Levitikus 1:1-17
-
Umnikelo otshiswayo (1-17)
1 UYehova wabiza uMoses waza wathetha naye esententeni yokuhlangana,+ wathi:
2 “Thetha namaSirayeli,* uthi kuwo, ‘Ukuba nabani na kuni uzisa umnikelo osisilwanyana sasekhaya kuYehova, nifanele nizise umnikelo lowo wenu niwuthatha emhlambini weenkomo nasemhlambini weegusha.+
3 “‘Ukuba umnikelo wakhe ngumnikelo otshiswayo othathwe emhlambini weenkomo, ufanele azise inkunzi ephilileyo.+ Ufanele ayizise ngokuzithandela+ kumnyango wentente yokuhlangana phambi koYehova.
4 Umele abeke isandla sakhe phezu kwentloko yaloo mnikelo utshiswayo, ibe uza kwamkelwa umnikelo egameni lakhe ukuze zihlawulelwe izono zakhe.
5 “‘Emva koko elo thole liyinkunzi yenkomo limele lixhelwe phambi koYehova, bona oonyana baka-Aron, ababingeleli,+ baza kuzisa igazi baze balifefe kuwo onke amacala esibingelelo+ esikumnyango wentente yokuhlangana.
6 Umnikelo otshiswayo umele uhlinzwe uze unqunqwe.+
7 Oonyana baka-Aron, ababingeleli, bamele babeke umlilo phezu kwesibingelelo+ baze babeke iinkuni emlilweni.
8 Baza kuyibeka kakuhle inyama enqunqiweyo,+ kunye nentloko namanqatha, phezu kweenkuni ezisemlilweni ophezu kwesibingelelo.
9 Amathumbu namanqina awo aza kuhlanjwa ngamanzi, yaye umbingeleli umele aqhumise ngazo zonke ezo zinto esibingelelweni, zibe ngumnikelo otshiswayo, umnikelo otshiswa ngomlilo olivumba elimnandi kuYehova.+
10 “‘Ukuba umnikelo wakhe otshiswayo yigusha okanye ibhokhwe,+ imele ibe yinkunzi ephilileyo.+
11 Imele ixhelelwe kwicala elingasemntla kwesibingelelo phambi koYehova, ibe oonyana baka-Aron, ababingeleli, baza kufefa igazi layo kumacala onke esibingelelo.+
12 Iza kunqunqwa, aze umbingeleli ayibeke kunye nentloko namanqatha ayo phezu kweenkuni ezikumlilo ophezu kwesibingelelo.
13 Wona amathumbu namanqina uza kuwahlamba ngamanzi, aze umbingeleli azibeke zonke, aqhumise ngazo esibingelelweni. Ngumnikelo otshiswayo lowo, umnikelo otshiswa ngomlilo olivumba elimnandi kuYehova.
14 “‘Kodwa ukuba uzisa iintaka zibe ngumnikelo otshiswayo kuYehova, uza kuthatha kumahobe asendle okanye kumantshontsho amahobe afuywayo.+
15 Umbingeleli uza kuyizisa esibingelelweni loo ntaka, ayivule inxeba entanyeni aze aqhumise ngayo esibingelelweni, kodwa lona igazi layo limele livuziswe ecaleni kwesibingelelo.
16 Umele akhuphe indlelo* neentsiba zayo aze azilahle ecaleni kwesibingelelo, ngasempuma, kwindawo yothuthu.*+
17 Uza kuyihlinza emaphikweni kodwa angayahluli kubini. Emva koko uza kuqhumisa ngayo esibingelelweni phezu kweenkuni ezisemlilweni. Ngumnikelo otshiswayo lowo, umnikelo otshiswa ngomlilo olivumba elimnandi kuYehova.
Umbhalo osemazantsi
^ Ngokoqobo, “koonyana bakaSirayeli.”
^ Oko kukuthi, isisu sokuqala.
^ Okanye “yothuthu olunamafutha eminikelo.”