Kubalisa uLuka 5:1-39
5 Ngenye imini, uYesu wayemi kwichibi laseGenesarete,*+ abantu betyhalana befuna ukusondela kuye ukuze bamamele ilizwi likaThixo.
2 Wabona izikhephe ezibini zime ezibukweni lelo chibi, kodwa abalobi behlile kuzo, behlamba iminatha yabo.+
3 Wakhwela kwesinye sezi zikhephe, esikaSimon, wamcela ukuba asingenise kancinci apha echibini. Wahlala phantsi kuso, waza wafundisa abo bantu.
4 Akugqiba ukubafundisa, wathi kuSimon: “Qhubela esi sikhephe kwindawo enzulu, nize nihlise iminatha yenu ukuze nibambise iintlanzi.”
5 USimon wathi: “Mfundisi, sibulaleke ubusuku bonke, asabambisa nto,+ kodwa ke kuba usitsho, ndiza kuyihlisa iminatha.”
6 Bathi bakuyenza loo nto, babambisa iintlanzi ezininzi kangangokuba iminatha yayiqhaqheka.+
7 Ngoko babiza abo babeloba nabo ababekwesinye isikhephe ukuba beze kubancedisa. Beza, bagcwalisa zozibini izikhephe, zade zaphantse ukutshona.
8 Wathi akuyibona le nto uSimon Petros, waguqa phambi koYesu, esithi: “Ndiyeke mna Nkosi, kuba ndingumoni.”
9 Wayithetha le nto kuba yena nabo babekunye naye bothuswa yindlela ezazininzi ngayo iintlanzi ababezibambisile.
10 Yabothusa le nto noonyana bakaZebhedi,+ uYakobi noYohane, ababesebenza noSimon. Kodwa uYesu wathi kuSimon: “Sukoyika. Ukususela ngoku uza kubambisa abantu bephila.”+
11 Ngoko babuyisela izikhephe elunxwemeni, bashiya yonke into, bamlandela.+
12 Ngenye imini, xa wayekwesinye sezo zixeko, wabona umntu owayephethwe ngamandla liqhenqa. Xa lo mntu wabona uYesu, waqubuda kuye waza wamcenga esithi: “Nkosi, ukuba nje uyathanda, ungandiphilisa.”+
13 Ngoko wolula isandla sakhe, wambamba waza wathi: “Ndiyathanda! Phila.” Laphela ngoko nangoko iqhenqa lakhe.+
14 Emva koko uYesu wathi kulo mntu makangayithethi le nto. Wathi kuye: “Kodwa hamba uye kumbingeleli, unikele ngezinto awathi uMoses makunikelwe ngazo,+ ukuze bazibonele ukuba uphilisiwe.”+
15 Abantu baya bethetha ngaye, ibe kwakusiza abantu abaninzi bezokummamela, bezokuphiliswa nakwizifo zabo.+
16 Kodwa wayemane esiya kuthandaza kwiindawo ezingenabantu.
17 Kwathi ngenye imini uYesu efundisa, kwafika abaFarisi nabafundisi boMthetho bevela kwiilali zaseGalili, kwaYuda naseYerusalem; ibe uYehova* wayemnike amandla okuphilisa.+
18 Kwafika amadoda ethwele ngomandlalo umntu ofe umzimba, azama ukumngenisa ukuze ambeke phambi koYesu.+
19 Athi akungayifumani indlela yokumngenisa kuba abantu babebaninzi, akhwela phezu kwendlu, avula ikroba eluphahleni aza amehlisa ngomandlalo, ambeka phakathi kwabo babephambi koYesu.
20 Xa wabona indlela abanokholo ngayo, wathi: “Mfondini, izono zakho zixolelwe.”+
21 Ngoko ababhali nabaFarisi bathi: “Ngubani lo udelela uThixo? Ngubani onokuxolela izono ngaphandle koThixo?”+
22 Kodwa uYesu, esazi ukuba bacinga ntoni, wathi kubo: “Kutheni nicinga ngale ndlela?
23 Yeyiphi elula kwezi zinto: Kukuthi, ‘Izono zakho zixolelwe,’ okanye, ‘Phakama uhambe’?
24 Kodwa ke, ukuze nazi ukuba uNyana womntu unegunya emhlabeni lokuxolela izono . . . ” wathi kulo mntu ufe umzimba: “Ndithi kuwe, Phakama, uthathe umandlalo wakho ugoduke.”+
25 Wathi akutsho, lo mntu waphakama bemjongile, wathatha umandlalo wakhe wagoduka, ezukisa uThixo.
26 Bonke bamangaliswa, bezukisa uThixo, besithi: “Sibone imimangaliso namhlanje!”
27 Emva koko, waphuma waza wabona umqokeleli werhafu obizwa ngokuba nguLevi ehleli eofisini, wathi kuye: “Yiba ngumlandeli wam.”+
28 Washiya yonke into, wamlandela.
29 ULevi wamenzela itheko elikhulu endlini yakhe, ibe kwakukho abaqokeleli berhafu abaninzi nabanye abantu ababesitya* kunye nabo.+
30 Ngoko abaFarisi nababhali bakhalaza kubafundi bakhe, besithi: “Kutheni nisitya, nisela nabaqokeleli berhafu naboni?”+
31 UYesu wathi kubo: “Abantu abaphile qete abamdingi ugqirha, kodwa udingwa ngabagulayo.+
32 Andizanga kubiza malungisa, ndizokubiza aboni, ukuze baguquke.”+
33 Bathi kuye: “Abafundi bakaYohane nabafundi babaFarisi bahlala bezila ukutya, yaye bethandaza becenga uThixo, kodwa abakho bayatya basele.”+
34 UYesu wathi kubo: “Awunakuthi abahlobo bomyeni mabazile ukutya xa umyeni esekunye nabo, andithi?
35 Kodwa liyeza ixesha lokuba umyeni+ athathwe kubo; baza kutsho ke bazile ukutya.”+
36 Wabenzela umzekelo esithi: “Akukho mntu usika ilaphu kwimpahla entsha alithungele kwendala. Ukuba uyayenza loo nto, eli litsha liza kuyitsala ikrazuke impahla endala, kuba kaloku la malaphu awafani.+
37 Kwakhona, akukho mntu ugalela iwayini entsha kwiibhotile zofele ezindala. Ukuba uyayenza loo nto, ezo bhotile ziza kugqabhuka zonakale, ichitheke naloo wayini.
38 Kaloku, iwayini entsha imele igalelwe kwiibhotile zofele ezintsha.
39 Akukho mntu usela iwayini endala aze aphinde afune entsha, kuba uye athi, ‘Le indala imnandi.’”
Umbhalo osemazantsi
^ Oko kukuthi, uLwandle LwaseGalili.
^ Funda Isihlomelo A5.
^ Okanye “ababehleli etafileni.”