IZililo 5:1-22

  • Abantu bathandazela ukubuyiselwa

    • “Yikhumbule into esehleleyo” (1)

    • ‘Siza kuthi shu; sonile’ (16)

    • “Sibuyisele kuwe, yhini Yehova” (21)

    • “Sizisele imihla emitsha” (21)

5  Yhini Yehova, yikhumbule into esehleleyo. Jonga uze ulibone ihlazo lethu.+   Ilifa lethu linikwe abasemzini, izindlu zethu kwabolunye uhlanga.+   Siye saba ziinkedama ezingenatata, oomama bethu banjengabahlolokazi.+   Kufuneka sibhatale ukuze sisele amanzi ethu,+ iinkuni zethu ziza kuthi ngexabiso.   Abo basileqayo basihleli entanyeni,Sityhafile, kodwa asiphunyuzwa.+   Solulela isandla sethu kwiYiputa+ neAsiriya,+ ukuze sifumane isonka esaneleyo sokutya.   Ookhokho bethu abonayo abasekho, kodwa kufuneka thina sithwale izono zabo.   Ngoku silawulwa zizicaka, akukho mntu usihluthayo esandleni sazo.   Isonka sethu sisizisa ngokubeka ubomi bethu* engozini,+ ngenxa yekrele lasentlango. 10  Ulusu lwethu luvutha oku kweziko, ngenxa yentlungu ebangelwa yindlala.+ 11  Babahlazisile* abafazi eZiyon, iintombi kwizixeko zakwaYuda.+ 12  Iinkosana zaxhonywa ngesandla sazo,+ namadoda amakhulu awazange ahlonitshwe.+ 13  Abafana bathwala ilitye lokuguba, namakhwenkwe akhubeka phambi kweenkuni. 14  Amadoda amakhulu emkile egeyithini yesixeko,+ abafana abasawudlali umculo wabo.+ 15  Iphelile imihlali kwintliziyo yethu, ukudanisa kwethu kujike kwaba kukuzila.+ 16  Siwile isithsaba sentloko yethu. Thina siza kuthi shu, kuba sonile! 17  Ngenxa yale nto intliziyo yethu iyagula,+Ngenxa yezi zinto amehlo ethu anorhatyazo,+ 18  Ngenxa yokuba iNtaba YeZiyon ingenabantu,+ iimpungutye zizula-zula kuyo. 19  Owu Yehova, uya kuhlala etroneni yakho ngonaphakade. Itrone yakho yeyezizukulwana ngezizukulwana.+ 20  Kutheni usilibala ngonaphakade uze usilahle ixesha elide?+ 21  Sibuyisele kuwe, yhini Yehova, yaye siza kukulungela ukubuyela kuwe.+ Sizisele imihla emitsha enjengeyakudala.+ 22  Noko ke, usilahle ngokupheleleyo. Unomsindo gqitha ngenxa yethu.+

Umbhalo osemazantsi

Okanye “umphefumlo wethu.”
Okanye “Babadlwengulile.”