Isaya 64:1-12

  • Umthandazo wokuguquka uyaqhubeka (1-12)

    • UYehova “unguMbumbi wethu” (8)

64  Akwaba wawuwakrazule amazulu, wehla,Ukuze iintaba zinyikime ngenxa yakho,   Njengokuba umlilo utshisa iintsasa,Yaye ubilisa amanzi,Beliya kutsho igama lakho laziwe ziintshaba zakho,Zitsho iintlanga zingcangcazele phambi kwakho!   Xa wenza izinto ezoyikekayo ebesingazicingelanga nokuzicingela,+Wehla, zaza iintaba zanyikima phambi kwakho.+   Kwakudala, akukho kwamntu ovileyo okanye obeke indlebe,Kungekho nalihlo lakha labona uThixo ngaphandle kwakho,Wena olwela abo bahlala belindele kuwe.*+   Uhlangabezene nabo benza izinto ezilungileyo bevuya,+Abo bakukhumbulayo nabalandela iindlela zakho. Jonga! Uye wabhabhama ngumsindo xa besiqhubeka sisona,+Sikona ixesha elide. Ngoko ngaba sifanele sisindiswe?   Sonke siye safana nomntu ongacocekanga,Yaye zonke izenzo zethu zobulungisa zinjengelaphu elisetyenziswa libhinqa elisexesheni.+ Sonke siza kubuna oku kwegqabi,Neziphoso zethu ziza kusiphaphathekisela kude ngokungathi siphaphathekiswa ngumoya.   Akukho nokuba abe mnye obiza egameni lakho,Akukho mntu uzimisele ukubambelela kuwe,Kuba ubufihlile ubuso bakho kuthi,+Futhi usenze saphelelwa ngamandla* ngenxa yesiphoso* sethu.   Kodwa ke Yehova, wena unguTata wethu.+ Thina siludongwe, yaye wena unguMbumbi wethu;*+Sonke singumsebenzi wesandla sakho.   Kowu Yehova sukucaphuka kakhulu,+Sukuba sasikhumbula ngonaphakade nesiphoso sethu. Sicela usijonge, kuba sonke singabantu bakho. 10  Izixeko zakho ezingcwele ziye zaba yindawo eyomileyo. IZiyon iye yaba yintlango,NeYerusalem yaba ngamabhodlo.+ 11  Indlu* yethu engcwele nezukileyo*Ababekudumisela kuyo ookhokho bethu,Itshiswe ngomlilo,+Yaye zonke iindawo zethu ezazizezebhongo, ngoku zingamabhodlo. 12  Nangona kusenzeka ezi zinto, ngaba Yehova uza kuqhubeka usonge izandla? Ngaba uza kuthi cwaka uze usiyeke sisentlungwini kangaka?+

Umbhalo osemazantsi

Okanye “balinda ngomonde.”
Ngokoqobo, “yamandla esiphoso.”
Ngokoqobo, “sanyibilika.”
Okanye “senziwe Nguwe.”
Okanye “Itempile.”
Okanye “nentle.”