Ileta Eya KwabaseKolose 3:1-25
3 Ukuba navuswa noKristu,+ qhubekani nifuna izinto zaphezulu, apho uKristu ahleli ngasekunene kukaThixo.+
2 Hlalani nicinga ngezinto zaphezulu,+ kungekhona ezasemhlabeni.+
3 Kuba nafa, yaye ubomi benu bufihlwe kuKristu ngokokuthanda kukaThixo.
4 Xa uKristu obubomi bethu+ ebonakaliswa, nani niza kubonakaliswa kunye naye nizukile njengaye.+
5 Ngoko yitshabalaliseni iminqweno yamalungu emizimba yenu+ yokuziphatha kakubi ngesondo,* yokungcola, yokurhalela isondo ngendlela engalawulekiyo,+ umnqweno owenzakalisayo nokunyoluka okulunqulo-zithixo.
6 UThixo uza kuba nomsindo ngenxa yokuba abantu besenza ezi zinto.
7 Nani nanikhe nazenza ezi zinto xa naniphila njengabo.*+
8 Kodwa ngoku kufuneka niziyeke ezi zinto: ukuqumba, umsindo, ububi,+ ukuthetha amazwi ahlabayo,+ nokuthetha izinto ezimdaka+ ngemilomo yenu.
9 Sanukuxokisana.+ Bukhululeni ubuntu obudala,+ niziyeke izinto enanizenza,
10 nize ninxibe ubuntu obutsha,+ obenziwa bube butsha ngolwazi oluchanileyo, ukuze bubonakalise ubuntu balowo wabudalayo.+
11 Obu buntu abunamGrike namYuda, abunamntu wolukileyo nongolukanga, abunamntu wasemzini, abunamSkitiya,* abunakhoboka, namntu ukhululekileyo; kodwa uKristu ukho kuzo zonke izinto yaye siphantsi kwakhe.+
12 Ngoko ke njengabantu abanyulwe nguThixo,+ abangcwele nabathandayo, nxibani imfesane,+ ububele, ukuthobeka,+ umoya ozolileyo+ nomonde.+
13 Qhubekani ninyamezelana yaye nixolelana ngokusuka entliziyweni*+ nokuba omnye unesizathu sokukhalazela omnye.+ Xolelanani ngokusuka entliziyweni* kanye njengoko uYehova* wanixolela ngokusuka entliziyweni.*+
14 Ngaphezu kwazo zonke ezi zinto, nxibani uthando,+ kuba lubamanyanisa ngokupheleleyo abantu.+
15 Kwakhona iintliziyo zenu mazilawulwe luxolo lukaKristu,+ kuba enyanisweni uThixo wanikhetha ukuba nibe ngumzimba omnye yaye nibe seluxolweni. Hlalani nibulela.
16 Ilizwi likaKristu malisebenze kuni ngokupheleleyo lize linenze nibe nobulumko. Qhubekani nifundisana yaye nikhuthazana ngeendumiso,+ nidumisa uThixo ngeengoma zokukhonza nezokubulela, nimculela uYehova* ngeentliziyo zenu.+
17 Nantoni na eniyithethayo neniyenzayo, zonke izinto zenzeni egameni leNkosi uYesu, nimbulela egameni lakhe uThixo uTata wethu.+
18 Nina bafazi, wathobeleni amadoda enu,+ njengokuba iNkosi ilindele loo nto.
19 Nina madoda, qhubekani nibathanda abafazi benu,+ ningabi namsindo* kubo.+
20 Nina bantwana, bathobeleni abazali benu kuyo yonke into,+ kuba iNkosi iyayithanda loo nto.
21 Nina bootata, sanukubacaphukisa abantwana benu,+ ukuze bangatyhafi.
22 Nina makhoboka, hlalani nibathobela abo baziinkosi zenu zasemhlabeni,+ hayi kuphela xa benibona, ngokungathi nenzela abantu, kodwa thobelani ngokusuka entliziyweni kuba nisoyika uYehova.*
23 Nantoni na eniyenzayo, yenzeni ngomphefumlo* wenu wonke, kube ngathi niyenzela uYehova*+ kungekhona abantu,
24 kuba nisazi ukuba umvuzo olilifa eniza kuwufumana uvela kuYehova.*+ Yibani ngamakhoboka eNkosi uKristu.
25 Umntu owenze into embi uza kohlwaywa ngaloo nto ayenzileyo,+ kuba uThixo akakhethi buso.+
Umbhalo osemazantsi
^ Okanye “yokuhenyuza.” NgesiGrike, por·neiʹa. Funda Ingcaciso Yamagama.
^ Okanye “kubomi benu bangaphambili.”
^ Xa kuthethwa “ngomSkitiya,” kuthethwa ngomntu ongaphucukanga.
^ Okanye “ngesisa.”
^ Funda Isihlomelo A5.
^ Okanye “ngesisa.”
^ Okanye “ngesisa.”
^ Funda Isihlomelo A5.
^ Okanye “ningabi ngqwabalala.”
^ Funda Isihlomelo A5.
^ Funda Ingcaciso Yamagama.
^ Funda Isihlomelo A5.
^ Funda Isihlomelo A5.