Numeri 26:1-65
-
Izizwe zamaSirayeli zibalwa okwesibini (1-65)
26 Emva kweso sibetho,+ uYehova wathetha noMoses noEleyazare unyana ka-Aron umbingeleli wathi:
2 “Balani lonke ibandla lamaSirayeli, nisusele kwabaneminyaka eyi-20 ukonyuka. Balani ngokwezindlu zootata balo bonke abanokungena emkhosini wakwaSirayeli.”+
3 Ngoko uMoses noEleyazare+ umbingeleli bathetha nabantu kwintlango yakwaMowabhi,+ ngaseYordan eYeriko+ besithi:
4 “Wabaleni amaSirayeli nisusele kwaneminyaka eyi-20 ukonyuka, kanye njengokuba uYehova eyalele uMoses.”+
Naba ke oonyana bakaSirayeli abaphuma kwilizwe laseYiputa:
5 NguRubhen+ izibulo likaSirayeli; naba oonyana bakaRubhen:+ kuHanoki yintsapho yamaHanoki; kuPalu yintsapho yamaPalu;
6 kuHetseron yintsapho yamaHetseron; kuKarmi yintsapho yamaKarmi.
7 Ezo ke ziintsapho zamaRubhen, yaye ababhaliswayo kuzo babeyi-43 730.+
8 Unyana kaPalu yayinguEliyabhi.
9 Bona oonyana bakaEliyabhi yayinguNemuweli, uDatan noAbhiram. Lo Datan nalo Abhiram ngabaya babekhethiwe libandla. Bakhalazela uMoses+ noAron baza baba kwiqela likaKora+ elalisilwa noYehova.+
10 Ngoko umhlaba wavuleka waza wabaginya. Yena uKora wafa nabaxhasi bakhe xa umlilo watshabalalisa amadoda ayi-250.+ Into eyenzekayo kubo yaba sisilumkiso nakwabanye abantu.+
11 Kodwa ke bona oonyana bakaKora abazange bafe.+
12 Naba ke oonyana bakaSimeyon+ ngokweentsapho zabo: kuNemuweli yintsapho yamaNemuweli; kuYamin yintsapho yamaYamin; kuYakin yintsapho yamaYakin;
13 kuZera yintsapho yamaZera; kuShawule yintsapho yamaShawule.
14 Ngabo ke ababhaliswayo kwiintsapho zamaSimeyon: babeyi-22 200.+
15 Naba ke oonyana bakaGadi+ ngokweentsapho zabo: kuTsefon yintsapho yamaTsefon; kuHagi yintsapho yamaHagi; kuShuni yintsapho yamaShuni;
16 kuOzni yintsapho yamaOzni; kuEri yintsapho yamaEri;
17 kuArodi yintsapho yama-Arodi; kuAreli yintsapho yama-Areli.
18 Ezo ke ziintsapho zoonyana bakaGadi, yaye ababhaliswayo kuzo babeyi-40 500.+
19 Oonyana bakaYuda+ yayinguEre no-Onan.+ Kodwa ke, uEre no-Onan bafela kwilizwe lakwaKanan.+
20 Naba ke oonyana bakaYuda ngokweentsapho zabo: kuShela+ yintsapho yamaShela; kuPeretse+ yintsapho yamaPeretse; kuZera+ yintsapho yamaZera.
21 Naba oonyana bakaPeretse: kuHetseron+ yintsapho yamaHetseron; kuHamuli+ yintsapho yamaHamuli.
22 Ezo ke ziintsapho zakwaYuda, yaye ababhaliswayo kuzo babeyi-76 500.+
23 Naba ke oonyana bakaIsakare+ ngokweentsapho zabo: kuTola+ yintsapho yamaTola; kuPuva yintsapho yamaPuva;
24 kuYashubhi yintsapho yamaYashubhi; kuShimron yintsapho yamaShimron.
25 Ezo ke ziintsapho zakwaIsakare, yaye ababhaliswayo kuzo babeyi-64 300.+
26 Naba ke oonyana bakaZebhulon+ ngokweentsapho zabo: kuSerede yintsapho yamaSerede; kuElon yintsapho yamaElon; kuYaleli yintsapho yamaYaleli.
27 Ezo ke ziintsapho zamaZebhulon, yaye ababhaliswayo kuzo babeyi-60 500.+
28 Oonyana bakaYosefu+ ngokweentsapho zabo yayinguManase noEfrayim.+
29 Naba ke oonyana bakaManase:+ kuMakire+ yintsapho yamaMakire; yaye uMakire wazala uGiliyadi;+ kuGiliyadi yintsapho yamaGiliyadi.
30 Naba ke oonyana bakaGiliyadi: kuIyezere yintsapho yamaIyezere; kuHeleki yintsapho yamaHeleki;
31 kuAsriyeli yintsapho yama-Asriyeli; kuShekem yintsapho yamaShekem;
32 kuShemida yintsapho yamaShemida; kuHefere yintsapho yamaHefere.
33 UTselofehadi unyana kaHefere wayengenabo oonyana, wayeneentombi kuphela.+ Amagama eentombi zikaTselofehadi+ yayinguMahala, uNowa, uHogela, uMilka noTirtsa.
