Kubalisa UMateyu 9:1-38

  • UYesu uphilisa umntu ofe umzimba (1-8)

  • UYesu ubiza uMateyu (9-13)

  • Umbuzo ngokuzila ukutya (14-17)

  • Intombi kaYayiro; umfazi ubamba isambatho sikaYesu sangaphezulu (18-26)

  • UYesu uphilisa umntu ongaboniyo nongakwazi kuthetha (27-34)

  • Umsebenzi wokuvuna mkhulu, kodwa bambalwa abasebenzi (35-38)

9  UYesu wakhwela isikhephe, wawelela ngaphesheya, waya kwisixeko sakowabo.+  Kwaziswa kuye umntu ofe umzimba ethwelwe ngomandlalo. Xa uYesu wabona indlela abanokholo ngayo, wathi kulo mntu ufe umzimba: “Yomelela, nyana! Izono zakho zixolelwe.”+  Ngoko abanye ababhali bathetha bodwa, besithi: “Lo mfo udelele uThixo.”  Eyazi uYesu into abayicingayo, wathi kubo: “Kutheni nicinga izinto ezimbi nje ezintliziyweni zenu?+  Ngokomzekelo, yeyiphi elula kwezi zinto: Kukuthi, ‘Izono zakho zixolelwe,’ okanye, ‘Phakama uhambe’?+  Noko ke, ukuze nazi ukuba uNyana womntu unegunya emhlabeni lokuxolela izono . . . ” wathi kulo mntu ufe umzimba: “Phakama, uthathe umandlalo wakho ugoduke.”+  Waphakama ke, wagoduka.  Bathi bakuyibona le nto abantu ababelapho, boyika kakhulu baza bazukisa uThixo, onike abantu igunya elingaka.  Emva koko, xa wayesimka apho, uYesu wabona indoda egama linguMateyu ihleli kwiofisi yerhafu, wathi kuyo: “Yiba ngumlandeli wam.” Yaphakama ngoko nangoko, yamlandela.+ 10  Ethubeni, xa uYesu wayesitya* endlini kaMateyu, kwafika abaqokeleli berhafu naboni abaninzi, batya* naye kunye nabafundi bakhe.+ 11  Kodwa xa abaFarisi bayibonayo le nto, bathi kubafundi bakhe: “Kutheni umfundisi wenu esitya nabaqokeleli berhafu naboni?”+ 12  Ebeva, uYesu wathi: “Abantu abaphile qete abamdingi ugqirha, kodwa udingwa ngabagulayo.+ 13  Ngoko ke, hambani niyokufuna ukuba athetha ukuthini amazwi athi: ‘Ndithanda inceba kunemibingelelo.’+ Kuba andizanga kubiza malungisa, ndizokubiza aboni.” 14  Emva koko, abafundi bakaYohane beza kuye baza bambuza besithi: “Kutheni thina nabaFarisi sizila ukutya kodwa bona abafundi bakho abayenzi loo nto?”+ 15  UYesu wathi kubo: “Akukho sizathu sokuba abahlobo bomyeni bazile ukutya xa umyeni+ esekunye nabo, andithi? Kodwa liyeza ixesha lokuba umyeni athathwe kubo,+ batsho ke bazile ukutya. 16  Akukho mntu uthungela ilaphu elitsha phezu kwempahla endala, kuba liza kuyitsala, liyikrazule, ize yonakale kakhulu.+ 17  Kungekho namntu ugalela iwayini entsha kwiibhotile zofele ezindala. Ukuba uyayenza loo nto, ezo bhotile ziyagqabhuka, zonakale, ichitheke naloo wayini. Kodwa abantu bayigalela kwiibhotile zofele ezintsha iwayini, zitsho zingonakali zombini.” 18  Uthe esabaxelela ezi zinto, kweza omnye umlawuli, waqubuda kuye wathi: “Inoba ngoku intombi yam sele iswelekile, kodwa ndicela uhambe nam, uyokuyibeka isandla, ukuze ivuke.”+ 19  UYesu waphakama, waza wamlandela ehamba nabafundi bakhe. 20  Bathi besahamba, balandelwa ngumfazi owayeneminyaka eyi-12 enengxaki yokopha,+ wabamba imisonto yesambatho sikaYesu sangaphezulu,+ 21  kuba wayesithi: “Ukuba nje ndinokubamba isambatho sakhe sangaphezulu, ndiza kuphila.” 22  UYesu wajika wambona, waza wathi: “Yomelela, ntombi yam! Ukholo lwakho lukuphilisile.”+ Lo mfazi waphila ngoko nangoko.+ 23  Uthe akufika endlini yaloo mlawuli, wabona abantu ababekhalisa ifleyiti, kuphithizela nabantu abaninzi,+ 24  uYesu wathi: “Phumani apha, kuba le ntwazana ayifanga, kodwa ilele.”+ Basuka bamwa ngentsini. 25  Bathi bakukhutshelwa ngaphandle abo bantu, uYesu wangena wayibamba ngesandla+ loo ntwazana, yaza yavuka.+ 26  Yaduma ke loo nto kuwo wonke loo mmandla. 27  Ekumkeni kukaYesu apho, walandelwa ngamadoda amabini angaboniyo,+ ekhwaza esithi: “Senzele inceba, Nyana kaDavide.” 28  Emva kokuba engene kwenye indlu, la madoda angaboniyo eza kuye, waza uYesu wawabuza wathi: “Niyayikholelwa na into yokuba ndingawavula amehlo enu?”+ Athi: “Ewe, Nkosi.” 29  Emva koko, wawaphatha emehlweni,+ wathi: “Ngenxa yokholo lwenu, mayenzeke le nto niyicelileyo.” 30  Amehlo awo atsho abona; waza uYesu wawayala kabukhali, esithi: “Qinisekani ukuba anixeleli mntu ngale nto.”+ 31  Kodwa athe nje akuphuma la madoda, ahamba exelela abantu ngaye kuwo wonke loo mmandla. 32  Ekumkeni kwawo, kwaziswa kuye umntu ongakwaziyo ukuthetha, ophethwe yidemon.+ 33  Emva kokuba ikhutshiwe loo demon, loo mntu watsho wakwazi ukuthetha.+ Abantu bamangaliswa baza bathi: “Ayizange khe yabonwa into enje kwaSirayeli.”+ 34  Kodwa abaFarisi babesithi: “Iidemon uzikhupha ngomlawuli weedemon.”+ 35  UYesu waya kufundisa kuzo zonke izixeko neelali, efundisa kwizindlu awayekhonzela kuzo amaYuda,* eshumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani, ephilisa zonke iintlobo zezifo, nazo zonke izigulo.+ 36  Wayesithi xa ebona abantu abaninzi, abasizele,+ kuba babephethwe kakubi, bengahoywanga oku kweegusha ezingenamalusi.+ 37  Emva koko wathi kubafundi bakhe: “Umsebenzi wokuvuna mkhulu, kodwa bambalwa abasebenzi.+ 38  Ngoko ke, cengani uMphathi wesivuno ukuba athumele abasebenzi bayokuvuna.”+

Umbhalo osemazantsi

Okanye “wayehleli etafileni.”
Okanye “bahlala etafileni.”
Okanye “kwizindlu zesikhungu.”