Numeri 11:1-35

  • UYehova ubatshisa ngomlilo abantu abakhalazayo (1-3)

  • Abantu bafuna inyama (4-9)

  • UMoses uziva engeloncedo (10-15)

  • UYehova unika abadala abayi-70 umoya oyingcwele (16-25)

  • UEldadi noMedadi bayaprofeta; uYoshuwa uthi uMoses makabanqande (26-30)

  • Kuthunyelwa izagwityi; abantu bayohlwaywa ngokunyoluka (31-35)

11  Abantu baqalisa ukumkhalazela kakhulu uYehova. Wathi uYehova akubeva, wacaphuka kakhulu, waza uYehova wathumela umlilo, watshisa abanye abantu ababesemacaleni enkampu.  Xa abantu bakhalela kuMoses, wathandaza kuYehova emcenga,+ waza waphela ke umlilo.  Ngoko loo ndawo yabizwa ngokuba yiTabhera,* kuba uYehova wabatshisa ngomlilo.+  Abantu ababengengomaSirayeli+ ababehamba nabo bathetha ngezinto abazirhalelayo,+ aza amaSirayeli angenwa nguloo moya, akhala athi: “Ngubani oza kusinika inyama?+  Thina sifuna ezaa ntlanzi sasizitya eYiputa singazithenganga, sifuna iityhukhamba, iivatala, iilike, amatswele neegalikhi!+  Ibuhlungu imeko yethu, kuba kaloku siphelele kule mana.”+  Imana+ yayifana neenkozo zekoriyenda,+ ifana nayo nentlaka yebhideliyu.  Abantu babesithi saa, bayiqokelele baze bayigube* okanye bayingqushe. Emva koko babeyibilisa ezimbizeni okanye benze ngayo izonka ezirawundi,+ ibe yayimnandi njengesonka esinencasa esigalelwe ioli.  Xa kusiwa umbethe enkampini ebusuku, nemana yayisiwa.+ 10  UMoses wabeva abantu bekhala, iyile intsapho naleya, mntu ngamnye engakumnyango wentente yakhe. Yamcaphukisa kakhulu le nto uYehova,+ noMoses wakhathazeka kakhulu. 11  Emva koko uMoses wathi kuYehova: “Kutheni usizisela intlungu isicaka sakho? Kutheni ungakholwa ndim ude undinike aba bantu bangumthwalo ongaka?+ 12  Ngaba ndim obemithe aba bantu? Ndibazele na le nto usithi kum, ‘Bafunqule ngendlela impelesi* elufunqula ngayo usana oluncancayo,’ ndibase elizweni owafunga ukuba uza kulinika ookhokho babo?+ 13  Ndiza kuyithatha phi mna inyama endiza kuyinika aba bantu? Kuba bayandikhalela besithi, ‘Sinike inyama sitye!’ 14  Andikwazi ukubathwala ndodwa aba bantu; ndiyohluleka.+ 15  Ngoko ukuba uza kundiphatha ngolu hlobo, kungcono undibulale ngoku.+ Ukuba uyakholwa ndim mandingaphinde ndibone ntlekele.” 16  UYehova wathi kuMoses: “Qokelela amadoda ayi-70 kumadoda angabadala kwaSirayeli, amadoda owaziyo ukuba angabadala namagosa abantu,+ uwazise ententeni yokuhlangana, ume nawo apho. 17  Ndiza kuhla+ ndithethe nawe apho,+ ndicuntsule kumoya okuwe ndize ndiwufake kuwo,+ aze akuncedise ekuthwaleni lo mthwalo ungaba bantu, ungawuthwali wedwa.+ 18  Uze uthi ebantwini, ‘Zingcwaliseni, kuba nakanjani ngomso+ niza kutya inyama, kaloku univile uYehova ngoku benikhala+ nisithi: “Ngubani oza kusinika inyama? Kwakungcono ngokuya sasihlala eYiputa.”+ Uza kuninika ke uYehova inyama, niyitye.