Levitikus 24:1-23

  • Ioli yezibane zentente engcwele (1-4)

  • Izonka zokubonisa (5-9)

  • Makabethwe ngamatye afe umntu othetha kakubi ngegama likaThixo (10-23)

24  UYehova waphinda wathi kuMoses:  “Yalela amaSirayeli ukuba akuphathele ioli esulungekileyo yeminquma ecoliweyo, eyezibane, ukuze zihlale zikhanyisile izibane.+  UAron ufanele alungiselele ukuba izibane eziphambi kwekhethini ekufutshane netyeya yesivumelwano zihlale zikhanyisile phambi koYehova, ukususela ngokuhlwa kude kube sekuseni. Lowo ngumthetho oza kuhlala uhleli kuzo zonke izizukulwana zenu.  Ufanele azimise kakuhle qho izibane esiphathweni sezibane+ segolide esulungekileyo phambi koYehova.  “Umele uthathe umgubo ocoliweyo, uwubhake ube ngamaqebengwana arawundi ayi-12. Iqebengwana ngalinye limele libe nezishumi ezibini ze-efa.*  Uza kuwabeka abe zizixa ezibini, isixa ngasinye sibe namaqebengwana amathandathu+ etafileni yegolide esulungekileyo phambi koYehova.+  Umele ugalele intlaka yokuqhumisa esulungekileyo phezu kwesixa ngasinye. Eso ke sisonka esimela wonke umnikelo,*+ umnikelo otshiswa ngomlilo oya kuYehova.  Ngosuku ngalunye lweSabatha, umele asimise kakuhle qho phambi koYehova.+ Eso sisivumelwano sam namaSirayeli esiza kuhlala sihleli.  Eso sixa siza kuba sesika-Aron noonyana bakhe,+ yaye baza kusityela endaweni engcwele,+ kuba siyeyona nto ingcwele kuye evela kwiminikelo kaYehova etshiswa ngomlilo, ibe lowo iza kuba ngumthetho oza kuhlala uhleli.” 10  Phakathi kwamaSirayeli kwakukho unyana womfazi ongumSirayeli nendoda engumYiputa,+ waza lo nyana walwa nendoda engumSirayeli enkampini. 11  Lo nyana womfazi ongumSirayeli wathetha kakubi ngeGama,* walithuka.*+ Ngoko bamsa kuMoses.+ Kwathi kanti igama likamama wakhe nguShelomiti, intombi kaDibri wesizwe sakwaDan. 12  Bamvalela de sabacacela isigqibo sikaYehova ngento emayenziwe ngaye.+ 13  Emva koko uYehova wathi kuMoses: 14  “Mkhupheleni ngaphandle kwenkampu lowo uthuke igama likaThixo, yaye bonke abo bamvileyo bamele babeke izandla phezu kwentloko yakhe, emva koko wonke umntu ambethe ngamatye.+ 15  Yaye ufanele uthi kumaSirayeli, ‘Ukuba nayiphi na indoda ithuka uThixo wayo, iza kuphendula ngesono sayo. 16  Umntu othetha kakubi ngegama likaYehova nakanjani makabulawe.+ Bonke abantu bafanele bambethe ngamatye. Umntu wasemzini nenzalelwane bamele babulawe ngokufanayo ngenxa yokuthetha kakubi ngeGama. 17  “‘Ukuba indoda ibulala umntu, ifanele nakanjani ibulawe.+ 18  Nabani na obetha aze abulale isilwanyana sasekhaya somnye umntu, ufanele ambuyekeze, ubomi ngobomi.* 19  Ukuba indoda yenzakalisa omnye umntu, loo nto iyenzileyo imele yenziwe nakuyo.+ 20  Ukwaphulwa ngokwaphulwa, ilihlo ngelihlo, izinyo ngezinyo. Indoda iza kwenzakaliswa kanye ngendlela eye yenzakalisa ngayo.+ 21  Indoda ebetha isilwanyana ize isibulale ifanele isibuyekeze,+ kodwa umntu obethe omnye umntu wambulala ufanele abulawe.+ 22  “‘Masibe sinye isigwebo senu, enoba ngumntu wasemzini okanye yinzalelwane,+ kuba ndinguYehova uThixo wenu.’” 23  Emva koko uMoses wathetha namaSirayeli, amkhuphela ngaphandle kwenkampu loo mntu uthuke igama likaThixo, aza ambetha ngamatye.+ Ngaloo ndlela amaSirayeli enza kanye njengokuba uYehova wamyalelayo uMoses.

Umbhalo osemazantsi

Izishumi ezibini ze-efa zilingana ne-4,4 L. Funda Isihlomelo B14.
Okanye “siya kuba yinxalenye yomnikelo esisikhumbuzo.”
Okanye “waliqalekisa.”
Oko kukuthi, igama uYehova, njengoko ibonisa ivesi 15 nevesi 16.
Okanye “umphefumlo ngomphefumlo.”