IZililo 1:1-22

  • IYerusalem ifaniswa nomhlolokazi

    • Ishiyeke yodwa ilahliwe (1)

    • Izono ezikhulu zeZiyon (8, 9)

    • IZiyon ilahlwa nguThixo (12-15)

    • Akukho mntu wokuthuthuzela iZiyon (17)

א [ʼAʹleph]* 1  Ngoku isixeko sishiyeke sodwa, isixeko esasikade sinabantu abaninzi!+ Siye saba njengomhlolokazi, umntu owayedumile phakathi kweentlanga!+ Lowo wayeyinkosazana phakathi kwamaphondo uye wakhotyokiswa!+ ב [Beth]   Uyagixa ebudeni bobusuku,+ iinyembezi ziyazehlela ezidleleni zakhe. Akukho nasinye kwizithandwa zakhe esimthuthuzelayo.+ Onke amaqabane akhe amjikele.+ Aye aziintshaba zakhe. ג [Gimel]   UYuda uye ekuthinjweni+ esentlungwini nakubukhoboka obunzima.+ Umele ahlale phakathi kweentlanga,+ akanandawo yakuphumla. Bonke abatshutshisi bakhe bamfikele esentlungwini. ד [Daleth]   Zonke iindlela eziya eZiyon zizilile, kuba akukho mntu uzayo ethekweni.+ Zonke iigeyithi zayo zitshabalele,+ ababingeleli bayo bayancwina. Iintombi zayo zisentlungwini, nayo isentlungwini. ה [He]   Ngoku iintshaba zayo ziye zaba yinkosi* phezu kwayo, iintshaba zayo azinaxhala.+ Kuba uYehova uyizisele intlungu ngenxa yobuninzi bezono zayo,+ Abantwana bayo baye ekuthinjweni beqhutywa lutshaba.+ ו [Waw]   Bonke ubukhulu bumkile kwintombi yaseZiyon.+ Iinkosana zayo zinjengamaxhama angafumani dlelo,Yaye zihamba zidiniwe phambi kwabo bazileqayo. ז [Zayin]   Ngemihla yentlungu yayo nokungabi namakhaya kwabantu bayo, iYerusalem ikhumbulaZonke izinto zayo ezixabisekileyo zemihla yakudala.+ Xa abantu bayo bawela ezandleni zotshaba kwaye ingenamncedi,+Iintshaba zayibona zahleka* ngenxa yokuwa kwayo.+ ח [Heth]   IYerusalem yone kakhulu.+ Yiloo nto iyinto eyenyanyekayo. Bonke ababeyiphatha ngembeko ngoku bayayidelela, kuba babubonile ubuze bayo.+ Iyancwina+ ize ifulathele kuba ihlazekile. ט [Teth]   Ukungcola kwayo kusempahleni yayo. Khange icinge ngekamva layo,+ Ukuwa kwayo kuyothusa, ayinamthuthuzeli. Owu Yehova, khawubone intlungu yam, kuba utshaba luzikhukhumalisile.+ י [Yod] 10  Utshaba luthathe bonke ubutyebi bayo.+ Kuba ibone iintlanga zingena engcweleni yayo,+Owawuyalele ukuba zingangeni ebandleni lakho. כ [Kaph] 11  Bonke abantu bayo bayancwina, bakhangela isonka.+ Banikise ngezinto zabo ezixabisekileyo kuba bekhangela into etyiwayo, ukuze bahlale bephila. Khawubone Yehova, kuba ndiye ndanjengebhinqa elingenaxabiso.* ל [Lamed] 12  Ngaba ayinamsebenzi le nto kuni nonke nina nidlula ngendlela? Khangelani nize nibone. Ngaba ikho intlungu enjengale endiye ndayifumana,Nathe uYehova wandivisa yona ngemini yomsindo wakhe?+ מ [Mem] 13  Ephezulu uthumele umlilo emathanjeni am,+ yaye woyisa ngalinye kuwo. Uzibekele umnatha iinyawo zam, undinyanzele ukuba ndibuye umva. Undenze ndalibhinqa elingumpha ochutywe walahlwa. Imini yonke ndiyagula. נ [Nun] 14  Izono zam zibotshelelwe oku kwedyokhwe, ziqiniswe ngesandla sakhe. Zibekwe entanyeni yam, yaye ndiphelelwe ngamandla. UYehova undinikele esandleni sabo ndingakwaziyo ukumelana nabo.+ ס [Samekh] 15  UYehova uwalahlele ecaleni amadoda anamandla akunye nam.+ Undibizele intlanganiso ukuze abaqhekeze abafana bam.+ UYehova uyixovulele esixovulelweni intombi yakwaYuda engazange yalala nandoda.+ ע [Ayin] 16  Ndiyalila ngenxa yezi zinto,+ amehlo am ehla iinyembezi. Kuba nabani na onokundithuthuzela okanye andihlaziye* ukude. Oonyana bam bashiyeke bengenanto, kuba utshaba loyisile. פ [Pe] 17  IZiyon izolulile izandla zayo.+ Ayinamntu wakuyithuthuzela. UYehova ukhuphe umyalelo wokuba iintshaba ezingqonge uYakobi zimhlasele.+ IYerusalem iye yaba yinto eyenyanyekayo kuzo.+ צ [Tsade] 18  UYehova lilungisa,+ kuba ndivukele umyalelo* wakhe.+ Mamelani nonke zizwana, nibone intlungu yam. Iintombi zam ezingazange zalala nandoda, nabafana bam bathinjiwe.+ ק [Qoph] 19  Ndizibizile izithandwa zam, kodwa zindijikele.+ Ababingeleli bam namadoda amadala akwam atshabalele,Ngoxa ekhangela ukutya ukuze ahlale ephila.*+ ר [Resh] 20  Khawubone Yehova, kuba ndisentlungwini engathethekiyo. Ndiyaxuxuzela* ngaphakathi. Intliziyo yam ilihlwili, kuba bendingamameli tu.+ Ngaphandle ikrele liyaqwenga.+ Nangaphakathi endlini kukho ukufa. ש [Shin] 21  Abantu bakuvile ukuncwina kwam. Andinamntu wakundithuthuzela. Zonke iintshaba zam zivile ngentlekele yam. Ziyavuya kuba uyizisile.+ Kodwa uza kuzisa imini oyixelileyo,+ ukuze nazo zibe njengam.+ ת [Taw] 22  Kwanga bungafika phambi kwakho bonke ububi bazo, yaye kwanga ungazihlasela,+Kanye njengokuba uye wandihlasela ngenxa yazo zonke izono zam. Kuba kuninzi ukuncwina kwam, nentliziyo yam iyagula.

Umbhalo osemazantsi

ISahluko sokuqala ukuya kwesesine ziluhlobo lombongo obhalwe ngokokulandelelana koonobumba besiHebhere.
Ngokoqobo, “yintloko.”
Okanye “zayivuyelela.”
Apha iYerusalem imntwisiwe.
Okanye “onokuhlaziya umphefumlo wam.”
Ngokoqobo, “umlomo.”
Okanye “ukuze abuyise umphefumlo.”
Ngokoqobo, “Amathumbu ayabila.”