Nahum 1:1-15

  • UThixo uziphindezela kwiintshaba zakhe (1-7)

    • UThixo ufuna abantu bazinikele kuye yedwa (2)

    • UYehova uyabacinga abo babalekela kuye (7)

  • INineve iza kutshatyalaliswa (8-14)

    • Ukuxhwaleka akuzukubakho okwesibini (9)

  • Kuchazwa iindaba ezilungileyo ngoYuda (15)

1  Isibhengezo ngeNineve:+ Incwadi yombono kaNahum* umElekoshe:   UYehova nguThixo ofuna abantu bazinikele kuye yedwa+ ibe ungumphindezeli.UYehova ngumphindezeli kwaye ukulungele ukubonakalisa ingqumbo yakhe.+ UYehova uyaziphindezela kwiintshaba zakhe,Yaye uzigcinela ingqumbo iintshaba zakhe.   UYehova akakhawulezi ukucaphuka+ yaye unamandla kakhulu,+Kodwa uYehova akazukuzibamba ekohlwayeni xa kufanelekile.+ Indlela yakhe isemoyeni otshabalalisayo nakwisiphango,Yaye amafu aluthuli lweenyawo zakhe.+   Ukhalimela ulwandle,+ alomise,Womisa yonke imilambo.+ IBhashan neKarmele ziyabuna,+Neentyatyambo zaseLebhanon ziyabuna.   Iintaba ziyanyikima ngenxa yakhe,Neenduli ziyanyibilika.+ Ngenxa yobuso bakhe kuza kuba ngumbhodamo emhlabeni,Naselizweni, nakubo bonke abahlala kulo.+   Ngubani na onokuma phambi kokucaphuka kwakhe?+ Ingubani na onokumelana nobushushu bomsindo wakhe?+ Ingqumbo yakhe iza kuphokoka njengomlilo,Namatye aza kuqhekeka ngenxa yakhe.   UYehova ulungile,+ uyindawo ekhuselekileyo ngemini yentlungu.+ Uyabacinga* abo babalekela kuye.+   Uza kuyitshabalalisa ithi tu indawo yeNineve ngomkhukula otshayelayo,Yaye ubumnyama buza kuzileqa iintshaba zakhe.   Niza kumenzela liphi iyelenqe uYehova? Utshabalalisa ngokupheleleyo. Intlungu ayizukubakho okwesibini.+ 10  Kuba baphinyelene njengameva,Yaye bafana nabantu abanxiliswe butywala,*Kodwa baza kudliwa ngumlilo njengeendiza ezomileyo. 11  Kuwe kuza kuphuma oceba izinto ezimbi ngoYehova,Ecebisa izinto ezingancedi nganto. 12  Uthi uYehova: “Nangona babexhobe kakhulu kwaye bebaninzi,Baza kugawulwa bangabikho.* Ndikubethile Yuda, kodwa andizukukuphinda. 13  Ngoku ndiza kuyaphula idyokhwe ekuwe,+Namatsheyini akuwe ndiza kuwaqhawula. 14  UYehova uyalele le nto ngawe,‘Igama lakho alizukuqhubeka likho. Ndiza kuyisusa imifanekiso eqingqiweyo nemifanekiso yesinyithi endlini* yoothixo bakho. Ndiza kukwenzela ingcwaba, kuba unezothe.’ 15  Jonga! Ezintabeni kuza iinyawo zalowo uneendaba ezilungileyo,Lowo uthi kukho uxolo.+ Bhiyozela amatheko akho Yuda,+ zenze izinto ozifungileyo,Kuba akazukuphinda adlule kuwe umntu ongungantweni. Uza kutshatyalaliswa angabikho.”

Umbhalo osemazantsi

Othetha ukuthi “Umthuthuzeli.”
Okanye “uyabahoya.” Ngokoqobo, “uyabazi.”
Okanye “butywala bengqolowa.”
Okanye kusenokwenzeka, “aze adlule.”
Okanye “etempileni.”