Numeri 27:1-23

  • Iintombi zikaTselofehadi (1-11)

  • UYoshuwa kuthiwa uza kungena endaweni kaMoses (12-23)

27  Emva koko zasondela iintombi zikaTselofehadi,+ unyana kaHefere, unyana kaGiliyadi, unyana kaMakire, unyana kaManase, ophuma kwiintsapho zakwaManase, unyana kaYosefu. Amagama ezi ntombi yayinguMahala, uNowa, uHogela, uMilka noTirtsa.  Zema phambi koMoses, uEleyazare umbingeleli, iinkokheli+ naphambi kwalo lonke ibandla, kumnyango wentente yokuhlangana zaza zathi:  “Utata wethu wafela entlango, kodwa wayengekho kwiqela labaxhasi bakaKora,+ elalisilwa noYehova. Yena wafela esakhe isono kodwa wayengenabo oonyana.  Kutheni igama likatata wethu liza kucima kwintsapho yakhe kuba nje engenanyana? Nathi sinike ilifa kunye nabantakwabotata.”  Ngoko uMoses wasisa kuYehova isicelo sazo.+  UYehova wathi kuMoses:  “Iintombi zikaTselofehadi zinyanisile. Qinisekisa ukuba uzinika ilifa kunye nabantakwabotata wazo, ulidlulisele kuzo ilifa likatata wazo.+  Uze uthi kumaSirayeli, ‘Ukuba indoda ifa ingenanyana, ilifa layo nimele nilinike intombi yayo.  Ukuba ayinayo intombi, nimele nilinike abantakwayo. 10  Ukuba ayinabantakwayo, nimele nilinike abantakwabotata wayo. 11  Ukuba utata wayo akanabo abantakwabo, nimele ilifa layo nilinike oyena mntu usondeleyo ezalana naye, ibe lelakhe. Esi sigqibo sisemthethweni, siza kuba ngumthetho omele uthotyelwe ngamaSirayeli, kanye njengoko uYehova eyalele uMoses.’” 12  Emva koko uYehova wathi kuMoses: “Nyuka le ntaba yeAbharim+ uze ubone ilizwe endiza kulinika amaSirayeli.+ 13  Emva kokuba ulibonile, uza kuhlanganiselwa kubantu bakowenu,*+ njengoAron umntakwenu,+ 14  kuba xa ibandla laxambulisana nam kwintlango yaseTsin, zange niwuthobele umyalelo wam wokuba nindingcwalise xa ndikhupha amanzi.+ Lawo ngamanzi aseMeribha+ eKadeshe+ entlango yaseTsin.”+ 15  Emva koko uMoses wathi kuYehova: 16  “UYehova uThixo onika bonke abantu ubomi makakhethe indoda eza kukhokela ibandla, 17  eza kuququzela phambi kwalo, ilikhokele xa liphuma naxa lingena, ukuze ibandla likaYehova lingabi njengeegusha ezingenamalusi.” 18  Ngoko uYehova wathi kuMoses: “Thatha uYoshuwa unyana kaNun, indoda efanelekayo* uze umbeke isandla.+ 19  Emva koko hamba uye kummisa phambi koEleyazare umbingeleli naphambi kwalo lonke ibandla, umbeke ukuba abe yinkokheli, bebukele.+ 20  Uze umahlulele kwigunya lakho,*+ ukuze lonke ibandla lamaSirayeli limmamele.+ 21  Uza kuma phambi koEleyazare umbingeleli, yena uza kumbuzela kuYehova esebenzisa iUrim.+ Baza kuphuma baze bangene ngokomyalelo wakhe, uYoshuwa, onke amaSirayeli kunye nalo lonke ibandla.” 22  Ngoko uMoses wenza kanye njengoko uYehova wayemyalele. Wathatha uYoshuwa, wammisa phambi koEleyazare umbingeleli naphambi kwalo lonke ibandla, 23  wambeka izandla waza wambeka ukuba abe yinkokheli,+ kanye njengokuba uYehova wayethethile ngoMoses.+

Umbhalo osemazantsi

Lo ngumbongo obhekisela ekufeni.
Ngokoqobo, “indoda enomoya.”
Okanye “kwisidima sakho.”