Isaya 45:1-25
45 Uthi uYehova kuKoreshi,+ umthanjiswa wakhe,Lowo ndiye ndambamba ngesandla sasekunene+Ukuze ndoyise iintlanga phambi kwakhe,+Ukuze ndiboxuthe izixhobo ookumkani;*Ukuze ndivule phambi kwakhe iingcango ezivulwa ngambini,Ukuze iigeyithi zingavalwa:
2 “Ndiza kuhamba phambi kwakho,+Ibe iinduli ndiza kuzenza zithi tyaba.
Iingcango zekopolo ndiza kuziqhekeza zibe ziingceba,Nemivalo yentsimbi ndiza kuyisika.+
3 Ndiza kukunika ubutyebi ebumnyameniNobutyebi obufihlwe kwiindawo ezifihlakeleyo,+Ukuze wazi ukuba ndinguYehova,UThixo kaSirayeli, Lowo ukubize ngegama.+
4 Ukuze kulungelwe umkhonzi wam uYakobi noSirayeli, lowo ndimnyulileyo,Ndikubiza ngegama.
Ndikunika igama lembeko, nangona ubungandazi.
5 NdinguYehova, ibe akakho omnye uThixo.
Ndim ndedwa uThixo.+
Ndiza kukomeleza,* nangona ubungandazi,
6 Ukuze abantu baziUkususela empuma ukuya kutsho entshona*Ukuba akakho omnye ngaphandle kwam.+
NdinguYehova, akakho omnye uThixo.+
7 Ndidala ukukhanya+ ndize ndidale nobumnyama,+Ndidala uxolo+ ndize ndenze nentlekele;+Zenziwa ndim, mna Yehova, zonke ezi zinto.
8 Nina mazulu nethisani ubulungisa oku kwemvula;+Namafu mawathulule izantyalantyala zobulungisa.
Umhlaba mawuvuleke, uze uchume lusindiso,Mawenze nobulungisa buntshule kwangaxeshanye.+
Mna Yehova, ndiyidalile loo nto.”
9 Uza kuthi shu lowo uxabana* naLowo Umenzileyo,*Kuba uyingceba nje yengqayi yodongwePhakathi kwezinye iingceba ezisasazeke phantsi!
Lungatsho na udongwe kuMbumbi* walo ukuba: “Wenza ntoni?”+
Okanye umsebenzi wezandla zakho uthi: “Akanazandla ke lowo”?*
10 Uza kuthi shu lowo uthi kutata wakhe: “Ungutata wantoni?”
Nothi kumama wakhe: “Yintoni le uyizalayo?”*
11 Uthi uYehova, Lowo Ungcwele kaSirayeli,+ Lowo wambumbayo:
“Undibuza njani ngezinto ezisezayo,Khona, undiyalela ngabuni ukuba mandenze ntoni ngoonyana bam,+ umsebenzi wezandla zam.
12 Ndenza umhlaba,+ ndaza ndadala nomntu okuwo.+
Amazulu ndawaneka ngezi zam izandla,+Ikwandim noyalela umkhosi wawo wonke.”+
13 “Kuba ndililungisa, ndiye ndaphakamisa indoda ethile,+Ibe ndiza kuzenza zithi tyaba zonke iindlela zayo.
Siza kwakhiwa yiyo isixeko sam,+Ikhulule nabantu bam abathinjiweyo+ ingakhange ikhuphe ntlawulo nasinyobo,”+ utsho uYehova wemikhosi.
14 Uthi uYehova:
“Inzuzo yaseYiputa* nezinto ezithengiswa ngamaTiyopiya namaShebha* ziza kuba zezakho. La madoda athe ncothu ngesithomo, amaTiyopiya namaShebha,Aza kuza kuwe, abe ngawakho.
Aza kuhamba emva kwakho ebotshelelwe ngamatsheyini.
Aza kuza, aqubude kuwe.+
Aza kuza kuwe aze athandaze athi, ‘Ngokuqinisekileyo, uThixo unawe,+Kwaye akakho omnye; akakho omnye uThixo.’”
15 Nyhani unguThixo ozifihlayo,Yhini Thixo kaSirayeli, Msindisi.+
16 Baza kuhlaziswa baze bathotywe xa bebonke;Bonke abantu abenza izithixo baza kuhamba bethe nyoxo lihlazo.+
17 Ke yena uSirayeli uza kusindiswa nguYehova ngonaphakade.+
Anizukuhlaziswa, ningazukuphoxeka ngonaphakade.+
18 Kuba uthi uYehova,UMdali wezulu,+ uThixo wokwenene,Lowo wadala umhlaba, noMenzi wawo, owawenza wazinza,+Ongawudalelanga ukuba uhlale nje,* kodwa owudalele ukuba kuhlalwe kuwo:+
“NdinguYehova, akakho omnye uThixo.
19 Andithethanga ndisendaweni efihlakeleyo,+ endaweni yesithokothoko sobumnyama;Andikhange ndithi kwinzala* kaYakobi,‘Ndifuneni, kodwa imizamo yenu iza kuba yinkcitha-xesha.’
NdinguYehova, ibe ndithetha izinto ezibubulungisa, ndithetha izinto ezilungileyo.+
20 Qokelelanani, nize.
Sondelani nonke nina basinde ezintlangeni.+
Abazi nowathwethwa abo bahlala bephethe imifanekiso eqingqiweyoBaze bathandaze kuthixo ongakwazi nokubasindisa.+
21 Masive ingxelo yenu, zithetheleleni sive.
Ewe, mabathethe bemanyene.
Ngubani na owayithetha kwakudala le nto?Ngubani na owakuxelelayo ukususela kanye kwelo xesha?
Ayindim na, mna Yehova,
ekungekho Thixo ungomnye ngaphandle kwam;uThixo olilungisa noMsindisi,+ ekubeni engekho omnye ngaphandle kwam?+
22 Balekelani kum ukuze nisindiswe+ nina nonke bantu basemhlabeni,Kuba ndim uThixo, akakho omnye.+
23 Ndifunge ngam siqu;Ilizwi eliphume emlonyeni wam lithembekile,Ibe alizukujika+
Onke amadolo aza kuguqa kum,Zonke iilwimi ziza kufunga ukuba ziza kundilandela,+
24 Zithi, ‘Ngokuqinisekileyo uYehova nguThixo wobona bulungisa namandla.
Bonke abo balwa naye baza kuza kuye behlazekile.
25 Yonke inzala* kaSirayeli iza kubona ukuba yenze kakuhle ngokuthembela ngoYehova+Ibe iza kuqhayisa ngezinto ayenzele zona.’”
Umbhalo osemazantsi
^ Ngokoqobo, “ndikhulule imibhinqo ezinqeni zookumkani.”
^ Ngokoqobo, “Ndiza kukubhinqisa ndikuqinise.”
^ Okanye “ekuphumeni kwelanga ukuya kutsho ekutshoneni kwalo.”
^ Okanye “uphikisana.”
^ Okanye “naLowo Umenzileyo.”
^ Okanye “kuMenzi.”
^ Okanye kusenokwenzeka, “Okanye udongwe luthi: ‘Into oyenzileyo ayinamiqheba’?”
^ Okanye “Yintoni le ikwenza ube nenimba?”
^ Okanye kusenokwenzeka, “Abasebenzi baseYiputa.”
^ Okanye kusenokwenzeka, “noosomashishini baseTiyopiya naseShebha.”
^ Okanye kusenokwenzeka, “ungabi nanto.”
^ Ngokoqobo, “kwimbewu.”
^ Ngokoqobo, “imbewu.”