi* ingumoya nento engekhoyo.+
Umbhalo osemazantsi
^ Okanye “Yithini cwaka phambi kwam.”
^ Okanye “empuma.”
^ Okanye “Mbewu.”
^ Oko kukuthi, lowo uphantsi nongakwazi kuzikhusela.
^ Ngokoqobo, “izinto zakuqala.”
^ Okanye “sizibethelele entliziyweni.”
^ Okanye “empuma.”
^ Okanye “amasekela-baphathi.”
^ Okanye “ziyinto engekhoyo.”
^ Okanye “etyhidiweyo.”