Isaya 55:1-13

  • Bamenywa ukuba batye baze basele simahla (1-5)

  • Funani uYehova nelizwi lakhe elinokuthenjwa (6-13)

    • Iindlela zikaThixo ziphakamile kunezabantu (8, 9)

    • Ilizwi likaThixo liza kuphumelela ngokuqinisekileyo (10, 11)

55  Nonke nina ninxaniweyo+ yizani, yizani emanzini!+ Nina ningenamali, yizani nithenge nize nitye! Nangoku, yizani nithenge iwayini nobisi+ ngaphandle kwemali, simahla.+   Kutheni niqhubeka nikhupha imali ngento engesosonka,Kwaye kutheni nichitha imali yenu eniyisebenzele nzima kwimfitshimfitshi? Ndimameleni kakuhle nize nitye ukutya okumnandi,+Ibe niza kuvuyela ukutya izimuncumuncu.*+   Vulani iindlebe, nize kum.+ Ndimameleni ukuze nihlale niphila,Kwaye ndiza kukulungela ukwenza isivumelwano nani esiza kuhlala sikho+Ndinithande ngothando olungagugqiyo endaluthembisa uDavide.+   Jonga! Ndimenze ingqina+ kwiintlanga,Inkokheli+ nomphathi+ weentlanga.   Jonga! Uza kubiza uhlanga ongalwaziyo,Nabantu bohlanga ababengakwazi baza kubalekela kuwe,Ngenxa kaYehova uThixo wakho,+ Lowo Ungcwele kaSirayeli,Kuba uza kukuzukisa.+   Funani uYehova ngoxa esafumaneka.+ Mbizeni ngoxa esekufutshane.+   Umntu ongalunganga makashiye indlela yakhe,+Nomenzi-bubi makazishiye iingcinga zakhe;Makabuyele kuYehova, oza kumenzela inceba,+KuThixo wethu, kuba uza kumxolela kakhulu.*+   “Kuba iingcinga zenu ayizizo iingcinga zam,+Neendlela zenu ayizizo iindlela zam,” utsho uYehova.   “Njengokuba amazulu ephakamile kunomhlaba,Neendlela zam ziphakamile kuneendlela zenu,Neengcinga zam ziphakamile kuneengcinga zenu.+ 10  Njengokuba kusihla imvula nekhephu emazulwini,Zingabuyeli kuwo zingawumanzisanga umhlaba, ziwenze uvelise kwaye uhlume,Umnike imbewu umntu otyalayo, umnike nesonka otyayo, 11  Liza kuba njalo ke ilizwi eliphuma emlonyeni wam.+ Soze libuyele kum lingayenzanga into endiyithethileyo,+Kodwa nakanjani, liza kukwenza ukuthanda kwam,*+Ibe liza kuphumelela kuloo nto ndilithuma ukuba liyenze. 12  Kuba niza kuphuma ninemihlali,+Kwaye niza kubuyiswa ninoxolo.+ Iintaba neenduli ziza kuvuya phambi kwenu, zikhwaze ngovuyo,+Nemithi yonke yasendle iza kuqhwaba izandla.+ 13  Endaweni yamatyholo anameva kuza kuhluma umthi wejunipha.+Endaweni yerhawu* kuza kuhluma umthi wommirtile. Le nto iza kuzisa udumo* kuYehova,+Kube luphawu oluza kuhlala luhleli.”

Umbhalo osemazantsi

Ngokoqobo, “ukutya okunamafutha.”
Okanye “kumxolela nje lula.”
Okanye “kuyenza into endiyifunayo.”
Okanye “karhelejane.”
Okanye “kuza kumenzela igama.”