Isaya 63:1-19

  • UYehova uziphindezela kwiintlanga (1-6)

  • Uthando olungagungqiyo lukaYehova ngemihla yakudala (7-14)

  • Umthandazo wokuguquka (15-19)

63  Ngubani na lo uthi gqi ngakwaEdom,+Lo uvela eBhotsera,+ enxibe iimpahla ezimibalabala,*Lo unxibe iimpahla ezimbejembeje,Engqisha ngamandlakazi? “Ndim lo, Lowo uthetha ngobulungisa,Lowo unamandla okusindisa angathethekiyo.”   Kutheni wanxiba bomvu,Neempahla zakho zangathi zezomntu oxovula iwayini kwisixovulelo?+   “Ndiye ndaxovula ndodwa emkhumbini wewayini. Akukho mntu wezizwana oye wazokundincedisa. Ndiqhubekile ke ndizixovula ndinomsindo,Ndaqhubeka ndizinyathela ndicaphuke kakhulu.+ Iimpahla zam zachatshazelwa ligazi lazo,Ndiye ndazingcolisa zonke iimpahla zam.   Kuba ndizimisele ukuzisa imini yokuziphindezela,+Ufikile nonyaka wabantu bam abahlawulelweyo.   Ndakhangela, kodwa kwakungekho mntu wakundinceda;Kwandimangalisa ukungafumani nomnye umntu ofuna ukundincedisa. Ngoko ke ingalo yam yandiphathela indlela yokusinda,*+Ndancedwa nangumsindo wam.   Ndazinyathela ndinomsindo izizwana,Ndazinxilisa ngomsindo wam+Ndaza ndalichithela phantsi igazi lazo.”   Ndiza kuthetha ngemisebenzi kaYehova yothando olungagungqiyo,Imisebenzi kaYehova efanele ukuzukiswa,Ngenxa yazo zonke izinto uYehova asenzele zona,+Izinto ezininzi ezintle azenzele indlu kaSirayeli,Ezenza ngenceba, nothando lwakhe olungathethekiyo, uthando olungagungqiyo.   Kuba uThixo wathi: “Bangabantu bam ngokuqinisekileyo, oonyana abaza kuthembeka kum.”*+ Ngoko ke, waba nguMsindisi wabo.+   Wayehlala ekhathazekile xa bekhathazekile.+ Yaye isithunywa sakhe sabasindisa.*+ Wabahlawulela kuba ebathanda futhi ebavela,+Wabafunqula waza wabathwala yonke imihla yakudala.+ 10  Kodwa bona basuka abamthobela,+ bawenza buhlungu umoya wakhe oyingcwele.+ Yena wabajikela, walutshaba lwabo,+Walwa nabo.+ 11  Baza abantu bakhe bakhumbula imihla yakudala,Imihla yomkhonzi wakhe uMoses, besithi: “Uphi na Lowo wabanyusa waza wabakhupha elwandle+ nabalusi bomhlambi wakhe?+ Uphi na Lowo wafaka umoya wakhe oyingcwele kuMoses,+ 12  Lowo wahambisa ingalo Yakhe ezukileyo nesandla sikaMoses sasekunene,+Lowo wahlukanisa amanzi phambi kwabo+Ukuze azenzele igama eliza kukhunjulwa ngonaphakade,+ 13  Lowo wabanqumlisa emanzini alwayo,*Ukuze bangakhubeki,Njengehashe ethafeni elithe tyaba?* 14  Kanye njengemfuyo xa isehlela kwithafa elisentlanjeni,Umoya kaYehova wabanceda baphumla.”+ Leyo yindlela owabakhokela ngayo abantu bakho,Ukuze ulenze longame* igama lakho.+ 15  Usezulwini apho, thoba amehloUkwelo khaya lakho lingcwele, lizukileyo.* Iphi na intshiseko nobukhulu* bakho,Ukusika kwenimba yakho*+ nenceba yakho?+ Andizifumenanga mna. 16  Kuba wena unguTata wethu;+Nokuba asaziwa nguAbrahamEsenokungasazi noSirayeli,Wena Thixo wethu Yehova unguTata wethu. Igama lakho unguMhlawuleli wethu wakudala.+ 17  Yehova Thixo wethu, kutheni usiyeka sizishiye iindlela* zakho? Kutheni uvumela* iintliziyo zethu zibe lukhuni size singakoyiki?+ Buya ngenxa yabakhonzi bakho,Izizwe ezililifa lakho.+ 18  Liye laba lelabantu bakho abangcwele okwethutyana. Iintshaba zethu ziyinyathele indawo yakho engcwele.+ 19  Kangangethuba elide siye safana nje nabantu abangazange balawulwe nguwe,Njengabantu abangazange babizwe ngegama lakho.

Umbhalo osemazantsi

Okanye kusenokwenzeka, “ezibomvu krwe.”
Okanye “uloyiso.”
Okanye “abangazukuba ngamaxoki.”
Okanye “ingelosi eyayivela kuye yabadibanisa.”
Okanye “anzulu.”
Okanye “entlango?”
Okanye “libe lihle.”
Ngokoqobo, “Ukukrukrutheka kwenyama yakho yangaphakathi.”
Okanye “nobuhle.”
Okanye “lihle.”
Okanye “usikhupha ezindleleni.”
Ngokoqobo, “usenza.”