Numeri 34:1-29
34 UYehova waphinda wathi kuMoses:
2 “Yithi kumaSirayeli: ‘Ngoku ningena kwilizwe lakwaKanan.+ Lo mhlaba kunye nemida yawo uza kuba lilifa lenu.+
3 “‘Umda wenu osemazantsi uza kusuka entlango yaseTsin ecaleni kwe-Edom, uyokutsho apho luqala khona uLwandle LweTyiwa.*+
4 Umda wenu uza kujika uye ngasemazantsi eqhina laseAkrabhim,+ uqhubeke uye eTsin, uze uphele emazantsi eKadeshe-bharneya.+ Uza kuya ngaseHatsare-adare+ uyokufika eAzemon.
5 Umda uza kujika eAzemon uye ngakwiNtlambo YaseYiputa, uyokuphela eLwandle.*+
6 “‘Umda wenu osentshona uza kuba luLwandle Olukhulu* nonxweme lwalo. Ngumda wenu wasentshona ke lowo.+
7 “‘Umda wenu osemantla ngulo: Uza kusuka kuLwandle Olukhulu uyokutsho eNtabeni YeHore.
8 Niza kuwucanda umda lowo ukusuka kwiNtaba YeHore ukuya eLebho-hamati,*+ uye kuphela eTsedadi.+
9 Yaye umele usuke apho uye eZifron, uze uye kuphelela eHatsare-enan.+ Ngumda wenu wasemantla ke lowo.
10 “‘Emva koko niza kucanda umda wenu ongasempuma usuke eHatsare-enan uye eShefam.
11 Uza kusuka eShefam uye eRibhela, ngakwimpuma yeAyin, uze uhle unqumle ithambeka elingasempuma kuLwandle LwaseKinereti.*+
12 Uza kuhla ngeYordan uye kuphela kuLwandle LweTyiwa.+ Elo ke iza kuba lilizwe lenu+ nemida yalo.’”
13 Ngoko uMoses wayalela amaSirayeli wathi: “Nalo ke ilizwe eniza kwahlulelana ngalo ngamaqashiso,+ kanye njengokuba uYehova eyalele ukuba linikwe izizwe ezisithoba ezinehafu.
14 Kuba isizwe sakwaRubhen ngokwezindlu zootata, isizwe sakwaGadi ngokwezindlu zootata nehafu yesizwe sakwaManase, sele zilithathile elazo ilifa.+
15 Ezi zizwe zibini nehafu sele zilithathile ilifa lazo nganeno kweYordan ngaseYeriko, empumalanga.”+
16 UYehova waqhubeka ethetha noMoses esithi:
17 “Nanga amagama amadoda aza kunahlulela umhlaba oza kuba lilifa lenu: nguEleyazare+ umbingeleli noYoshuwa+ unyana kaNun.
18 Niza kuthatha inkosi kwisizwe ngasinye ukuze nahlule umhlaba oza kuba lilifa lenu.+
19 Nanga amagama aloo madoda: kwisizwe sakwaYuda,+ nguKalebhi+ unyana kaYefune;
20 kwisizwe soonyana bakaSimeyon,+ nguShemuweli unyana ka-Amihudi;
21 kwisizwe sakwaBhenjamin,+ nguElidadi unyana kaKislon;
22 kwisizwe soonyana bakaDan,+ yinkosi enguBhuki unyana kaYogeli;
23 koonyana bakaYosefu,+ kwisizwe soonyana bakaManase,+ yinkosi enguHaniyeli unyana kaEfodi;
24 kwisizwe soonyana bakaEfrayim,+ yinkosi enguKemuweli unyana kaShifetan;
25 kwisizwe soonyana bakaZebhulon,+ yinkosi enguElitsafan unyana kaParnaki;
26 kwisizwe soonyana bakaIsakare,+ yinkosi enguPaltiyeli unyana ka-Azan;
27 kwisizwe soonyana baka-Ashere,+ yinkosi enguAhihudi unyana kaShelomi;
28 kwisizwe soonyana bakaNafetali,+ yinkosi enguPedaheli unyana ka-Amihudi.”
29 Lawo ke ngamadoda uYehova awawayalela ukuba acandele amaSirayeli umhlaba kwilizwe lakwaKanan.+
Umbhalo osemazantsi
^ Oko kukuthi, uLwandle Olufileyo.
^ Oko kukuthi, uLwandle Olukhulu, iMeditera.
^ Oko kukuthi, iMeditera.
^ Okanye “xa ungena eHamati.”
^ Oko kukuthi, ichibi laseGenesarete, okanye uLwandle LwaseGalili.