+ 19  Anizukuyitya nje usuku olunye okanye iintsuku ezimbini okanye ezintlanu okanye eziyi-10 okanye eziyi-20, 20  kodwa niza kuyitya inyanga yonke, ide iphume ngeempumlo inidike,+ kuba niye namlahla uYehova okunye nani, namkhalela, nisithi: “Sahambela ntoni eYiputa?”’”+ 21  Ngoko ke uMoses wathi: “Xa bebonke aba bantu bangamadoda ayi-600 000,*+ kodwa wena uthi, ‘Ndiza kubanika inyama, batye bonele inyanga yonke’! 22  Ukuba ibinokuxhelwa yonke imihlambi yeegusha neyeenkomo, ibiza kubonela? Okanye ukuba bekunokulotywa zonke iintlanzi elwandle, beziza kubonela?” 23  UYehova wathi kuMoses: “Ngaba kukho into enokuxaka uYehova?+ Ngoku uza kuzibonela ukuba le nto ndiyithethayo iza kwenzeka na.” 24  Ngoko uMoses wahamba wayokuchazela abantu into ayixelelwe nguYehova. Waqokelela amadoda ayi-70 angabadala, wawamisa ngasententeni.+ 25  Emva koko uYehova wehla ngelifu,+ wathetha naye,+ waza wacuntsula umoya+ owawukuMoses wawufaka kubo bonke abadala abayi-70. Bathi bakufumana loo moya baprofeta,*+ kodwa abazange baphinde baprofete. 26  Kwakukho abadala ababini ababesenkampini. Amagama abo yayinguEldadi noMedadi. Umoya wahlala kubo kuba nabo babebhalisiwe, kodwa babengayanga ententeni. Ngoko baprofeta apho enkampini. 27  Omnye umfana wabaleka wayokuxelela uMoses wathi: “UEldadi noMedadi bayaprofeta enkampini!” 28  UYoshuwa+ unyana kaNun, owaba sisicaka sikaMoses esengumfana, wathi: “Banqande nkosi yam Moses!”+ 29  Kodwa uMoses wathi kuye: “Unexhala lokuba baza kuthatha indawo yam? Kum, akwaba bonke abantu bakaYehova bebenokuba ngabaprofeti, noYehova abanike umoya wakhe!” 30  Ethubeni uMoses wabuyela enkampini ehamba nabadala bakwaSirayeli. 31  Emva koko umoya kaYehova wabhudla, watyhala izagwityi uzisusa elwandle wayokuziphosa macala onke enkampu.+ Zazininzi kangangokuba kwakunokufuneka umntu ahambe usuku lonke ukuze ayokuphumela kwela cala lazo. Zazifumbe kangangeekubhite* ezimbini ukuphakama. 32  Ngoko yonke loo mini nobusuku bayo, nosuku olulandelayo abantu abazange balale beqokelela izagwityi. Akukho mntu owaqokelela ngaphantsi kweehomere* ezilishumi lezagwityi, yaye bazibeka kuyo yonke indawo enkampini. 33  Bathi besayiluma loo nyama bengekayihlafuni, uYehova wanomsindo, wababetha uYehova ngesibetho esikhulu kakhulu.+ 34  Ngoko bayithiya loo ndawo ngokuba yiKibroti-hatava,*+ kuba babangcwabela apho abo bantu babenyolukile.+ 35  Bemka abantu eKibroti-hatava baya eHatseroti, baza bahlala apho.+

Umbhalo osemazantsi

Ethetha ukuthi “Ukutsha,” oko kukuthi, umlilo otshabalalisayo; idangatye.”
Okanye “bayigraye.”
Okanye “umntu ogada umntwana.”
Ngokoqobo, “bangamadoda ayi-600 000 ahamba ngeenyawo,” oko kukuthi, amadoda alungele imfazwe.
Okanye “benza izinto ezenziwa ngabaprofeti.”
Ikubhite yayilingana ne-44,5 cm. Funda Isihlomelo B14.
Ihomere yayilingana ne-220 L. Funda Isihlomelo B14.
Ethetha ukuthi “Amangcwaba Abantu Abanyolukileyo.”