ISityhilelo Esiya KuYohane 11:1-19
11 Ndanikwa ingcongolo enjengentonga,*+ kusithiwa kum: “Phakama uze umete indawo engcwele yetempile kaThixo, isibingelelo kunye nabo bakhonzela kuyo.
2 Kodwa yona iyadi engaphandle kwendawo engcwele yetempile, yiyeke ungayimeti, kuba inikelwe ezintlangeni, yaye ziza kusinyathela iinyanga eziyi-42+ isixeko esingcwele.+
3 Ndiza kubangela amangqina am amabini ukuba aprofete iintsuku eziyi-1 260 enxibe amalaphu okwenza ingxowa.”
4 Wona amelwa yimithi yeminquma emibini+ neziphatho zezibane ezibini+ yaye ami phambi kweNkosi yomhlaba.+
5 Ukuba nabani na ufuna ukuwenzakalisa, kuphuma umlilo emilonyeni yawo uze uzitshise ziphele ezo ntshaba. Uya kubulawa ngolo hlobo ke umntu ofuna ukuwenzakalisa.
6 Wona anegunya lokulivala izulu+ ukuze kunganethi mvula+ ngemihla yokuprofeta kwawo, yaye anegunya lokujika amanzi abe ligazi+ nelokubetha umhlaba ngalo lonke uhlobo lwesibetho kangangoko efuna.
7 Xa ewugqibile umsebenzi wawo wokuba ngamangqina, kuza kunyuka irhamncwa liphuma kumngxuma ongenasiphelo,* liwahlasele, liwoyise lize liwabulale.+
8 Kwaye izidumbu zawo ziza kuba kwisitrato esikhulu sesixeko esikhulu esimelwa yiSodom neYiputa, apho iNkosi yawo yabulawa khona esibondeni.
9 Abantu bezizwana nezizwe neelwimi neentlanga baza kuzijonga ezo zidumbu iintsuku ezintathu ezinehafu,+ bangavumi ukuba zingcwatywe.
10 Abo bahlala emhlabeni baza kuvuyiswa kukufa kwala mangqina baze babhiyoze, bathumelelane nezipho, ngenxa yokuba aba baprofeti babini babebangcungcuthekisa.
11 Emva kweentsuku ezintathu ezinehafu, umoya wobomi ovela kuThixo wangena kula mangqina mabini+ aza ema ngeenyawo. Abantu abawabonayo boyika kakhulu.
12 Kwavakala ilizwi elikhulu liphuma ezulwini lisithi kuwo: “Nyukani nize apha.” Anyuka aya ezulwini ngelifu, zawabona iintshaba zawo.
13 Ngelo xesha kwabakho inyikima enkulu, kwaza kwatshabalala umntu omnye kwabalishumi esixekweni. Abantu abayi-7 000 babulawa yiloo nyikima, baza bonke abanye bothuka baza bamzukisa uThixo wezulu.
14 Intlungu engathethekiyo yesibini+ idlule. Jonga! Eyesithathu iza ngokukhawuleza.
15 Ingelosi yesixhenxe yavuthela ixilongo layo.+ Emva koko kwavakala amazwi amakhulu ezulwini, esithi: “Ubukumkani behlabathi buye baba buBukumkani beNkosi yethu+ noKristu wayo,+ ibe iza kuba ngukumkani ngonaphakade kanaphakade.”+
16 Abadala abayi-24+ ababehleli phambi koThixo kwiitrone zabo, baqubuda baza bakhonza uThixo,
17 besithi: “Siyakubulela, Yehova* Thixo, onguSomandla, lowo ukhoyo+ nowayekho, kuba uye wasebenzisa amandla akho, waqalisa ukulawula.+
18 Kodwa iintlanga zaba nomsindo, nawe wanomsindo, lafika nexesha elibekiweyo lokuba abantu abafileyo bagwetywe nelokuwanika umvuzo+ amakhoboka akho angabaprofeti,+ abo bangcwele kunye nabo baloyikayo igama lakho, abancinci nabakhulu, nokutshabalalisa abo bonakalisa umhlaba.”+
19 Emva koko kwavulwa indawo engcwele yetempile+ kaThixo esezulwini, ndaza ndabona ityeya yesivumelwano sakhe apho. Kwabakho imibane, amazwi, iindudumo, inyikima nesichotho esikhulu.
Umbhalo osemazantsi
^ Okanye “enjengentonga yokumeta.”
^ Funda Ingcaciso Yamagama.
^ Funda Isihlomelo A5.