Levitikus 12:1-8
-
Ukuzicoca emva kokuzala (1-8)
12 UYehova waphinda wathi kuMoses:
2 “Yithi kumaSirayeli, ‘Ukuba umfazi uye wamitha* waza wazala inkwenkwe, uza kuba ngongacocekanga iintsuku ezisixhenxe, kanye ngendlela aye angacoceki ngayo ngeentsuku zokuba sexesheni.+
3 Ngosuku lwesibhozo loo nkwenkwe iza koluswa.+
4 Umfazi uza kuqhubeka ezicoca iintsuku eziyi-33 ezilandelayo. Akafanele achukumise nantoni na engcwele, yaye akamele angene endaweni engcwele zide ziphele iintsuku zokuzicoca kwakhe.
5 “‘Ukuba uzele intombi, uza kuba ngongacocekanga iintsuku eziyi-14, kanye ngendlela aba yiyo xa esexesheni. Uza kuqhubeka ezicoca iintsuku eziyi-66 ezilandelayo.
6 Ekupheleni kweentsuku zokuzicoca kwakhe ngenxa yokuzala unyana okanye intombazana, uza kuzisa kumbingeleli emnyangweni wentente yokuhlangana itakane legusha eliyinkunzi elinonyaka omnye libe ngumnikelo otshiswayo.+ Uza kuzisa nentshontsho lehobe lasekhaya okanye ihobe lasendle libe ngumnikelo wesono.
7 Umbingeleli uza kuzisa iminikelo kuYehova ukuze amhlawulele lo mfazi aze ke acoceke kwithombo lakhe legazi. Lowo ngumthetho womfazi oye wazala inkwenkwe okanye intombazana.
8 Kodwa ukuba akakwazi ukunikela ngegusha, umele athathe amahobe amabini asendle okanye amantshontsho amabini amahobe afuywayo.+ Elinye loba lelomnikelo otshiswayo lize elinye libe lelomnikelo wesono, umbingeleli amhlawulele, aze ke acoceke.’”
Umbhalo osemazantsi
^ Okanye “ukhawule imbewu.”