Numeri 26:1-65

  • Izizwe zamaSirayeli zibalwa okwesibini (1-65)

26  Emva kweso sibetho,+ uYehova wathetha noMoses noEleyazare unyana ka-Aron umbingeleli wathi:  “Balani lonke ibandla lamaSirayeli, nisusele kwabaneminyaka eyi-20 ukonyuka. Balani ngokwezindlu zootata balo bonke abanokungena emkhosini wakwaSirayeli.”+  Ngoko uMoses noEleyazare+ umbingeleli bathetha nabantu kwintlango yakwaMowabhi,+ ngaseYordan eYeriko+ besithi:  “Wabaleni amaSirayeli nisusele kwaneminyaka eyi-20 ukonyuka, kanye njengokuba uYehova eyalele uMoses.”+ Naba ke oonyana bakaSirayeli abaphuma kwilizwe laseYiputa:  NguRubhen+ izibulo likaSirayeli; naba oonyana bakaRubhen:+ kuHanoki yintsapho yamaHanoki; kuPalu yintsapho yamaPalu;  kuHetseron yintsapho yamaHetseron; kuKarmi yintsapho yamaKarmi.  Ezo ke ziintsapho zamaRubhen, yaye ababhaliswayo kuzo babeyi-43 730.+  Unyana kaPalu yayinguEliyabhi.  Bona oonyana bakaEliyabhi yayinguNemuweli, uDatan noAbhiram. Lo Datan nalo Abhiram ngabaya babekhethiwe libandla. Bakhalazela uMoses+ noAron baza baba kwiqela likaKora+ elalisilwa noYehova.+ 10  Ngoko umhlaba wavuleka waza wabaginya. Yena uKora wafa nabaxhasi bakhe xa umlilo watshabalalisa amadoda ayi-250.+ Into eyenzekayo kubo yaba sisilumkiso nakwabanye abantu.+ 11  Kodwa ke bona oonyana bakaKora abazange bafe.+ 12  Naba ke oonyana bakaSimeyon+ ngokweentsapho zabo: kuNemuweli yintsapho yamaNemuweli; kuYamin yintsapho yamaYamin; kuYakin yintsapho yamaYakin; 13  kuZera yintsapho yamaZera; kuShawule yintsapho yamaShawule. 14  Ngabo ke ababhaliswayo kwiintsapho zamaSimeyon: babeyi-22 200.+ 15  Naba ke oonyana bakaGadi+ ngokweentsapho zabo: kuTsefon yintsapho yamaTsefon; kuHagi yintsapho yamaHagi; kuShuni yintsapho yamaShuni; 16  kuOzni yintsapho yamaOzni; kuEri yintsapho yamaEri; 17  kuArodi yintsapho yama-Arodi; kuAreli yintsapho yama-Areli. 18  Ezo ke ziintsapho zoonyana bakaGadi, yaye ababhaliswayo kuzo babeyi-40 500.+ 19  Oonyana bakaYuda+ yayinguEre no-Onan.+ Kodwa ke, uEre no-Onan bafela kwilizwe lakwaKanan.+ 20  Naba ke oonyana bakaYuda ngokweentsapho zabo: kuShela+ yintsapho yamaShela; kuPeretse+ yintsapho yamaPeretse; kuZera+ yintsapho yamaZera. 21  Naba oonyana bakaPeretse: kuHetseron+ yintsapho yamaHetseron; kuHamuli+ yintsapho yamaHamuli. 22  Ezo ke ziintsapho zakwaYuda, yaye ababhaliswayo kuzo babeyi-76 500.+ 23  Naba ke oonyana bakaIsakare+ ngokweentsapho zabo: kuTola+ yintsapho yamaTola; kuPuva yintsapho yamaPuva; 24  kuYashubhi yintsapho yamaYashubhi; kuShimron yintsapho yamaShimron. 25  Ezo ke ziintsapho zakwaIsakare, yaye ababhaliswayo kuzo babeyi-64 300.+ 26  Naba ke oonyana bakaZebhulon+ ngokweentsapho zabo: kuSerede yintsapho yamaSerede; kuElon yintsapho yamaElon; kuYaleli yintsapho yamaYaleli. 27  Ezo ke ziintsapho zamaZebhulon, yaye ababhaliswayo kuzo babeyi-60 500.+ 28  Oonyana bakaYosefu+ ngokweentsapho zabo yayinguManase noEfrayim.+ 29  Naba ke oonyana bakaManase:+ kuMakire+ yintsapho yamaMakire; yaye uMakire wazala uGiliyadi;+ kuGiliyadi yintsapho yamaGiliyadi. 30  Naba ke oonyana bakaGiliyadi: kuIyezere yintsapho yamaIyezere; kuHeleki yintsapho yamaHeleki; 31  kuAsriyeli yintsapho yama-Asriyeli; kuShekem yintsapho yamaShekem; 32  kuShemida yintsapho yamaShemida; kuHefere yintsapho yamaHefere. 33  UTselofehadi unyana kaHefere wayengenabo oonyana, wayeneentombi kuphela.+ Amagama eentombi zikaTselofehadi+ yayinguMahala, uNowa, uHogela, uMilka noTirtsa. 34  Ezo ke ziintsapho zakwaManase, yaye ababhaliswayo kuzo babeyi-52 700.