Numeri 31:1-54

  • AmaSirayeli ayaziphindezela kumaMidiyan (1-12)

    • UBhileham uyabulawa (8)

  • Imithetho ngezinto ezixuthwe kwezinye iintlanga (13-54)

31  Emva koko uYehova wathi kuMoses:  “Waphindezelele+ amaSirayeli kumaMidiyan.+ Emva koko uza kuhlanganiselwa kubantu bakowenu.”*+  Ngoko uMoses wathi ebantwini: “Xhobisani amadoda ukuze ayokulwa namaMidiyan, ukuze uYehova aziphindezelele ngawo kumaMidiyan.  Kwisizwe ngasinye sakwaSirayeli thumelani emkhosini amadoda ayi-1 000.”  Kumawaka akwaSirayeli+ kwakhutshwa amadoda ayi-1 000 kwisizwe ngasinye, ngoko ke atsho ayi-12 000 amadoda axhobele imfazwe.  Ngoko uMoses wathi kumadoda ayi-1 000 aphuma kwisizwe ngasinye, mawahambe noFinehasi+ unyana kaEleyazare umbingeleli, ephethe izinto ezingcwele namaxilongo+ okuhlaba umkhosi.  Loo madoda alwa imfazwe namaMidiyan, kanye njengoko uYehova wayeyalele uMoses, aza awabulala onke amadoda.  Phakathi kwabantu awababulalayo, abulala nookumkani bakwaMidiyan abangaba: uEvi, uRekem, uTsure, uHure noRebha, ookumkani abahlanu bakwaMidiyan. Abulala noBhileham+ unyana kaBhehore ngekrele.  Kodwa ke amaSirayeli abathimba abafazi nabantwana bakwaMidiyan. Azoxutha izilwanyana zasekhaya, yonke nje imfuyo yawo nazo zonke izinto zawo. 10  Zonke izixeko awayehlala kuzo neenkampu* zawo azitshisa. 11  Awaphanga amaMidiyan, athimba abantu nezilwanyana. 12  Emva koko azisa abantu nezinto awayezithimbile kuMoses nakuEleyazare umbingeleli nakwibandla lamaSirayeli enkampini, kwintlango yakwaMowabhi,+ engaseYordan eYeriko. 13  Ngoko uMoses noEleyazare umbingeleli neenkokheli zebandla baphuma baya kuwahlangabeza ngaphandle kwenkampu. 14  Ngoko zamcaphukisa uMoses iinkokheli zomkhosi, iintloko zamawaka neentloko zamakhulu ezazivela emfazweni. 15  UMoses wathi kuzo: “Kutheni nibasindisile aba bafazi? 16  Ikwangaba bafazi abamamela uBhileham, baza babangela amaSirayeli akathembeka+ kuYehova ngento eyenzeka ePehore,+ laza ibandla likaYehova lafumana isibetho.+ 17  Bulalani bonke abantwana abangamakhwenkwe, nize nibulale wonke umfazi owakha walala nendoda. 18  Kodwa ningawabulali amantombazana angekalali nandoda.+ 19  Emva koko hlalani ngaphandle kwenkampu iintsuku ezisixhenxe. Wonke umntu obuleleyo nomntu ochukumise umntu obuleweyo+ umele azicoce+ ngosuku lwesithathu nangosuku lwesixhenxe, nicoce nabantu enibathimbileyo. 20  Nimele nicoce zonke iimpahla, yonke into eyenziwe ngesikhumba, yonke into eyenziwe ngoboya bebhokhwe nayo yonke into eyenziwe ngomthi.” 21  Emva koko uEleyazare umbingeleli wathi kumadoda awayeye emfazweni: “Nanku umthetho uYehova awunike uMoses, 22  ‘Igolide, isilivere, ikopolo, intsimbi, inkcenkce nelothe, 23  nayo yonke into engatshiyo xa ifakwa emlilweni, imele icocwe ngomlilo. Kodwa ke ifanele icocwe nangamanzi okucoca.+ Yonke into engenakufakwa emlilweni ifanele ihlanjwe ngamanzi. 24  Yaye nimele nihlambe iimpahla zenu ngosuku lwesixhenxe nize nicoceke, emva koko ningangena enkampini.’”