Numeri 35:1-34

  • Izixeko zabaLevi (1-8)

  • Izixeko zokubalekela (9-34)

35  UYehova waqhubeka ethetha noMoses kwintlango yakwaMowabhi, ngaseYordan+ eYeriko, esithi:  “Yalela amaSirayeli ukuba kwilifa lawo anike abaLevi izixeko abaza kuhlala kuzo,+ abanike namadlelo angqonge ezo zixeko.+  AbaLevi baza kuhlala kwezi zixeko, wona amadlelo abe ngawemfuyo yabo, izinto zabo, nazo zonke ezinye izilwanyana zabo.  Amadlelo ezo zixeko uza kuzinika abaLevi, aza kuqala eludongeni aze anabe umgama oziikubhite* eziyi-1 000, ajikeleze sonke isixeko.  Nimele nibale ukusuka ngaphandle kwesixeko iikubhite eziyi-2 000 kwicala elingasempuma, iikubhite eziyi-2 000 kwicala elingasemzantsi, iikubhite eziyi-2 000 kwicala elingasentshona neekubhite eziyi-2 000 kwicala elingasemntla, isixeko sibe phakathi. Lawo iza kuba ngamadlelo ezixeko zabo.  “AbaLevi niza kubanika izixeko eziyi-42 kunye nezixeko zokubalekela ezithandathu+ aza kubalekela kuzo umntu obuleleyo.+  Zizonke izixeko eniza kuzinika abaLevi ziyi-48, namadlelo azo.+  Izixeko eniza kubanika zona nimele nizithathe kwilifa lamaSirayeli.+ Kwiqela elinabantu abaninzi nimele nithathe ezininzi, kwelinabantu abambalwa, nithathe ezimbalwa.+ Izixeko iqela elizinika abaLevi ziza kuxhomekeka ekubeni lingakanani ilifa lalo.”  UYehova waqhubeka wathi kuMoses: 10  “Yithi kumaSirayeli, ‘Ngoku niwela iYordan ningena kwilizwe lakwaKanan.+ 11  Nimele nikhethe izixeko ekulula ukufikelela kuzo, zibe zizixeko apho umntu obulele ngempazamo anokubalekela khona.+ 12  Ezi zixeko ziza kuba ziindawo enibalekela kuzo ukuze zikhusele umbulali kumphindezeli wegazi,+ de ityala lakhe lixoxwe phambi kwebandla.+ 13  Ngoko ke ezo zixeko zithandathu eniza kuzinika abaLevi, ziza kusetyenziselwa le njongo. 14  Niza kubanika izixeko ezithathu nganeno kweYordan,+ nezixeko ezithathu kwilizwe lakwaKanan,+ zibe zizixeko zokubalekela. 15  Ezi zixeko zithandathu aza kubalekela kuzo amaSirayeli, umntu wasemzini,+ umntu ohlala nani, wonke nje umntu obulele omnye umntu ngempazamo.+ 16  “‘Kodwa ukuba umbethe ngentsimbi wafa, loo mntu ngumbulali, nakanjani umele abulawe.+ 17  Ukuba umbethe ngelitye elinokumbulala aze afe, loo mntu ngumbulali, nakanjani umele abulawe. 18  Ukuba umbethe ngento eyenziwe ngomthi enokumbulala aze afe, loo mntu ngumbulali, nakanjani umele abulawe. 19  “‘Ngumphindezeli wegazi oza kubulala umntu obuleleyo. Akudibana naye uza kumbulala ngokwakhe loo mntu. 20  Ukuba umntu uye wafa ngenxa yokuba omnye eye wamtyhala kuba emcaphukela okanye wamgibisela ngento ngenjongo yokumenzakalisa,*+ 21  okanye wambetha ngesandla wafa kuba emcaphukela, nakanjani loo mntu ubuleleyo umele abulawe, ungumbulali. Umphindezeli wegazi uza kumbulala xa edibana naye. 22  “‘Kodwa ukuba umtyhale ngempazamo kungekhona kuba emcaphukela okanye wamgibisela nangantoni na engenazinjongo zakumenzakalisa,*+ 23  okanye uthe engamboni wamwisela ngelitye wabe engelotshaba lwakhe okanye engafuni kumenzakalisa, aze loo mntu afe, 24  ibandla limele ligwebe phakathi komntu obuleleyo nomphindezeli wegazi, ngokwale miyalelo.+ 25  Ngoko ke ibandla limele limsindise lowo ubuleleyo kumphindezeli wegazi, lize limbuyisele kwisixeko ebebalekele kuso, yaye umele ahlale apho de afe umbingeleli omkhulu owathanjiswa ngeoli engcwele.+ 26  “‘Kodwa ukuba umntu obuleleyo uyaphuma, agqithe ngaphaya kwemida yesixeko sokubalekela, 27  aze umphindezeli wegazi ambone engaphandle komda weso sixeko aze ambulale, umphindezeli akazukuba netyala legazi. 28  Loo mntu ubuleleyo ufanele ahlale kwisixeko sakhe sokubalekela ade afe umbingeleli omkhulu. Kodwa emva kokuba efile umbingeleli omkhulu, umbulali angabuyela kumhlaba wakhe.+ 29  Le yimithetho eniza kuyisebenzisa kuzo zonke izizukulwana zenu, kuzo zonke iindawo enihlala kuzo. 30  “‘Nawuphi na umntu obulala omnye, ufanele abulawe kuba ungumbulali+ xa kukho abantu abayingqinayo loo nto,+ kodwa ke akukho mntu umele abulawe ngobungqina bomntu omnye. 31  Nimele ningayithathi intlawulo endaweni yobomi bombulali ofanelwe kukufa, kuba nakanjani umele abulawe.+ 32  Yaye animele nithathe ntlawulo ngomntu obalekele kwisixeko sakhe sokubalekela, nize nimvumele aphindele kumhlaba wakhe ngaphambi kokuba afe umbingeleli omkhulu. 33  “‘Animele nilingcolise ilizwe enihlala kulo, kuba igazi liyalingcolisa ilizwe,+ ibe ekuphela kwendlela yokuhlawulela igazi elichithwe elizweni, kukuchitha igazi laloo mntu uchithe igazi.+ 34  Nize ningalingcolisi ilizwe enihlala kulo, nendihlala kulo mna; kuba mna Yehova ndihleli nabantu bakwaSirayeli.’”+

Umbhalo osemazantsi

Ikubhite yayilingana ne-44,5 cm. Funda Isihlomelo B14.
Ngokoqobo, “emlalele.”
Ngokoqobo, “engamlalelanga.”