Isaya 9:1-21
9 Kodwa ke, ubumnyama abuzukuba njengaxa ilizwe lalisentlungwini, njengakwixesha elidlulileyo xa ilizwe lakwaZebhulon nelakwaNafetali laphathwa ngendelelo.+ Kodwa kwixesha elizayo uThixo uza kulenza lizukiswe, ukuya kutsho kwindlela yaselwandle, kummandla weYordan, kwiGalili yeentlanga.
2 Abantu ababehamba ebumnyameniBabone ukukhanya okuqaqambe kakhulu.
Ke bona abo bahlala elizweni lethunzi elimnyama,Baye bakhanyiselwa.+
3 Ulwandisile uhlanga;Ulonwabise gqitha.
Luye lwanemihlali phambi kwakhoNjengaxa abantu besiba nemihlali ngexesha lokuvuna,Njengabo bavuyayo xa besahlulelana ngamaxhoba.
4 Kuba uyaphule yaziingceba idyokhwe yomthwalo wabo,Intonga esemagxeni abo, nomsimelelo walowo ubasebenzisa nzima,Njengemini yakwaMidiyan.+
5 Zonke izihlangu ezinyikimisa umhlaba xa zimatshaNayo yonke impahla ehlaliswe egaziniIza kuphemba umlilo.
6 Kuba sizalelwe umntwana,+Sinikwe unyana;Yaye ukulawula* kubekwe emagxeni akhe.+
Igama lakhe iza kuba nguMcebisi Omangalisayo,+ uThixo Onamandla,+ uTata Ongunaphakade, iNkosana Yoxolo.
7 Ukwanda kolawulo lwakhe,*Noxolo aluzukuphela+Etroneni kaDavide+ nasebukumkanini bakhe,Ukuze kungabikho nto ibugungqisayo+ nokuze buxhasweNgokusesikweni* nangobulungisa,+Ngoku nangonaphakade.UYehova wemikhosi uzimisele, ibe uza kuyenza le nto.
8 UYehova wathumela ilizwi ukuze alumkise uYakobi,Ibe uye wamlumkisa uSirayeli.+
9 Yaye bonke abantu baza kulazi,UEfrayim nabemi baseSamariya,Abaye baphathwa likratshi nakukusa ezintliziyweni zabo, baza bathi:
10 “Izitena ziwile,Kodwa thina siza kwakha ngamatye asikwe kakuhle.+
Imithi yesikamore igawulwe,Kodwa thina siza kusebenzisa eyemisedare.”
11 UYehova uza kuphakamisa iintshaba zikaRetsin ukuze zilwe naye,Avuselele iintshaba zakhe ukuba zimchase ngokupheleleyo,
12 ISiriya ngasempuma namaFilisti ngasentshona,*+Ziza kumginya uSirayeli ngemilomo evulekileyo.+
Ngenxa yale nto, umsindo wakhe awuzukujika,Uza kuqhubeka esolulele ukubabetha isandla sakhe.+
13 Kuba abantu ababuyelanga kuLowo ubabethayo;Abamfunanga uYehova wemikhosi.+
14 UYehova uza kunqumla kwaSirayeliIntloko nomsila, ihlumelo nomzi* ngamini-nye.+
15 Intloko, ngumdala nomntu ohlonipheke kakhulu,Wona umsila ngumprofeti okhupha umyalelo wobuxoki.+
16 Abo bakhokela esi sizwana bayasibhadulisa,Nabo bakhokelwayo babhidekile.
17 Yiloo nto uYehova engazukuvuyiswa ngabafana babo,Ibe akazukuba nanceba kubantwana abangenatata* nabahlolokazi,Kwaye yonke imilomo ithetha izinto ezingekhoyo.Kuba bonke bangabawexuki nabenzi-bubi.+
Ngenxa yale nto, umsindo wakhe awuzukujika,Uza kuqhubeka esolulele ukubabetha isandla sakhe.+
18 Kuba ukwenziwa kwezinto ezimbi kuvutha njengomlilo,Oqwenga amatyholo anameva nokhula.
Kuza kutshisa iintshinyela zehlathi,Yaye ziza kunyuka zingumsi.
19 Ngenxa yomsindo kaYehova wemikhosiIlizwe litshiswe ngomlilo,Yaye abantu baza kudliwa ngumlilo.
Akukho mntu uza kusizela nomntakwabo lo wembala.
20 Umntu uza kusika ngasekunene,Kodwa abe esalambile;Omnye atye ngasekhohlo, kodwa angahluthi.
Ngamnye uza kutya inyama yengalo yakhe,
21 UManase uza kutya uEfrayim,NoEfrayim atye uManase.
Bobabini baza kulwa noYuda.+
Ngenxa yale nto, umsindo wakhe awuzukujika,Uza kuqhubeka esolulele ukubabetha isandla sakhe.+
Umbhalo osemazantsi
^ Okanye “ukuba ngurhulumente; ukulawula njengenkosana.”
^ Okanye “ukuba ngurhulumente kwakhe; ukulawula kwakhe njengenkosana.”
^ Okanye “Ngobulungisa.”
^ Ngokoqobo, “ngasemva.”
^ Okanye kusenokwenzeka, “isihlahla sesundu nengcongolo.”
^ Okanye “kwiinkedama.”