Nahum 3:1-19

  • “Siza kuthi shu isixeko esidume ngokuchitha igazi!” (1-19)

    • Izizathu zokugwetywa kweNineve (1-7)

    • INineve iza kuwa njengeNo-amon (8-12)

    • INineve iza kuwa ngokuqinisekileyo (13-19)

3  Siza kuthi shu isixeko esidume ngokuchitha igazi!Sigcwele inkohliso nokuphanga.Asihlali ngaphandle kwexhoba!   Kuvakala isandi sesabhokhwe nesamavili,Ukuphala kwehashe nokudlokova kwenqwelo yokulwa.   Umkhweli wehashe, ikrele elimenyezelayo nomkhonto okhazimlayo,Inkitha yababuleweyo nemfumba yezidumbu,Izidumbu azipheli. Bahamba bekhubeka kwizidumbu.   Oku kungenxa yokuba ninzi kwezenzo zaso zokuthengisa ngomzimba.Siyimbelukazi ehendayo, inkunkqelekazi yegqwirha,Erhintyela iintlanga ngokuthengisa kwayo ngomzimba, neentsapho ngobugqwirha bayo.   UYehova wemikhosi uthi, “Jonga! Ndilwa nawe Nineve,+Ndiza kuwunyusela ebusweni bakho umbhinqo wakho;Iintlanga ndiza kuzibonisa ubuze bakho,Nezizwe ihlazo lakho.   Ndiza kukuchithela ngezinto ezenyanyekayoNdize ndikwenze ube nezothe;Ndiza kubonisa ngawe.+   Nabani na okubonayo uza kukubaleka+ aze athi,‘INineve itshabalele! Ngubani na oza kuvelana nayo?’ Ndiza kukufunela phi na abathuthuzeli?   Ubhetele na kuneNo-amon,*+ eyayimi ngakwimisinga yomNayile?+ Yayinamanzi macala onke;Ubutyebi bayo yayilulwandle nodonga lwayo ilulwandle.   ITiyopiya neYiputa zazingamandla ayo angapheliyo. AmaPuti+ namaLibhiya ayengabancedi bakho.+ 10  Kodwa nayo iNo-amon yathinjwa;Yaya ekuthinjweni.+ Nabantwana bayo banqunqwa kuzo zonke izitrato.* Benza amaqashiso ngamadoda ayo ahloniphekileyo,Zaza zonke izikhulu zayo zabotshwa ngamatsheyini. 11  Nawe uza kunxila.+Uza kuzifihla. Uza kubalekela kutshaba. 12  Zonke iinqaba zakho zinjengemithi yamafiya enamafiya* okuqala avuthiweyo.Ukuba iye yavuthululwa, aza kuwela emilonyeni yabatyayo. 13  Jonga! Amajoni akho anjengabafazi abaphakathi kwakho. Iigeyithi zelizwe lakho ziza kuvulelwa iintshaba zakho. Umlilo uza kuyitshisa imivalo yeegeyithi zakho. 14  Zikhelele amanzi, uzilungiselele ukurhangqwa!+ Yomeleza iinqaba zakho. Ngena eludakeni uze uxovule udongwe.Yithi hlasi into yokwenza izitena. 15  Nalapho umlilo uza kukuqwenga. Ikrele liza kukunqumla.+ Ziza kukuqwenga ngendlela eziqwenga ngayo iinkumbi.+ Landise inani lakho njengeleenkumbi! Nditsho nangoku, landise inani lakho njengeleenkumbi! 16  Ubandisile oosomashishini bakho bangaphezu kweenkwenkwezi zezulu. Inkumbi izihluba isikhumba ize iphaphazele imke. 17  Oonogada bakho banjengeenkumbi,Namagosa akho anjengebubu leenkumbi. Zimisa inkampu kubuhlanti bamatye ngemini ebandayo,Kodwa lakuphuma ilanga, ziyaphaphazela zimke,Yaye akukho mntu waziyo apho zikhoyo. 18  Abalusi bakho bayozela, kumkani waseAsiriya.Izikhulu zakho zihleli ezindlini zazo. Abantu bakho bathe saa ezintabeni,Yaye akukho mntu ubaqokelelayo.+ 19  Akukho ndlela yokukusindisa kwintlekele ekwehleleyo. Inxeba lakho alisenakuphola. Bonke abeva ingxelo ngawe baza kuqhwaba izandla,+Kuba ukhona na okhe wasinda kwinkohlakalo yakho engenasiphelo?”+

Umbhalo osemazantsi

Oko kukuthi, iThebes.
Ngokoqobo, “kwintloko yazo zonke izitrato.”
Okanye “zinjengemithi yamakhiwane enamakhiwane.”