34 Ezo ke ziintsapho zakwaManase, yaye ababhaliswayo kuzo babeyi-52 700.+
35 Naba ke oonyana bakaEfrayim+ ngokweentsapho zabo: kuShutela+ yintsapho yamaShutela; kuBhekere yintsapho yamaBhekere; kuTahan yintsapho yamaTahan.
36 Naba oonyana bakaShutela: kuEran yintsapho yamaEran.
37 Ezo ke ziintsapho zoonyana bakaEfrayim, yaye ababhaliswayo kuzo babeyi-32 500.+ Abo ke ngoonyana bakaYosefu ngokweentsapho zabo.
38 Naba ke oonyana bakaBhenjamin+ ngokweentsapho zabo: kuBhela+ yintsapho yamaBhela; kuAshbheli yintsapho yama-Ashbheli; kuAhiram yintsapho yama-Ahiram;
39 kuShefufam yintsapho yamaShefufam; kuHufam yintsapho yamaHufam.
40 Oonyana bakaBhela yayinguArdi noNahaman:+ kuArdi yintsapho yama-Ardi; kuNahaman yintsapho yamaNahaman.
41 Abo ke ngoonyana bakaBhenjamin ngokweentsapho zabo, yaye ababhaliswayo kubo babeyi-45 600.+
42 Naba ke oonyana bakaDan+ ngokweentsapho zabo: kuShuham yintsapho yamaShuham. Ezo ke ziintsapho zakwaDan.
43 Xa bebonke abantu ababhaliswayo, kuzo zonke iintsapho zamaShuham babeyi-64 400.+
44 Naba ke oonyana baka-Ashere+ ngokweentsapho zabo: kuImna yintsapho yamaImna; kuIshvi yintsapho yamaIshvi; kuBheriya yintsapho yamaBheriya;
45 koonyana bakaBheriya: kuHebheri yintsapho yamaHebheri; kuMalekiyeli yintsapho yamaMalekiyeli.
46 Igama lentombi ka-Ashere yayinguSera.
47 Ezo ke ziintsapho zoonyana baka-Ashere, yaye ababhaliswayo kuzo babeyi-53 400.+
48 Naba ke oonyana bakaNafetali+ ngokweentsapho zabo: kuYatseli yintsapho yamaYatseli; kuGuni yintsapho yamaGuni;
49 kuYetsere yintsapho yamaYetsere; kuShilem yintsapho yamaShilem.
50 Ezo ke ziintsapho zakwaNafetali ngokweentsapho zabo, yaye ababhaliswayo kuzo babeyi-45 400.+
51 Xa ewonke amaSirayeli awabhaliswayo aba yi-601 730.+
52 Emva koko uYehova wathi kuMoses:
53 “Bonke aba bahlulele ilizwe libe lilifa labo ngokwamagama abhalisiweyo.+
54 Uze ulandise ilifa leqela elinabantu abaninzi, ulinciphise ilifa leqela elinabantu abambalwa.+ Ilifa leqela ngalinye limele lilingane abantu ababhalisiweyo kulo.
55 Kodwa ke ilizwe lifanele lahlulwe ngamaqashiso.+ Abantu bamele balinikwe ilifa ngokwamagama ezizwe zootata babo.
56 Ilifa liza kufumaneka ngamaqashiso lize lahlulelwe amaqela amancinci namakhulu.”
57 Naba ke ababhaliswayo kubaLevi+ ngokweentsapho zabo: kuGershon yintsapho yamaGershon; kuKohati yintsapho yamaKohati;+ kuMerari yintsapho yamaMerari.
58 Nazi iintsapho zabaLevi: yintsapho yamaLibhini,+ yintsapho yamaHebron,+ yintsapho yamaMahali,+ yintsapho yamaMushi,+ yintsapho yamaKora.+
UKohati wazala uAmram.+
59 Igama lomfazi ka-Amram yayinguYokebhede,+ intombi kaLevi, eyazalwa ngumfazi kaLevi eYiputa. Yazalela uAmram uAron, uMoses noMiriyam udadewabo.+
60 UAron wazalelwa uNadabhi, uAbhihu, uEleyazare noItamare.+
61 Kodwa uNadabhi noAbhihu bafa ngenxa yokuba bazisa umlilo ongekho mthethweni phambi koYehova.+
62 Xa ewonke amadoda awabhaliswayo ukususela kwenenyanga izelwe ukonyuka ayeyi-23 000.+ Ayengabhaliswanga kunye namaSirayeli+ kuba awazange anikwe ilifa kunye namaSirayeli.+
63 Nabo ke abantu ababhaliswa nguMoses noEleyazare umbingeleli, xa kwakubhaliswa amaSirayeli kwintlango yakwaMowabhi, ngaseYordan eYeriko.
64 Kwaba bantu, akakho owayebhaliswe nguMoses noAron umbingeleli xa kwakubhaliswa amaSirayeli entlango yaseSinayi.+
65 Kuba uYehova wayethe ngabo: “Ngokuqinisekileyo baza kufela entlango.”+ Ngoko akukho nomnye kubo ongazange afe ngaphandle kukaKalebhi unyana kaYefune noYoshuwa unyana kaNun.+