Levitikus 18:1-30

  • Ukwabelana ngesondo okungekho mthethweni (1-30)

    • Ningenzi izinto ezenziwa ngamaKanan (3)

    • Ukwabelana ngesondo nezalamane (6-18)

    • Xa umntu esexesheni (19)

    • Ukulala nesilwanyana (23)

    • ‘Hlalani nicocekile, kungenjalo ilizwe liza kunihlanza’ (24-30)

18  Waqhubeka uYehova wathi kuMoses:  “Yithi kumaSirayeli, ‘NdinguYehova uThixo wenu.+  Ningaziphathi ngendlela abaziphatha ngayo abantu belizwe laseYiputa, enanihlala kulo, yaye ningenzi izinto abazenzayo abantu belizwe lakwaKanan, endinizisa kulo.+ Ningaphili ngemithetho yabo.  Nize niyenze imimiselo yam, niyigcine nemithetho yam, nihambe ngayo.+ NdinguYehova uThixo wenu.  Nimele niyigcine imithetho yam nemimiselo yam. Umntu ozenzayo ezo zinto uza kuphila ngenxa yazo.+ NdinguYehova.  “‘Makungabikho nayiphi na indoda kuni eya kuso nasiphi na isalamane sayo esisondeleyo ukuze ilale naso.*+ NdinguYehova.  Ungaze ulale notata wakho, yaye ungaze ulale nomama wakho. Ngumama wakho lowo, ibe ungaze ulale naye.  “‘Ungaze ulale nomfazi katata wakho.+ Uyamhlazisa utata wakho xa usenza loo nto.*  “‘Ungaze ulale nodadewenu, enoba yintombi katata wakho okanye yintombi kamama wakho, enoba uzalelwe ekhaya okanye uzalelwe emzini.+ 10  “‘Ungaze ulale nentombi yonyana wakho okanye intombi yentombi yakho, kuba babubuze bakho. 11  “‘Ungaze ulale nentombi yomfazi katata wakho, inzala katata wakho, kuba ingudadewenu. 12  “‘Ungaze ulale nodadobawo wakho. Usisalamane segazi sikatata wakho.+ 13  “‘Ungaze ulale nomakazi wakho, kuba usisalamane segazi sikamama wakho. 14  “‘Ungaze uhlaze umntakwabotata wakho ngokulala nomfazi wakhe. Sisalamane sakho eso.+ 15  “‘Ungaze ulale nomolokazana wakho.+ Ngumfazi wonyana wakho lowo, yaye umele ungalali naye. 16  “‘Ungaze ulale nomfazi womntakwenu,+ kuba kukuhlaza umntakwenu oko.* 17  “‘Ungaze ulale nomfazi kunye nentombi yakhe.+ Ungalali nentombi yonyana wakhe kunye nentombi yentombi yakhe. Zizalamane zakhe zegazi ezo, linyala elo.* 18  “‘Ungaze uthathe udadebomfazi wakho ukuba naye abe ngumfazi wakho+ uze ulale naye ngoxa udadewabo esaphila. 19  “‘Ungaze uye emfazini ukuze ulale naye ngoxa esangcoliswe kukuba sexesheni.+ 20  “‘Ungaze ulale nomfazi womhlobo wakho,* nto leyo eza kukwenza ungacoceki.+ 21  “‘Uze ungavumeli namnye wenzala yakho ukuba anikelwe* kuMoleki.+ Ungalingcolisi igama loThixo wakho ngaloo ndlela.+ NdinguYehova. 22  “‘Ungaze ulale nendoda njengokuba ulala nomfazi.+ Yinto eyenyanyekayo leyo. 23  “‘Indoda ayimele ilale nesilwanyana ize ingacoceki ngenxa yaso, nomfazi akamele aye kwisilwanyana ukuze alale naso.+ Loo nto kukonakalisa indalo. 24  “‘Sanukuzenza ningacoceki ngayo nayiphi na kwezi zinto, kuba iintlanga endizigxothayo phambi kwenu zizenze azacoceka ngezi zinto.+ 25  Ngenxa yoko, eli lizwe alicocekanga, yaye ndiza kulohlwaya ngesiphoso salo, ibe liza kubahlanza abemi balo.+ 26  Kodwa ke nina nimele niyigcine imithetho nemimiselo yam,+ ningenzi nanye kwezi zinto zenyanyekayo, nokuba yinzalelwane okanye ngumntu wasemzini ohlala kunye nani.+ 27  Kaloku zonke ezi zinto zenyanyekayo bezisenziwa ngabantu belo lizwe, ababehlala kulo ngaphambi kwenu,+ yaye ngoku alicocekanga. 28  Ekubeni ningalingcolisanga nina ilizwe, alizukunihlanza njengokuba beliza kuzihlanza iintlanga ebezihlala kulo ngaphambi kwenu. 29  Ukuba nabani na wenza nayiphi na kwezi zinto zenyanyekayo, umele abulawe. 30  Nimele niyigcine imbopheleleko yenu kum ngokuthi ningenzi nalinye kumasiko enyanyekayo aye enziwa phambi kwenu,+ ukuze ningazenzi abangacocekanga ngawo. NdinguYehova uThixo wenu.’”

Umbhalo osemazantsi

Ngokoqobo, “ityhile ubuze baso,” kule vesi nakwezilandelayo.
Ngokoqobo, “Bubuze bukatata wakho obo.”
Ngokoqobo, “bubuze bomntakwenu obo.”
Okanye “kukuziphatha okulihlazo oko.”
Okanye “wommelwane wakho; wogxa wakho.”
Okanye “abingelelwe.”