Isaya 61:1-11
61 INkosi enguMongami uYehova indinike umoya wayo,+Kuba uYehova undikhethile* ukuba ndishumayele iindaba ezilungileyo kubantu abalulamileyo.+
Undithume ukuba ndibophe abantu abaneentliziyo ezaphukileyo,Ndishumayele ukuba abathinjwa baza kukhululwa,Nokuba aza kuvulwa amehlo amabanjwa,+
2 Undithumele ukuvakalisa unyaka wokwaneliseka kukaYehovaNomhla wempindezelo kaThixo wethu,+Ukuthuthuzela bonke abazilileyo,+
3 Ukuhoya abo bazilele iZiyon,Ndibanike isigqubuthelo sentloko endaweni yothuthu,Neoli ukuze bavuye kunokuba bazile,Ndibanike ingubo yokwaleka ukuze bandidumise kunokuba bakhathazeke.
Kwaye baza kubizwa ngokuba yimithi emikhulu yobulungisa,Izityalo zikaYehova ukuze azizukise.*+
4 Baza kuwakha kwakhona amabhodlo ekudala ekho;Baza kuzivusa iindawo ezawohloka kudala,+Ibe baza kuzilungisa izixeko ezatshatyalaliswayo,+Iindawo ebezingamabhodlo kwizizukulwana ngezizukulwana.+
5 “Kuza kufika abantu basemzini+ boluse imihlambi yenu,Abantu bolunye uhlanga babe ngabalimi kumasimi enu eediliya.+
6 Nina ke, niza kubizwa ngokuba ningababingeleli bakaYehova;+Kuza kuthiwa nizizicaka zikaThixo wethu.
Niza kudla ubutyebi beentlanga,+Niqhayise ngobutyebi enibufumene* kuzo.
7 Endaweni yokuhlazeka, niza kufumana isabelo esiphindwe kabini,Yaye endaweni yokuthotywa, abantu bam baza kukhwaza bevuya ngenxa yesabelo sabo.
Eneneni, baza kufumana ilifa eliphindwe kabini elizweni labo.+
Baza kuvuya ngonaphakade.+
8 Kuba mna Yehova ndiyakuthanda okusesikweni;*+Ndiyakucaphukela ukuqhathwa kwabantu nokungabikho kobulungisa.+
Ndithembekile nje, ndiza kubanika umvuzo wabo,Futhi ndiza kwenza isivumelwano sikanaphakade kunye nabo.+
9 Inzala* yabo iza kuduma phakathi kweentlanga+Nesizukulwana sabo sidume phakathi kwezizwe.
Wonke umntu obabonayo uza kwaziUkuba bayinzala* esikelelweyo nguYehova.”+
10 Ndiza kuvuyiswa nguYehova.
Ndiza konwaba ngoThixo wam.+
Kuba undinxibise iimpahla zosindiso;+Undibhijele ngesambatho* sobulungisa,Njengomyeni othwele iqhiya yamadoda oku kombingeleli,+Nanjengomtshakazi ozihombisa ngobuyoko-yoko bokuhomba.
11 Kanye njengokuba umhlaba untshulisa imbewuNegadi ihlumisa into etyalwe kuyo,NeNkosi enguMongami uYehovaIza kuhlumisa ubulungisa+ nendumiso+ phambi kwazo zonke iintlanga.
Umbhalo osemazantsi
^ Okanye “undithambisile.”
^ Okanye “ahombe.”
^ Okanye “ngozuko enilufumene.”
^ Okanye “ndiyabuthanda ubulungisa.”
^ Ngokoqobo, “bayimbewu.”
^ Ngokoqobo, “Imbewu.”
^ Okanye “ngesambatho esingenamikhono.”