+ 35  Naba ke oonyana bakaEfrayim+ ngokweentsapho zabo: kuShutela+ yintsapho yamaShutela; kuBhekere yintsapho yamaBhekere; kuTahan yintsapho yamaTahan. 36  Naba oonyana bakaShutela: kuEran yintsapho yamaEran. 37  Ezo ke ziintsapho zoonyana bakaEfrayim, yaye ababhaliswayo kuzo babeyi-32 500.+ Abo ke ngoonyana bakaYosefu ngokweentsapho zabo. 38  Naba ke oonyana bakaBhenjamin+ ngokweentsapho zabo: kuBhela+ yintsapho yamaBhela; kuAshbheli yintsapho yama-Ashbheli; kuAhiram yintsapho yama-Ahiram; 39  kuShefufam yintsapho yamaShefufam; kuHufam yintsapho yamaHufam. 40  Oonyana bakaBhela yayinguArdi noNahaman:+ kuArdi yintsapho yama-Ardi; kuNahaman yintsapho yamaNahaman. 41  Abo ke ngoonyana bakaBhenjamin ngokweentsapho zabo, yaye ababhaliswayo kubo babeyi-45 600.+ 42  Naba ke oonyana bakaDan+ ngokweentsapho zabo: kuShuham yintsapho yamaShuham. Ezo ke ziintsapho zakwaDan. 43  Xa bebonke abantu ababhaliswayo, kuzo zonke iintsapho zamaShuham babeyi-64 400.+ 44  Naba ke oonyana baka-Ashere+ ngokweentsapho zabo: kuImna yintsapho yamaImna; kuIshvi yintsapho yamaIshvi; kuBheriya yintsapho yamaBheriya; 45  koonyana bakaBheriya: kuHebheri yintsapho yamaHebheri; kuMalekiyeli yintsapho yamaMalekiyeli. 46  Igama lentombi ka-Ashere yayinguSera. 47  Ezo ke ziintsapho zoonyana baka-Ashere, yaye ababhaliswayo kuzo babeyi-53 400.+ 48  Naba ke oonyana bakaNafetali+ ngokweentsapho zabo: kuYatseli yintsapho yamaYatseli; kuGuni yintsapho yamaGuni; 49  kuYetsere yintsapho yamaYetsere; kuShilem yintsapho yamaShilem. 50  Ezo ke ziintsapho zakwaNafetali ngokweentsapho zabo, yaye ababhaliswayo kuzo babeyi-45 400.+ 51  Xa ewonke amaSirayeli awabhaliswayo aba yi-601 730.+ 52  Emva koko uYehova wathi kuMoses: 53  “Bonke aba bahlulele ilizwe libe lilifa labo ngokwamagama abhalisiweyo.+ 54  Uze ulandise ilifa leqela elinabantu abaninzi, ulinciphise ilifa leqela elinabantu abambalwa.+ Ilifa leqela ngalinye limele lilingane abantu ababhalisiweyo kulo. 55  Kodwa ke ilizwe lifanele lahlulwe ngamaqashiso.+ Abantu bamele balinikwe ilifa ngokwamagama ezizwe zootata babo. 56  Ilifa liza kufumaneka ngamaqashiso lize lahlulelwe amaqela amancinci namakhulu.” 57  Naba ke ababhaliswayo kubaLevi+ ngokweentsapho zabo: kuGershon yintsapho yamaGershon; kuKohati yintsapho yamaKohati;+ kuMerari yintsapho yamaMerari. 58  Nazi iintsapho zabaLevi: yintsapho yamaLibhini,+ yintsapho yamaHebron,+ yintsapho yamaMahali,+ yintsapho yamaMushi,+ yintsapho yamaKora.+ UKohati wazala uAmram.+ 59  Igama lomfazi ka-Amram yayinguYokebhede,+ intombi kaLevi, eyazalwa ngumfazi kaLevi eYiputa. Yazalela uAmram uAron, uMoses noMiriyam udadewabo.+ 60  UAron wazalelwa uNadabhi, uAbhihu, uEleyazare noItamare.+ 61  Kodwa uNadabhi noAbhihu bafa ngenxa yokuba bazisa umlilo ongekho mthethweni phambi koYehova.+ 62  Xa ewonke amadoda awabhaliswayo ukususela kwenenyanga izelwe ukonyuka ayeyi-23 000.+ Ayengabhaliswanga kunye namaSirayeli+ kuba awazange anikwe ilifa kunye namaSirayeli.+ 63  Nabo ke abantu ababhaliswa nguMoses noEleyazare umbingeleli, xa kwakubhaliswa amaSirayeli kwintlango yakwaMowabhi, ngaseYordan eYeriko. 64  Kwaba bantu, akakho owayebhaliswe nguMoses noAron umbingeleli xa kwakubhaliswa amaSirayeli entlango yaseSinayi.+ 65  Kuba uYehova wayethe ngabo: “Ngokuqinisekileyo baza kufela entlango.”+ Ngoko akukho nomnye kubo ongazange afe ngaphandle kukaKalebhi unyana kaYefune noYoshuwa unyana kaNun.+

Umbhalo osemazantsi