ISityhilelo Esiya KuYohane 15:1-8

  • Iingelosi ezisixhenxe ezinezibetho ezisixhenxe (1-8)

    • Ingoma kaMoses nengoma yeMvana (3, 4)

15  Ndabona omnye umqondiso ezulwini, umqondiso omkhulu nomangalisayo, iingelosi ezisixhenxe+ zinezibetho ezisixhenxe. Ezi zizibetho zokugqibela, kuba umsindo kaThixo ugqityezelwa ngazo.+  Ndabona into engathi lulwandle lweglasi+ luxutywe nomlilo, yaye abo baloyisayo+ irhamncwa nomfanekiso walo,+ nabangazange baphawulwe ngenani legama lalo+ babemi ngakolo lwandle lweglasi, bephethe iihadi zikaThixo.  Babecula ingoma kaMoses+ ikhoboka likaThixo, nengoma yeMvana,*+ besithi: “Mikhulu kwaye iyamangalisa imisebenzi yakho+ Yehova* Thixo Somandla.+ Iindlela zakho zezobulungisa+ yaye ziyinyaniso, Kumkani kanaphakade.+  Ngubani ongenokukoyika wena Yehova,* aze azukise igama lakho? Kaloku nguwe wedwa othembekileyo.+ Kuba zonke iintlanga ziza kuza zinqule phambi kwakho,+ kuba imithetho yakho yobulungisa ibonakalisiwe.”  Emva koko ndabona indawo engcwele yentente yobungqina+ ivulekile ezulwini,+  kwaphuma iingelosi ezisixhenxe ezinezibetho ezisixhenxe+ zivela kuloo ndawo ingcwele, zinxibe ilinen ecocekileyo neqaqambileyo, yaye zibhinqe imibhinqo yegolide ezifubeni zazo.  Esinye sezidalwa eziphilayo ezine sanika ezo ngelosi zisixhenxe izitya zegolide ezisixhenxe ezazigcwele ngumsindo kaThixo,+ ophila ngonaphakade kanaphakade.  Indawo èngcwele yagcwala ngumsi ngenxa yozuko lukaThixo+ nangenxa yamandla akhe, yaye akukho mntu wakwaziyo ukungena endaweni engcwele zada zaphela izibetho ezisixhenxe+ zeengelosi ezisixhenxe.

Umbhalo osemazantsi

Okanye “yeTakane Legusha.”