ISityhilelo Esiya KuYohane 20:1-15
20 Ndabona ingelosi isihla iphuma ezulwini inesitshixo somngxuma ongenasiphelo*+ yaye iphethe netsheyina elikhulu.
2 Yayibamba inamba,+ laa nyoka yakudala,+ ekuthiwa nguMtyholi+ uSathana,+ yayibopha iminyaka eyi-1 000.
3 Yayiphosa emngxunyeni ongenasiphelo,*+ yawuvala ngci, yawubeka isitampu ukuze inamba ingaphindi ilahlekise iintlanga de kuphele iminyaka eyi-1 000. Emva koko iza kukhululwa okwethutyana.+
4 Kwakhona ndabona iitrone, yaye abo babehleli kuzo banikwa igunya lokugweba. Ndabona imiphefumlo* yabo babebulewe ngenxa yokungqina ngoYesu nangokuthetha ngoThixo, nabo bangazange balinqule irhamncwa nomfanekiso walo nabangazange baphawulwe ebunzi okanye esandleni.+ Babuyela ebomini baza baba ngookumkani kunye noKristu+ iminyaka eyi-1 000.
5 (Abanye ababefile+ abazange babuyele ebomini de yaphela iminyaka eyi-1 000.) Luvuko lokuqala olo.+
6 Bayavuya yaye bangcwele abantu abaza kufumana uvuko lokuqala.+ Ukufa kwesibini+ akunagunya kubo,+ kodwa baza kuba ngababingeleli+ bakaThixo nabakaKristu, babe ngookumkani kunye naye iminyaka eyi-1 000.+
7 Ngokukhawuleza emva kokuphela kweminyaka eyi-1 000, uSathana uza kukhululwa eluvalelweni,
8 aze aphume aye kulahlekisa iintlanga emhlabeni wonke, uGogi noMagogi, ukuze aziqokelelele emfazweni. Inani lazo lilingana nesanti yolwandle.
9 Ezo ntlanga zahamba umhlaba wonke zaza zayirhangqa inkampu yabo bangcwele nesixeko esithandwayo. Kodwa kwehla umlilo ezulwini wazitshabalalisa.+
10 UMtyholi owayezilahlekisa waphoswa echibini lomlilo nesalfure, apho lalisele liphoswe khona irhamncwa+ nomprofeti wobuxoki,+ yaye baza kungcungcuthekiswa imini nobusuku ngonaphakade kanaphakade.
11 Ndabona itrone enkulu emhlophe naLowo wayehleli kuyo.+ Umhlaba nezulu zabaleka zemka phambi kwakhe,+ yaye zange ziphinde zifunyanwe ndawo.
12 Ndabona nabantu abafileyo, abakhulu nabancinci, bemi phambi kwetrone, nemisongo yayivuliwe. Kodwa kwavulwa omnye umsongo, umsongo wobomi.+ Abo bantu babefile bagwetywa ngokwezinto ezibhalwe kuloo misongo, ngokwezenzo zabo.+
13 Ulwandle lwabakhupha kulo abantu ababefile, nako ukufa nengcwaba* kwabakhupha abantu ababefile, waza umntu ngamnye wagwetywa ngokwezenzo zakhe.+
14 Kwaza ukufa nengcwaba* kwaphoswa echibini lomlilo.+ Eli chibi lomlilo+ lithetha ukufa kwesibini.+
15 Ngaphezu koko, nabani na owayengabhalwanga encwadini yobomi,+ waphoswa echibini lomlilo.+
Umbhalo osemazantsi
^ Funda Ingcaciso Yamagama.
^ Funda Ingcaciso Yamagama.
^ Funda Ingcaciso Yamagama nombhalo osemazantsi we-ISi 6:9.
^ Funda Ingcaciso Yamagama.
^ Funda Ingcaciso Yamagama.