Kubalisa UMateyu 19:1-30
19 Uthe uYesu akugqiba ukuthetha ezi zinto, wemka eGalili waya kufika kwimimandla ekwimida yakwaYuda phesheya kweYordan.+
2 Walandelwa ngabantu abaninzi, waza wabaphilisa.
3 AbaFarisi beza kuye, bambuza bemlinga, bathi: “Kusemthethweni na ukuba indoda iqhawule umtshato nomfazi wayo nangasiphi na isizathu?”+
4 Wabaphendula wathi: “Anizange nifunde na ukuba lowo wabadalayo wabadala baba yindoda nomfazi kwasekuqaleni,+
5 waza wathi: ‘Yiloo nto indoda iza kumshiya utata nomama wayo, ithi nca emfazini wayo, baze babe nyama-nye’?+
6 Ngoko ke, abasekho babini, kodwa bangumntu omnye.* Abo ke uThixo abadibanise ngedyokhwe, makungabikho mntu ubahlukanisayo.”+
7 Bathi kuye: “Kwakutheni ke ukuze uMoses athi indoda imele inike umfazi isatifiketi sokuqhawula umtshato ukuze yahlukane naye?”+
8 Wathi kubo: “UMoses wanivumela ngenxa yenkani yenu ukuba niqhawule umtshato nabafazi benu,+ kodwa kwakungenjalo ekuqaleni.+
9 Ndithi kuni, nabani na oqhawula umtshato nomfazi wakhe, engakhange ahenyuze,* aze atshate omnye, uyakrexeza.”+
10 Abafundi bathi kuye: “Xa kunjalo ke ngendoda nomfazi, kungcono umntu angatshati.”
11 Wathi kubo: “Asingabo bonke abantu abanokukwazi ukuyenza le nto ndiyithethayo, kodwa kuphela ngabo banesiphiwo sokungatshati.+
12 Kuba kukho abantu abangakwazi kutshata* kuba bazalwa benjalo, kubekho abo bangakwazi kutshata* kuba bethenwe ngabantu, kukwakho nabo bangatshati* ngenxa yoBukumkani bamazulu. Lowo unako ukuhlala engatshatanga, makenjenjalo.”+
13 Emva koko kwaziswa abantwana abancinci kuye, ukuba ababeke izandla aze abathandazele, kodwa abafundi bakhe babangxolisa.+
14 UYesu wathi: “Bayekeni abantwana, sanukubanqanda, kuba uBukumkani bamazulu bobabantu abafana nabo.”+
15 Ngoko wababeka izandla waza wemka.
16 Kweza omnye umntu kuye, wathi: “Mfundisi, yintoni elungileyo endimele ndiyenze ukuze ndifumane ubomi obungunaphakade?”+
17 Wathi kuye: “Kutheni undibuza ngento elungileyo? NguThixo kuphela olungileyo.+ Ngoko ukuba ufuna ukufumana ubomi obungunaphakade, qhubeka uthobela imithetho kaThixo.”+
18 Wathi kuye: “Eyiphi?” UYesu wathi: “Uze ungabulali,+ uze ungakrexezi,*+ uze ungebi,+ uze ungangqini buxoki,+
19 mhloniphe utata wakho nomama wakho,+ uze uthande ummelwane wakho ngendlela ozithanda ngayo nawe.”+
20 Lo mfana wathi kuye: “Ndizenzile zonke ezi zinto; kusashota ntoni?”
21 UYesu wathi kuye: “Ukuba ufuna ukugqibelela,* hamba uyokuthengisa yonke into onayo, uze loo mali uyinike amahlwempu, utsho ube nobutyebi ezulwini;+ emva koko, uze kum, ube ngumlandeli wam.”+
22 Uthe akuyiva loo nto lo mfana, wahamba ekhathazeke kakhulu, kuba wayenezinto ezininzi.+
23 Emva koko uYesu wathi kubafundi bakhe: “Ndiyaniqinisekisa ukuba, kuza kuba nzima ngesityebi ukungena eBukumkanini bamazulu.+
24 Kwakhona ndithi kuni, kungalula ukuba inkamela ingene emngxunyeni wenaliti kunokuba isityebi singene eBukumkanini bukaThixo.”+
25 Bathe bakuyiva loo nto abafundi, bothuka kakhulu, besithi: “Ngubani ke onokusindiswa?”+
26 Ebathe ntsho emehlweni, uYesu wathi kubo: “Ebantwini ibonakala ingenakwenzeka le nto, kodwa kuThixo yonke into ingenzeka.”+
27 Emva koko uPetros wathi: “Khawutsho! Sishiye zonke izinto zethu, sakulandela; ngoko ke, siza kufumana ntoni?”+
28 UYesu wathi kubo: “Ndiyaniqinisekisa ukuba, xa zonke izinto zisenziwa ntsha, naxa uNyana womntu ehlala etroneni yakhe ezukileyo, nina eniye nandilandela niza kuhlala kwiitrone eziyi-12, nigwebe izizwe zakwaSirayeli eziyi-12.+
29 Ibe wonke umntu oye washiya ikhaya lakhe, abantakwabo, oodadewabo, utata wakhe, umama wakhe, abantwana bakhe okanye amasimi akhe ngenxa yegama lam, uza kuzifumana zonke ngokuphindwe kalikhulu, aze afumane nobomi obungunaphakade.+
30 “Kodwa abaninzi abangabokuqala baza kuba ngabokugqibela baze abokugqibela babe ngabokuqala.+
Umbhalo osemazantsi
^ Okanye “banyama-nye.”
^ Okanye “aziphathe kakubi ngesondo.” NgesiGrike, por·neiʹa. Funda Ingcaciso Yamagama.
^ Okanye “abangamathenwa.”
^ Okanye “bangamathenwa.”
^ Okanye “bangamathenwa.”
^ Oko kukuthi, ungalali nomntu ongatshatanga naye.
^ Okanye “ufuna ukwenza yonke into uThixo ayifunayo.”