Nahum 2:1-13

  • INineve iza kutshatyalaliswa (1-13)

    • “Iigeyithi zemilambo ziza kuvulwa” (6)

2  Umchithachithi uzokulwa nawe Nineve.+ Khusela iinqaba. Beka ilihlo endleleni. Bhinqa omfutshane uqokelele onke amandla onawo.   Kuba uYehova uza kulibuyisela iqhayiya likaYakobi,Kunye neqhayiya likaSirayeli,Kuba abaphangi babaphangile,+Yaye bawonakalisile amahlumelo abo.   Amakhaka amagorha akhe adaywe bomvu.Amagorha akhe anxibe iimpahla ezibomvu krwe. Iintsimbi zeenqwelo zakhe zokulwa zilenyeza okomliloNgemini yokuzilungiselela kwakhe idabi,Kuthiwe qhiwu imikhonto yomthi wejunipha.   Iinqwelo zokulwa ziyadlongozela ezitratweni. Zihla zinyuka kwiindawo zikawonke-wonke. Zikhanya njengezikhuni zomlilo yaye zitshawuza okombane.   Uza kuwabiza amagosa akhe. Aza kukhubeka xa esondela. Ayangxama ukuya eludongeni lwayo.Amisa isithintelo.   Iigeyithi zemilambo ziza kuvulwa,Nendlu kakumkani iza kupheliswa.*   Nantsi into ekugqitywe kuyo: Ibhenciwe,Ithwalelwe kude, yaye amakhobokazana ayo acula ingoma yokuzila.Njengoko ezibetha esifubeni,* avakala ngathi ngamahobe.   Ukususela kudala, iNineve+ yayinjengechibi lamanzi,Kodwa ngoku bayayibaleka. “Yimani! Yimani!” Kodwa akukho namnye ujikayo.+   Phangani isilivere, phangani igolide! Abunasiphelo ubutyebi bayo. Bugcinwe nazo zonke iintlobo zezinto zexabiso. 10  Isixeko asinamntu, siyinkangala, ibe sitshabalele!+ Iintliziyo zabo ziyanyibilika kukoyika, amadolo abo ayagexa, izinqe zabo ziyangcangcazela.Bonke banobuso obuphatshileyo. 11  Iphi indawo ehlala iingonyama,+ apho amathole azo* atyela khona,Apho ingonyama ikhokelela ithole layo,Kungekho mntu uzoyikisayo? 12  Ingonyama iqwenge ixhoba elanele amathole ayoYaza yakrwitshela iimazi zayo. Indawo yayo igcwele amaxhoba,Indawo yayo igcwele izilwanyana eziqwengiweyo. 13  Uthi uYehova wemikhosi, “Jonga! Ndilwa nawe.+Ndiza kuzitshisa ngokupheleleyo iinqwelo zakho zokulwa,+Yaye ikrele liza kuwagqiba amathole akho eengonyama.* Ndiza kulisusa emhlabeni ixhoba lakho,Yaye asizukuphinda siviwe isandi sabathunywa bakho.”+

Umbhalo osemazantsi

Okanye “iza kuwa.”
Ngokoqobo, “entliziyweni.”
Okanye “amathole eengonyama anesingci.”
Okanye “amathole eengonyama anesingci.”