Kubalisa uLuka 13:1-35

  • Guqukani okanye niza kutshabalala (1-5)

  • Umthi wamafiya ongavelisi nto (6-9)

  • Kuphiliswa umfazi okhubazekileyo ngeSabatha (10-17)

  • Umzekelo wokhozo lwemostade nowegwele (18-21)

  • Kufuneka umntu asebenze ukuze angene ngomnyango omncinci (22-30)

  • UHerode, ‘la mpungutye’ (31-33)

  • UYesu ulilela iYerusalem (34, 35)

13  Ngelo xesha abanye ababelapho baxelela uYesu ukuba uPilato wabulala amanye amaGalili awayezokunikela imibingelelo.  Wabaphendula wathi: “Nicinga ukuba la maGalili abulawa kuba ayengaboni ngaphezu kwamanye amaGalili?  Akazange abulawe ngenxa yaloo nto, ngoko nani niza kufa ukuba aniguquki.+  Okanye nicinga ukuba aba bantu bayi-18 bawelwa yinqaba yaseSilowam baza bafa, babengaboni ngaphezu kwabanye abantu baseYerusalem?  Abazange bafe ngenxa yaloo nto, ngoko nani niza kufa ukuba aniguquki.”  Emva koko wabenzela lo mzekelo: “Kwakukho indoda eyayinomthi wamafiya* otyalwe kwintsimi yayo yeediliya. Le ndoda yeza kufuna amafiya* kulo mthi, kodwa ayafumana nto.+  Ngoko yathi kumntu osebenza kule ntsimi, ‘Sekuyiminyaka emithathu ndisiza kulo mthi, kodwa ndingafumani nto. Wugawule! Ugcinelwe ntoni xa ungavelisi nto?’  Lo mntu wathi, ‘Nkosi, khawundiphe omnye unyaka, ndikhe ndombe apha emacaleni, ndiwugalele umgquba.  Ukuba uvelisa isiqhamo, kuhle, kodwa ukuba awuvelisi nto ungagawulwa.’”+ 10  UYesu wayefundisa kwenye yezindlu akhonzela kuzo amaYuda* ngomhla weSabatha. 11  Apho kwakukho umfazi owayenedemon eyamgulisa iminyaka eyi-18; wayegobile, engakwazi tu ukuma nkqo. 12  Wathi uYesu akumbona, wathi kuye: “Mfazindini, uphilisiwe.”+ 13  Wambeka izandla, waza wema nkqo ngoko nangoko, wazukisa uThixo. 14  Kodwa le nto yenziwe nguYesu yokuphilisa umntu ngeSabatha, yalicaphukisa igosa eliphethe indlu akhonzela kuyo amaYuda,* laza lathi ebantwini: “Zintandathu iintsuku ekumele kusetyenzwe ngazo;+ yizani ngezo ntsuku ke, ningezi ngeSabatha.”+ 15  INkosi yathi kweli gosa: “Bahanahanisindini,*+ andithi akekho apha kuni ongayikhululiyo inkunzi yakhe yenkomo okanye idonki yakhe ayokuyiseza ngeSabatha?+ 16  Lo mfazi yintombi ka-Abraham, ibe sele eneminyaka eyi-18 ephethwe kakubi nguSathana. Akufanelekanga na ukuba yena aphiliswe ngomhla weSabatha?” 17  Wathi akutsho, baba neentloni bonke abantu ababengamfuni, kodwa zabavuyisa bonke abanye abantu izinto ezintle awayezenza.+ 18  Waphinda wathi: “Ndingabufanisa nantoni uBukumkani bukaThixo, okanye ndingabuzekelisa ngantoni? 19  Bunjengokhozo lwemostade olwatyalwa ngumntu egadini yakhe, lwakhula lwaba ngumthi, zaza iintaka zakhela kumasebe awo.”+ 20  Waphinda wathi: “Ndingabufanisa nantoni uBukumkani bukaThixo? 21  Bufana negwele elixovelwe ngumfazi kumgubo omninzi,* laza layinyusa yonke intlama.”+ 22  UYesu waya eYerusalem, egqitha kwizixeko ngezixeko, neelali ngeelali, efundisa abantu. 23  Enye indoda yathi kuye: “Nkosi, yinyani na ukuba bambalwa abantu abaza kusindiswa?” Wathi kubo: 24  “Zamani kangangoko ukungena ngomnyango omncinci,+ kuba ndithi kuni, baninzi abaza kufuna ukungena kodwa bangakwazi. 25  Kuba xa umnikazi wendlu ewutshixile umnyango, niza kunkqonkqoza ningaphandle nithi, ‘Nkosi, sivulele.’+ Kodwa uza kuthi kuni: ‘Andinazi ukuba nivela phi.’ 26  Nina niza kuthi, ‘Sasisitya, sisela phambi kwakho, ibe wawufundisa kwizitrato zethu ezikhulu.’+ 27  Kodwa yena uza kuthi kuni, ‘Andinazi ukuba nivela phi. Hamban’ apha, nina benzi-bubi!’ 28  Xa nibona uAbraham noIsake noYakobi nabo bonke abaprofeti eBukumkanini bukaThixo, nibe nina niphoswe ngaphandle, niza kukhala ningcungcutheka.*+ 29  Ngaphezu koko, abantu baza kuza bevela empuma nasentshona, emntla nasemzantsi, bahlale etafileni eBukumkanini bukaThixo. 30  Kukho abokugqibela abaza kuba ngabokuqala, nabokuqala abaza kuba ngabokugqibela.”+ 31  Kanye ngelo xesha kweza abanye abaFarisi, bathi kuye: “Hamba apha, kuba uHerode ufuna ukukubulala.” 32  Wathi kubo: “Hambani niyokuthi kuloo mpungutye, ‘Jonga! Ndiza kukhupha iidemon ndize ndiphilise abantu namhlanje nangomso, ndigqibe ngosuku lwesithathu.’ 33  Ndiza kusebenza namhlanje, ngomso nangomsomnye, kuba umprofeti akanakubulawa kwenye indawo ngaphandle kwaseYerusalem.+ 34  Yerusalem, Yerusalem, wena ubulala abaprofeti nobabetha ngamatye abo bathunyelwa kuyo,+ kunini ndifuna ukuqokelela abantwana bakho, oku kwesikhukukazi siqokelela amantshontsho aso phantsi kwamaphiko aso! Kodwa awuzange uvume.+ 35  Jonga! Iza kushiyelwa kuwe itempile* yakho.+ Ndithi kuwe, soze uphinde undibone de uthi: ‘Usikelelwe lowo uza egameni likaYehova!’”*+

Umbhalo osemazantsi

Okanye “wamakhiwane.”
Okanye “amakhiwane.”
Okanye “kwenye yezindlu zesikhungu.”
Okanye “indlu yesikhungu.”
Oko kukuthi, abantu abazenza amalungisa bengengawo.
Ngokoqobo, “kwimilinganiselo emithathu yeseha.” Iseha yayilingana ne-7,33 L. Funda Isihlomelo B14.
Ngokoqobo, “nitshixizisa amazinyo.”
Ngokoqobo, “indlu.”