Isaya 58:1-14

  • Ukuzila ukutya kokwenene nokobuxoki (1-12)

  • Kuvuyelwa ukubhiyozela iSabatha (13, 14)

58  “Vula umqala, ukhwaze kakhulu; ungayeki! Khwaza kakhulu kube ngathi kuvakala ixilongo. Chazela abantu bam indlela abangathobelanga ngayo,+Uchazele indlu kaYakobi izono zayo.   Mihla le bafuna ndibakhokele,Babonisa ukuba bayavuyiswa ziindlela zam,Ngokungathi bebeluhlanga olwenza ubulungisaObelungakushiyanga okusesikweni* kukaThixo.+ Lucela ndilugwebe ngobulungisa,Ngokungathi luyakuvuyela ukusondela kuThixo:+   ‘Kutheni ungaboni xa sizile ukutya?+ Kutheni ungaqapheli xa sityiwa zizono zethu?’+ Kuba ngemini enizila ngayo, nenza unothanda,Ibe niyabacinezela abasebenzi benu.+   Niphela senixabana, nisilwa koku kuzila kwenu,Niphosa inqindi ngenkohlakalo. Aninakuzila ukutya ngale ndlela nenza ngayo namhlanje, nakugqiba nilindele ukuba ilizwi lenu liviwe ezulwini.   Ngaba le ndlela nizila ngayo yile ifunwa ndim,Imini umntu azibonakalisa ngayo esentlungwini,Athokombise intloko njengomzi,Azenzele umandlalo ngelaphu lokwenza ingxowa nothuthu? Yile nto na le niyibiza ukuzila nomhla owamkelekileyo kuYehova?   Naku ukuzila endikufunayo mna: Ukususa amatsheyini obubi,Ukukhulula izibopho zedyokhwe,+Ukukhulula umntu ocinezelekileyo,+Nokwaphula nayiphi na idyokhwe;   Ukuqhekezela umntu olambileyo kwisonka sakho,+Ukumemela emzini wakho umntu ongathathi ntweni nongenakhaya.Kukuthi xa ubona umntu ehamba ze umnike into yokunxiba,+Nokungamfulatheli umntu ozalana naye.   Ngoko ke, ukukhanya kwakho kuza kukhanya njengokuthi qheke kokusa,+Uza kukhawuleza uphile. Imisebenzi yakho yobulungisa iza kukukhokela,Yaye uzuko lukaYehova luza kukukhusela ngasemva.+   Uza kubiza, uYehova aphendule;Uza kukhalela uncedo, uThixo athi, ‘Ndim lo!’ Ukuba uyahlukana nedyokhwe yengcinezelo,Uyeke ukukhomba ngeminwe nokuthetha amazwi ahlabayo,+ 10  Ukuba umntu olambileyo umpha into nawe oyithandayo+Yaye wanelisa abantu abasentlungwini,Ngoko ke ukukhanya kwakho kuza kukhanya nasebumnyameni,Nesithokothoko sakho sobumnyama siza kuba njengasemini emaqanda.+ 11  UYehova uza kuhlala ekukhokelaAze akwanelise nokuba ukwilizwe elomileyo;+UThixo uza kuwomeleza amathambo akho,Yaye uza kuba njengegadi enkcenkceshelwa ngokwaneleyo,+Njengomthombo wamanzi ongatshiyo. 12  Ngokwesicelo sakho, baza kuzakha iindawo ebezingahlali bantu ixesha elide;+Yaye uza kuphinda uzakhe iziseko zezizukulwana ezadlulayo.+ Uza kubizwa ngokuba ungumngcibi weendonga ezidilikileyo,*+Umlungisi weendlela ekuhlalwa ngakuzo. 13  Ukuba ngenxa yeSabatha, imini engcwele, uyayeka ukwenza* ukuthanda kwakho,*+Yaye iSabatha uyibiza usuku olumnandi gqitha, imini kaYehova engcwele, imini yokuzukiswa,+Ibe uyayizukisa endaweni yokuba uleqeke emva kwezakho izinto, yaye uyayeka ukuthetha amazwi angakhiyo, 14  Uza kutsho wonwatyiswe nguYehova,Ibe ndiza kukwenza ulawule neendawo eziphakamileyo zomhlaba.+ Yaye ndiza kukunika* ilifa likaYakobi ukhokho wakho,+Kuba loo nto ithethwe ngumlomo kaYehova.”

Umbhalo osemazantsi

Okanye “ubulungisa.”
Ngokoqobo, “weentanda.”
Ngokoqobo, “uyalubuyisa unyawo lwakho ekwenzeni.”
Okanye “izinto ezithandwa nguwe.”
Okanye “kukwenza ulonwabele.”