Numeri 36:1-13

  • Umthetho ongokutshata kwamabhinqa aziindlalifa (1-13)

36  Iintloko zeentsapho zenzala kaGiliyadi unyana kaMakire+ unyana kaManase weentsapho zoonyana bakaYosefu, zeza kuthetha noMoses neenkosi, iintloko-ntsapho zakwaSirayeli.  Zathi: “UYehova wayalela inkosi yam ukuba ilahlule ilizwe libe lilifa lamaSirayeli ngamaqashiso;+ yaye inkosi yam yayalelwa nguYehova ukuba ilifa likaTselofehadi umntakwethu linikwe iintombi zakhe.+  Ukuba ezi ntombi zitshata namadoda esinye isizwe sakwaSirayeli ilifa lazo liza kuyeka ukuba lelootata bethu, libe lelesizwe ezitshatele kuso, ngaloo ndlela liphume kwiqashiso lelifa lethu.  Xa amaSirayeli ebhiyozela uNyaka Wenkululeko,*+ ilifa lezo ntombi liza kongezelelwa kwilifa lesizwe ezitshatele kuso, likhutshwe ilifa lazo kwilifa lootata bethu.”  Emva koko uMoses wayalela amaSirayeli ethunywa nguYehova, wathi: “Isizwe soonyana bakaYosefu sinyanisile.  Nanku umyalelo kaYehova ngeentombi zikaTselofehadi: ‘Zingatshata nabantu ezifuna ukutshata nabo, kodwa ke zifanele zitshate nomntu ozalwa kwintsapho yesizwe sikatata wazo.  Akukho lifa lamaSirayeli limele lisuke kwesinye isizwe liye kwesinye, kuba amaSirayeli amele aligcine ilifa lesizwe sookhokho bawo.  Zonke iintombi ezinelifa kwizizwe zakwaSirayeli, zifanele zitshate nomntu oyinzala yesizwe sikatata wazo,+ ukuze amaSirayeli aligcine ilifa lookhokho bawo.  Akukho lifa lifanele lisuswe kwesinye isizwe lisiwe kwesinye, kuba izizwe zakwaSirayeli zifanele ziligcine ilifa lazo.’” 10  Iintombi zikaTselofehadi zenza ngokomyalelo uYehova awawunika uMoses.+ 11  Ngoko uMahala, uTirtsa, uHogela, uMilka noNowa, iintombi zikaTselofehadi,+ zatshatela koonyana babantakwabotata wazo. 12  Zatshata namadoda aphuma kwiintsapho zakwaManase, unyana kaYosefu, ukuze ilifa lazo lihlale kwisizwe sentsapho katata wakhe. 13  Leyo yimithetho nemiyalelo uYehova awayinika amaSirayeli ngoMoses kwintlango yakwaMowabhi ngaseYordan eYeriko.+

Umbhalo osemazantsi

Okanye “iNtlokoma.”