IZililo 4:1-22

  • Izinto ezimbi ezenzeka eYerusalem xa irhangqiwe

    • Akukho kutya (4, 5, 9)

    • Abafazi bapheka abantwana babo (10)

    • UYehova uwugalele umsindo wakhe (11)

א [Aleph] 4  Ifiphale ngeyona ndlela igolide emenyezelayo, igolide elungileyo!+ Asasazwe athi saa amatye angcwele+ kwiikona zazo zonke izitrato!*+ ב [Beth]   Bona ke oonyana abaxabisekileyo baseZiyon, abalinganiswe ngegolide* esulungekisiweyo,Bajongwe ngayo njengeengqayi zodongwe,Umsebenzi wezandla zombumbi! ג [Gimel]   Kwanoodyakalashe bayawancancisa amathole abo,Kodwa intombi yabantu bam ikhohlakele,+ njengeenciniba entlango.+ ד [Daleth]   Ulwimi losana oluncancayo luthe nca enkalakahleni yalo ngenxa yonxano. Abantwana bacela isonka,+ kodwa akukho mntu ubanikayo.+ ה [He]   Abo babesitya izimuncumuncu balambile* ezitratweni.+ Abo bakhule benxiba ezibomvu krwe+ kuye kwafuneka bawole iimfumba zothuthu. ו [Waw]   Isohlwayo* sentombi yabantu bam sikhulu ngakumbi kunesohlwayo sesono seSodom,+Eyabhukuqwa ngephanyazo, kungekho sandla sakuyinceda.+ ז [Zayin]   AmaNaziri+ ayo ayesulungeke ngakumbi kunekhephu, emhlophe ngakumbi kunobisi. Ayebubomvurha ngakumbi kuneekorale, enjengeesafire ezimenyezelayo. ח [Heth]   Inkangeleko yawo imnyama ngakumbi kunesithokothoko.Awaqondakali ezitratweni. Ulusu lwawo luye lwashwabana emathanjeni awo,+ lwanjengomthi owomileyo. ט [Teth]   Abo babulewe ngekrele balunge ngakumbi kunabo babulewe yindlala,+Abo baphelelwe ngamandla, behlatyiwe ngenxa yokungabikho kokutya entsimini. י [Yod] 10  Izandla zabafazi abanosizi zibilise abantwana babo.+ Baye bakukutya kokuthuthuzela xa bekusiwa intombi yabantu bakuthi.+ כ [Kaph] 11  UYehova uyibonakalisile ingqumbo yakhe,Uwugalele umsindo wakhe.+ Yaye uvuthisa umlilo eZiyon otshisa iziseko zayo.+ ל [Lamed] 12  Ookumkani bomhlaba nabo bonke abemi belizwe elinemveliso abazange bakholweUkuba kungangena utshaba nomchasi kwiigeyithi zaseYerusalem.+ מ [Mem] 13  Kwakungenxa yezono zabaprofeti bayo, iziphoso zababingeleli bayo,+Abachitha igazi lamalungisa phakathi kwayo.+ נ [Nun] 14  Baye babhadula njengeemfama+ ezitratweni. Bangcoliswe ligazi,+Kangangokuba akukho ukwaziyo ukuchukumisa iimpahla zabo. ס [Samekh] 15  “Hambani! Anicocekanga!” batsho xa bebakhwaza. “Hambani! Hambani! Ningasiphathi!” Kuba abanamakhaya ibe bayabhadula. Abantu baye bathi phakathi kweentlanga: “Abanakuhlala apha kunye nathi.*+ פ [Pe] 16  Ubuso bukaYehova bubasasazile,+Akazukubajonga aze akholiseke ngabo kwakhona. Amadoda awazukubahlonipha ababingeleli,+ awazukukholiswa ngamadoda amakhulu.”+ ע [Ayin] 17  Nangoku amehlo ethu adiniwe kukukhangela uncedo olungekhoyo.+ Silufune salufuna uncedo kuhlanga olungenakusisindisa.+ צ [Tsade] 18  Baye basizingela bethe chu emva kwethu+ ukuze singahambi kwiindawo zikawonke-wonke. Sisondele isiphelo sethu, imihla yethu iphelile, kuba sifikile isiphelo sethu. ק [Qoph] 19  Abo basileqayo bakhawuleza ngakumbi kuneenkozi zesibhakabhaka.+ Baye basileqa ezintabeni, baye basihlasela entlango. ר [Resh] 20  Impefumlo yamathatha ethu, lowo ukhethwe nguYehova,+ uthinjiwe kumngxuma wabo omkhulu,+Lowo sithe ngaye: “Siza kuhlala emthunzini wakhe phakathi kweentlanga.” ש [Sin] 21  Vuya uze ube nemihlali ntombi yakwaEdom,+ njengoko uhleli kwilizwe lakwaUtse. Kodwa indebe iza kudluliselwa nakuwe,+ ibe uza kunxila uze uhambe ze.+ ת [Taw] 22  Isohlwayo sesiphoso sakho ntombi yaseZiyon, sifikelele esiphelweni. Akazukuphinda akuse ekuthinjweni.+ Kodwa uza kujonga isiphoso sakho ntombi yakwaEdom. Uza kuzityhila izono zakho.+

Umbhalo osemazantsi

Ngokoqobo, “kwiintloko zazo zonke izitrato.”
Okanye “ababekade bexabiseke njengegolide.”
Ngokoqobo, “baphanzile.”
Ngokoqobo, “Isiphoso.”
Okanye “Abanakuhlala apha njengabantu basemzini.”