Numeri 17:1-13

  • Intonga ka-Aron iyadubula (1-13)

17  UYehova wathi kuMoses:  “Thetha namaSirayeli uze uthathe intonga ibe nye kwinkosi yesizwe ngasinye,+ iintonga eziyi-12 xa ziphelele, uze ubhale igama lenkosi nganye kwintonga nganye.  Kwintonga yakwaLevi bhala igama lika-Aron, kuba inye intonga yentloko yesizwe ngasinye.  Uze uzibeke ententeni yokuhlangana phambi kwetyeya yoBungqina,+ apho ndidla ngokubonakala khona kuwe.+  Intonga yendoda endiyikhethileyo+ iza kudubula iintyatyambo, ndiwenze ayeke ukukhalazela mna+ kunye nani+ amaSirayeli.”  Ngoko uMoses wathetha namaSirayeli zaza iinkosi zamnika iintonga zazo eziyi-12, inkosi yesizwe ngasinye yamnika intonga, nentonga ka-Aron yayilapho.  Emva koko uMoses wazibeka phambi koYehova ententeni yoBungqina ezo ntonga.  Ngosuku olulandelayo xa uMoses wayengena ententeni yoBungqina, tyhini! nantso intonga ka-Aron wendlu yabaLevi idubule inazo neeamangile ezivuthiweyo.  Emva koko uMoses wazithatha ezo ntonga phambi koYehova, waya nazo kumaSirayeli. Azijonga, emva koko mntu ngamnye wathatha intonga yakhe. 10  Emva koko uYehova wathi kuMoses: “Buyisela intonga ka-Aron+ phambi kwetyeya yoBungqina, igcinwe ibe sisilumkiso+ kwabo bangathobeliyo,+ baze bayeke ukundikhalazela, ukuze bangafi.” 11  UMoses zange alibazise, wenza kanye ngendlela uYehova awayemyalele ngayo. Wenza kanye loo nto. 12  Emva koko amaSirayeli athi kuMoses: “Ngoku siza kufa, siza kutshabalala, siza kutshabalala sonke! 13  Wonke umntu osondelayo kwintente engcwele kaYehova uza kufa!+ Ngaba siza kufa ngaloo ndlela na?”+

Umbhalo osemazantsi