Numeri 5:1-31

  • Umntu ongacocekanga uhlaliswa yedwa (1-4)

  • Ukuvuma izono nokuhlawula (5-10)

  • Umntu okrokrelwa ngokukrexeza useliswa amanzi (11-31)

5  UYehova waqhubeka ethetha noMoses, esithi:  “Wayalele amaSirayeli ukuba amkhuphe enkampini wonke umntu oneqhenqa,+ wonke umntu ophuma ukungcola kwilungu lakhe lenzala+ naye wonke umntu ongcoliswe ngumntu* ofileyo.+  Nokuba yindoda okanye ngumfazi, bafanele bakhutshwe enkampini. Le nto imele yenziwe ukuze bangabi sangcolisa+ yonke inkampu, endihleli* phakathi kwayo.”+  AmaSirayeli ayenza loo nto, abakhupha enkampini bonke abo bantu. Enza kanye le nto uYehova wayeyixelele uMoses.  Waqhubeka uYehova ethetha noMoses esithi:  “Yithi kumaSirayeli, ‘Ukuba indoda okanye umfazi wenze nokuba sesiphi kwizono zabantu, akathembeka kuYehova, unetyala loo mntu.+  Umele* asivume isono sakhe,+ aze alibhatale lonke ityala lakhe,* ongeze nesihlanu saloo nto abhatala ngayo.+ Umele abhatale loo mntu amonileyo.  Kodwa ukuba loo mntu woniweyo akanasalamane ekunokubhatalwa kuso, loo nto kubhatalwa ngayo imele inikwe uYehova. Iza kuba yeyombingeleli, ukongeza kwinkunzi yegusha yokuhlawulela, le umbingeleli aza kumhlawulela ngayo.+  “‘Wonke umnikelo ongcwele+ oziswa ngamaSirayeli kumbingeleli, umele ube ngowakhe.+ 10  Izinto ezingcwele umntu anazo ziza kuhlala izezakhe. Kodwa loo nto ayinika umbingeleli, iza kuba yeyombingeleli.’” 11  UYehova waqhubeka ethetha noMoses esithi: 12  “Thetha namaSirayeli uthi, ‘Nantsi into emayenziwe ukuba umfazi uye wenza isono, akathembeka kwindoda yakhe, 13  ngokulala nenye indoda+ kodwa indoda yakhe ingayazi loo nto, abe ke uzingcolisile, kube kungekho bungqina bubambekayo, kungekho nomntu ombonileyo. 14  Nokuba indoda yakhe iye yanesikhwele imrhanela, abe nomfazi ke ezingcolisile nyhani, okanye iye yanesikhwele imrhanela kodwa yena umfazi engazingcolisanga, 15  loo ndoda imele imzise kumbingeleli umfazi wayo, ize nawo nomnikelo womfazi, osisahlulo esinye kwezilishumi ze-efa* yomgubo werhasi. Kufuneka ingagaleli oli kuwo, ingafaki nentlaka yokuqhumisa, kuba lowo ngumnikelo wesikhwele, umnikelo wokutya wokubhenca inyani. 16  “‘Umbingeleli uza kumzisa ngaphambili, ammise phambi koYehova.+ 17  Umbingeleli uza kuthatha isitya sodongwe esinamanzi angcwele, akhe uthuli phantsi ententeni engcwele aze alufake kuloo manzi. 18  Umele ammise phambi koYehova lo mfazi, azikhulule iinwele zakhe, aze abeke ezandleni zakhe umnikelo wokutya wokubhenca inyani, oko kukuthi umnikelo wokutya wesikhwele.+ Yena umbingeleli umele aphathe amanzi akrakrayo okuqalekisa.+ 19  “‘Umbingeleli umele amfungise lo mfazi, athi kuye: “Ukuba khange ulale nenye indoda ngoxa ubusephantsi kwendoda yakho,+ yaye khange wenze sono ngokuzingcolisa, kwanga angangakwenzi nto la manzi akrakrayo okuqalekisa. 20  Kodwa ke, ukuba uye wenza isono ngokuzingcolisa ngoxa uphantsi kwendoda yakho, walala nenye indoda+ engeyiyo le yakho—” 21  Umbingeleli umele amfungise umfazi isifungo esinesiqalekiso, athi kuye: “Kwanga uYehova angenza abantu bakowenu bahlale besenza umzekelo ngawe xa beqalekisa naxa befunga, njengokuba uYehova elenza lishwabane* ithanga lakho,* sidumbe nesisu sakho. 22  La manzi okuqalekisa amele angene emathunjini akho, akudumbise isisu aze alenze lishwabane* ithanga lakho.”* Umele athi ke lo mfazi: “Amen! Amen!”* 23  “‘Umbingeleli umele azibhale ezi ziqalekiso encwadini aze azihlambe ngamanzi akrakrayo. 24  Umele amseze umfazi loo manzi akrakrayo okuqalekisa, angene ngaphakathi kuye amanzi okuqalekisa aze amkrakrele. 25  Ngoku ke kufuneka umbingeleli awuthathe umnikelo wokutya wesikhwele+ kulo mfazi, awutshangatshangise phambi koYehova, aze awusondeze esibingelelweni. 26  Umele agcwalise isandla ngaloo mnikelo wokutya aze awutshise esibingelelweni,+ emva koko umele aseze umfazi loo manzi. 27  Ukuba lo mfazi uye wazingcolisa, akathembeka kwindoda yakhe, xa esezwa amanzi okuqalekisa, aza kungena ngaphakathi kuye amkrakrele, yaye isisu sakhe siza kudumba, nethanga lakhe* lishwabane.* Abantu bakowabo baza kwenza umzekelo ngaye xa beqalekisa. 28  Kodwa ke, ukuba loo mfazi khange azingcolise ibe ucocekile, akukho nto iza kwenzeka kuye, yaye uza kukwazi ukumitha aze azale. 29  “‘Lowo ke ngumthetho wesikhwele,+ ukuba kukho umfazi oye wenza isono waza wazingcolisa ngoxa esephantsi kwendoda yakhe, 30  okanye ukuba kukho indoda eye yanesikhwele yaza yamrhanela umfazi wayo, imele imise umfazi wayo phambi koYehova aze umbingeleli enze kuloo mfazi yonke into etshiwo ngulo mthetho. 31  Indoda iza kuhlala ingenatyala, kodwa ukuba umfazi ufunyaniswe enetyala, kuza kufuneka aziphendulele.’”

Umbhalo osemazantsi

Okanye “ngumphefumlo.” Funda Ingcaciso Yamagama.
Okanye “endimise intente engcwele.”
Ngokoqobo, “Bamele.”
Ngokoqobo, “labo.”
Iefa yayilingana ne-22 L. Funda Isihlomelo B14.
Okanye “livuthuluke.” Le nto isenokuthetha ukuyeka ukuzala.
Kubonakala ukuba apha kuthethwa ngamalungu enzala.
Okanye “livuthuluke.” Le nto isenokuthetha ukuyeka ukuzala.
Kubonakala ukuba apha kuthethwa ngamalungu enzala.
Okanye “Makube njalo! Makube njalo!”
Kubonakala ukuba apha kuthethwa ngamalungu enzala.
Okanye “livuthuluke.” Le nto isenokuthetha ukuyeka ukuzala.