Mika 6:1-16

  • UThixo umangalela uSirayeli (1-5)

  • Yintoni efunwa nguYehova? (6-8)

    • Bubulungisa, ukuthembeka nokuthobeka (8)

  • Isono sikaSirayeli nesohlwayo (9-16)

6  Khanimamele into ayithethayo uYehova. Phakamani, mangalani ezintabeni,Iinduli mazilive ilizwi lenu.+   Mamelani nina zintaba, isimangalo sikaYehova,Nina ziseko zomhlaba eziluqilima;+Kuba uYehova umangalelene nabantu bakhe,Uza kuxoxa emangalela uSirayeli:+   “Yintoni le ndinenze yona bantu bam? Ndinidike ngantoni?+ Ndityholeni.   Kuba ndanikhupha kwilizwe laseYiputa,+Ndanikhulula endlini yobukhoboka;+Ndathumela uMoses, uAron noMiriyam ukuba banikhokele.+   Ndiyanicela bantu bam, khumbulani into eyacetyiswa nguKumkani uBhalaki wakwaMowabhi,+Nendlela uBhileham unyana kaBhehore awamphendula ngayo,+Into eyenzeka eShitim+ ukuyokutsho eGiligali,+Ukuze nizazi izenzo zikaYehova zobulungisa.”   Ndiza kuya ndiphethe ntoni phambi koYehova? Ndiza kuqubuda ndiphethe ntoni phambi koThixo ophezulu? Ngaba ndiza kuya ndiphethe iminikelo etshiswayo,Amathole anonyaka ezelwe?+   Uza kukholiswa na uYehova ngamawaka eenkunzi zeegusha,Ngamashumi amawaka emisinga yeoli?+ Ngaba ndiza kunikela ngonyana wam olizibulo ngenxa yokungathobeli kwam,Ndinikele ngesiqhamo somzimba wam na ngenxa yesono sam?+   Ukuxelele, mntundini, okulungileyo. Yintoni ke uYehova ayifunayo kuwe? Ufuna nje ugwebe ngobulungisa,*+ ukuthande ukuthembeka,*+Uhambe ngokuthobeka+ noThixo wakho!+   Ilizwi likaYehova liyakhwaza esixekweni;Izilumko ziza kuloyika igama lakho. Yiveni intonga nalowo uyimiseleyo.+ 10  Ngaba kusekho ubutyebi obufunyenwe ngokwenza izinto ezimbi endlini yomenzi-bubi,Nomlinganiselo we-efa* ongaphelelanga nowenyanyekayo? 11  Ndingamsulwa na ndinezikali eziqhathayo,Ndinengxowa yamatye okumeta axokayo?+ 12  Kuba izityebi zaso zithanda ubundlobongela,Nabemi baso bathetha ubuxoki;+Ulwimi lwabo luyaqhatha emlonyeni wabo.+ 13  “Ngoko, ndiza kunenzakalisa ngokunibetha,+Ndinizisele intlungu ngenxa yezono zenu. 14  Niza kutya kodwa ningahluthi,Niza kulamba isisu sithi nca emqolo.+ Izinto enizama ukuzibalekisa, azizukukhuseleka,Nezinto enikwazileyo ukuzibalekisa, ndiza kuvumela iintshaba zizitshabalalise. 15  Niza kutyala imbewu, kodwa anizukuvuna. Niza kuxovula iminquma, kodwa anizukuyisebenzisa ioli.Niza kwenza newayini entsha, kodwa anizukuyisela.+ 16  Kuba nithobela imiyalelo kaOmri nawo wonke umsebenzi wendlu ka-Ahabhi,+Yaye nihamba ngamacebiso abo, Yiloo nto ndiza kunenza umbono owothusayoNabemi baso into yokubethelwa umlozi;+Ibe izizwana ziza kuhlekisa ngani.”+

Umbhalo osemazantsi

Okanye “ube nobubele, uze ube nothando olungagungqiyo.” Ngokoqobo, “uthande uthando olungagungqiyo.”
Okanye “ugwebe ngendlela eyiyo; ungadleli mntu indlala.”