Levitikus 11:1-47

  • Izilwanyana ezicocekileyo nezingacocekanga (1-47)

11  UYehova waphinda wathi kuMoses noAron:  “Yithini kumaSirayeli, ‘Nazi izilwanyana eziphilayo zasemhlabeni eninokuzitya:+  Ningazitya zonke izilwanyana ezineempuphu ezicandeke ngokupheleleyo nezetyisayo.  “‘Nazi eningamele ­nizitye kwezetyisayo nezicandwe ii­mpuphu: inkamela, kuba iyetyisa kodwa azicandwanga ngokupheleleyo iimpuphu zayo. Ayicocekanga kuni.+  Imbila,+ kuba iyetyisa kodwa azicandwanga ngokupheleleyo iimpuphu zayo. Ayicocekanga kuni.  Umvundla, kuba uyetyisa kodwa azicandwanga ngokupheleleyo iimpuphu zawo. Awucocekanga kuni.  Ihagu,+ kuba zicandwe ngokupheleleyo iimpuphu zayo kodwa ayetyisi. Ayicocekanga kuni.  Nize ningayityi tu inyama yazo, ningachukumisi nesidumbu sazo. Azicocekanga kuni.+  “‘Nazi izinto eziphila emanzini eninokuzitya: Nantoni na enamaphiko namaxolo, enoba iselwandle okanye isemlanjeni, ningayitya.+ 10  Kodwa nantoni na eselwandle nasemlanjeni engenamaphiko namaxolo, kwizinto ezinyakazelayo nazo zonke izinto eziphila emanzini, nimele nizenyanye. 11  Nimele nizenyanye, ningayityi tu inyama yazo,+ nenyanye nezidumbu zazo. 12  Zonke izinto ezingenamaphiko namaxolo eziphila emanzini ziyenyanyeka kuni. 13  “‘Nazi izilwanyana ezibhabhayo enimele nizenyanye. Nimele ningazityi kuba ziyenyanyeka: ukhozi,+ ukhozi olutya iintlanzi, ixhalanga elimnyama,+ 14  ukhetshe obomvu nabo bonke ookhetshe abamnyama, 15  lonke uhlobo lwamahlungulu, 16  inciniba, isikhova, ingabangaba, lonke uhlobo lookhetshe, 17  isikhova esincinci, ugwidi,* isikhova esineendlebe ezinde, 18  idada, ingcwangube, ixhalanga, 19  ingwamza, lonke uhlobo lookhwalimanzi, ubhobhoyi nelulwane. 20  Nimele nizenyanye zonke izinambuzane ezinamaphiko nemilenze emine. 21  “‘Kwizinambuzane ezinamaphiko nemilenze emine, nimele nitye kuphela ezinemilenze yokuxhuma entla kweenyawo. 22  Nazi ke eninokuzitya: lonke uhlobo lweenkumbi ezifudukayo, zonke iinkumbi ezityiwayo,+ iinyenzane neentethe. 23  Zonke izinambuzane ezinamaphiko nemilenze emine ziyenyanyeka kuni. 24  Ziza kunenza ningacoceki. Nabani na ochukumisa izidumbu zazo akazukucoceka kude kuhlwe.+ 25  Nabani na othwala izidumbu zazo umele azihlambe iimpahla zakhe.+ Uza kuba ngongacocekanga kude kuhlwe. 26  “‘Nasiphi na isilwanyana esineempuphu ezingacandekanga ngokupheleleyo nesingetyisiyo, asicocekanga kuni. Wonke umntu ozichukumisayo uza kuba ngongacocekanga.+ 27  Nasiphi na isilwanyana esihamba ngeentupha kwizilwanyana ezinemilenze emine, asicocekanga kuni. Wonke umntu ochukumisa izidumbu zazo akazukucoceka kude kuhlwe. 28  Othwala izidumbu zazo umele azihlambe izambatho zakhe,+ yaye uza kuba ngongacocekanga kude kuhlwe.