+ 25  Emva koko uYehova wathi kuMoses: 26  “Bala zonke izinto ezoxuthiweyo, ubale abantu nezilwanyana. Yenze le nto noEleyazare umbingeleli neentloko zezindlu zootata zebandla. 27  Izinto ezoxuthwe emfazweni zahlule kubini, uzahlulele abo bebeye emfazweni nalo lonke ibandla.+ 28  Kwizinto ezahlulelwe amajoni ebeye emfazweni, thatha umntu abe mnye kwabayi-500, uthathe ngolo hlobo nakumhlambi weenkomo, nakoweedonki, nakoweegusha, zibe yirhafu kaYehova. 29  Ezo zinto umele uzithathe kwezo bebezahlulelwe uze uzinike uEleyazare umbingeleli, zibe ngumnikelo kaYehova.+ 30  Kwizinto ebezahlulelwe amaSirayeli, uze uthathe umntu abe mnye kwabayi-50, uthathe kanjalo nakumhlambi weenkomo, nakoweedonki, nakoweegusha, nakuzo zonke iintlobo zezilwanyana zasekhaya uzinike abaLevi,+ abenza umsebenzi wasententeni engcwele kaYehova.”+ 31  Ngoko uMoses noEleyazare umbingeleli benza kanye njengoko uYehova wayemyalele uMoses. 32  Izinto ezashiyekayo kwezo abantu babezixuthe emfazweni, yaba ziigusha eziyi-675 000, 33  iinkomo eziyi-72 000, 34  needonki eziyi-61 000. 35  Xa ewonke amabhinqa angazange abelane ngesondo nandoda+ aba yi-32 000. 36  Izinto ababezahlulelwe abo babeye emfazweni yaba ziigusha eziyi-337 500. 37  Irhafu kaYehova yaba ziigusha eziyi-675. 38  Bafumana iinkomo eziyi-36 000, yaye irhafu kaYehova yaba zeziyi-72. 39  Bafumana iidonki eziyi-30 500, yaye irhafu kaYehova yaba zeziyi-61. 40  Bafumana abantu abayi-16 000 yaye irhafu kaYehova yaba ngabayi-32. 41  Emva koko uMoses wanika uEleyazare umbingeleli irhafu yaba ngumnikelo kaYehova,+ kanye njengoko uYehova wayeyalele uMoses. 42  Izinto ezazahlulelwe amaSirayeli, uMoses awayezithathe kumadoda awayeye emfazweni, 43  yayiziigusha eziyi-337 500, 44  iinkomo ziyi-36 000, 45  iidonki ziyi-30 500, 46  bona abantu beyi-16 000. 47  Kwizinto ebezahlulelwe amaSirayeli, uMoses wathatha umntu wamnye kwabayi-50, wenza njalo nakwizilwanyana, waza wanika abaLevi+ abenza umsebenzi wasententeni engcwele kaYehova+ kanye njengokuba uYehova wayeyalele uMoses. 48  Ngoko iinkokheli zomkhosi,+ iintloko zamawaka neentloko zamakhulu zasondela kuMoses, 49  zathi kuye: “Izicaka zakho ziwabalile amadoda emfazwe esiwaphetheyo yaye akukho nenye engekhoyo.+ 50  Sivumele ukuba sonke sinikele kuYehova ngezinto esizifumeneyo, izinto zegolide, amatsheyini afakwa emaqatheni, izacholo ezifakwa esihlahleni, iiringi zokubeka isitampu, amacici, nezinye izacholo, ukuze sizihlawulele kuYehova.” 51  Ngoko uMoses noEleyazare umbingeleli bayamkela igolide nazo zonke izacholo abazinikwayo ngabo bantu 52  Xa iyonke igolide ezanikela ngayo kuYehova iinkokheli zomkhosi, iintloko zamawaka neentloko zamakhulu yaba ziishekele* eziyi-16 750. 53  Ndoda nganye eyayiye emkhosini yayizixuthele izinto. 54  UMoses noEleyazare umbingeleli bayithatha igolide ababeyinikwa ziinkokheli zomkhosi, iintloko zamawaka neentloko zamakhulu baza bayifaka ententeni yokuhlangana ukuze ibe sisikhumbuzo kumaSirayeli phambi koYehova.

Umbhalo osemazantsi

Lo ngumbongo obhekisela ekufeni.
Okanye “iinkampu ezibiyelweyo.”
Ishekele yayilingana ne-11,4 g. Funda Isihlomelo B14.