+ Azicocekanga kuni. 29  “‘Nazi ke izilwanyana ezincinci ezingacocekanga kuni: intuku, impuku,+ lonke uhlobo lwamacikilishe, 30  untulo, icikilishe elikhulu, uqebeyi, icikilishe lasesantini nolovane. 31  Zonke ezo azicocekanga kuni.+ Wonke umntu ochukumisa izidumbu zazo akazukucoceka kude kuhlwe.+ 32  “‘Nantoni na ewelwa sisidumbu sezi zinto ayizukucoceka, nokuba sisitya esenziwe ngomthi, sisambatho, lufele okanye lilaphu lokwenza ingxowa. Nasiphi na isixhobo esisetyenziswayo simele sifakwe emanzini, sibe sesingacocekanga kude kuhlwe, size ke sicoceke. 33  Ukuba ezo zilwanyana ziwele kwisitya sodongwe, nimele nisikroboze eso sitya, yaye nantoni na ebingaphakathi kuso iza kuba yengacocekanga.+ 34  Nakuphi na ukutya okuchatshazelwa ngamanzi akwezo zitya kuza kuba kokungacocekanga, yaye nasiphi na isiselo esikwezo zitya siza kuba sesingacocekanga. 35  Yonke into ewelwa zizidumbu zezi zilwanyana iza kuba yengacocekanga. Nokuba yionti okanye sisitovu, imele yaphulwe ibe ziingceba. Ayicocekanga, yaye iza kuhlala ingacocekanga kuni. 36  Kodwa ke, ukuba izidumbu zezo zilwanyana ziwela emthonjeni okanye equleni lamanzi, loo mthombo nelo qula ziza kuhlala zicocekile, kodwa nabani na ochukumisa isidumbu sezo zilwanyana uza kuba ngongacocekanga. 37  Ukuba eso sidumbu siwele kwimbewu yesityalo eseza kutyalwa, icocekile. 38  Kodwa ukuba inxalenye yesidumbu iwela kumanzi agalelwa kwimbewu, loo mbewu ayicocekanga kuni. 39  “‘Ukuba nasiphi na isilwanyana esityiwayo siyafa, nabani na ochukumisa isidumbu saso uza kuba ngongacocekanga kude kuhlwe.+ 40  Nabani na otya isidumbu seso silwanyana umele azihlambe iimpahla zakhe, abe ngongacocekanga kude kuhlwe.+ Nabani na othwele isidumbu saso, umele azihlambe iimpahla zakhe, aze abe ngongacocekanga kude kuhlwe. 41  Zonke izilwanyana ezinyakazelayo emhlabeni ziyenyanyeka.+ Mazingatyiwa. 42  Animele nitye nasiphi na isilwanyana esirhubuluzayo, esihamba ngemilenze emine, okanye esinyakazelayo esinemilenze emininzi, kuba ziyenyanyeka.+ 43  Ningazenzi nenyanyeke ngaso nasiphi na isilwanyana esinyakazelayo, ningazingcolisi nizenze abangacocekanga ngenxa yazo.+ 44  Kuba ndinguYehova uThixo wenu,+ yaye nimele nihlale ningcwele,+ kuba ndingcwele mna.+ Animele nizenze ningacoceki ngaso nasiphi na isidalwa esinyakazelayo emhlabeni. 45  Kuba ndinguYehova onikhuphe ezweni laseYiputa ukuze ndizingqine ndinguThixo wenu,+ yaye nimele nibe ngcwele,+ kuba ndingcwele.+ 46  “‘Nguwo ke lowo umthetho ongezilwanyana, izilwanyana ezibhabhayo, zonke eziphila emanzini nazo zonke izilwanyana ezinyakazela emhlabeni, 47  ukuze kubekho umahluko phakathi kwento engacocekanga necocekileyo naphakathi kwezilwanyana ezityiwayo nezingatyiwayo.’”+

Umbhalo osemazantsi

Intaka enkulu yasemanzini etya iintlanzi, eneenzwane ezinenwebu.