Numeri 7:1-89

  • Iminikelo yokunikezelwa kwentente engcwele (1-89)

7  Ngosuku awagqiba ngalo uMoses ukumisa intente engcwele,+ wayithambisa+ waza wayenza ngcwele, wenza loo nto kuyo, kuzo zonke izinto zayo, nakwisibingelelo nezinto zaso zonke.+ Uthe akugqiba ukuthambisa nokuzenza ngcwele zonke ezi zinto,+  iinkosi zakwaSirayeli,+ iintloko zezindlu zootata bazo zanikela. Ezi nkosi zezizwe ezaziphethe ukubhaliswa kwabantu  zazisa umnikelo wazo phambi koYehova, iinqwelo ezinophahla ezintandathu, neenkomo eziyi-12. Iinkosi ezimbini zazisa inqwelo neenkunzi zeenkomo ezimbini, zazizisa phambi kwentente engcwele.  UYehova wathi kuMoses:  “Zithathe ezi zinto banikela ngazo kuba ziza kusetyenziswa kumsebenzi wasententeni yokuhlangana, uze unike ngamnye kubaLevi ngokomsebenzi wakhe.”  Ngoko uMoses wazithatha iinqwelo neenkomo waza wazinika abaLevi.  Oonyana bakaGershon wabanika iinqwelo ezimbini neenkomo ezine ngokwemisebenzi yabo;+  waza wanika oonyana bakaMerari iinqwelo ezine neenkomo ezisibhozo ngokwemisebenzi yabo. Babephethwe nguItamare unyana ka-Aron umbingeleli.+  Kodwa akazange abanike nto oonyana bakaKohati, kuba babesebenza kwindawo engcwele,+ ibe izinto ezingcwele babezithwala emagxeni.+ 10  Iinkosi zanikela ngomhla wokunikezelwa*+ kwesibingelelo, ngosuku esathanjiswa ngalo. Zathi xa iinkosi zisondeza umnikelo wazo phambi kwesibingelelo, 11  uYehova wathi kuMoses: “Makuze inkosi ibe nye ngosuku, inikele umbingelelo wayo wokunikezelwa kwesibingelelo.” 12  Umntu owazisa umnikelo wakhe ngosuku lokuqala, yaba nguNashon+ unyana ka-Aminadabhi wesizwe sakwaYuda. 13  Wanikela ngesitya esinye sesilivere, esinobunzima obuziishekele* eziyi-130, nesitya sesilivere esinobunzima obuziishekele eziyi-70 ngokomlinganiselo weshekele yendawo engcwele.*+ Zombini zazigcwele umgubo ocolekileyo womnikelo wokutya oxutywe neoli,+ 14  wanikela ngendebe* yegolide enobunzima obuziishekele eziyi-10 egcwele isiqhumiso esiqholiweyo. 15  Wanikela ngethole lenkomo eliyinkunzi, ngenkunzi yegusha nangetakane legusha eliyinkunzi elinonyaka, zaba zezomnikelo otshiswayo.+ 16  Wanikela ngetakane lebhokhwe laba ngumnikelo wesono,+ 17  wanikela ngeenkomo ezimbini, ngeenkunzi zeegusha ezintlanu, ngeenkunzi zeebhokhwe ezintlanu, nangamatakane eegusha aziinkunzi anonyaka amahlanu, zaba ngumbingelelo wobuhlobo.+ Yayingumnikelo kaNashon unyana ka-Aminadabhi ke lowo.+ 18  Ngosuku lwesibini uNeta­neli+ unyana kaTsuware, inkosi yakwaIsakare, wanikela. 19  Wanikela ngesitya esinye sesilivere, esinobunzima obuziishekele eziyi-130, nesitya sesilivere esinobunzima obuziishekele eziyi-70 ngokomlinganiselo weshekele yendawo engcwele.+ Zombini zazigcwele umgubo ocolekileyo womnikelo wokutya oxutywe neoli.+ 20  Wanikela ngendebe yegolide enobunzima obuziishekele eziyi-10 egcwele isiqhumiso esiqholiweyo. 21  Wanikela ngethole lenkomo eliyinkunzi, ngenkunzi yegusha, nangetakane legusha eliyinkunzi elinonyaka, zaba zezomnikelo otshiswayo.+ 22  Wanikela ngetakane lebhokhwe laba ngumnikelo wesono,+ 23  wanikela ngeenkomo ezimbini, ngeenkunzi zeegusha ezintlanu, ngeenkunzi zeebhokhwe ezintlanu, nangamatakane eegusha aziinkunzi anonyaka amahlanu, zaba ngumbingelelo wobuhlobo.+ Yayingumnikelo kaNetaneli unyana kaTsuware ke lowo. 24  Ngosuku lwesithathu inkosi yoonyana bakaZebhulon, uEliyabhi+ unyana kaHelon, 25  wanikela ngesitya esinye sesilivere, esinobunzima obuziishekele eziyi-130, nesitya sesilivere esinobunzima obuziishekele eziyi-70 ngokomlinganiselo weshekele yendawo engcwele.+ Zombini zazigcwele umgubo ocolekileyo womnikelo wokutya oxutywe neoli.+ 26  Wanikela ngendebe yegolide enobunzima obuziishekele eziyi-10 egcwele isiqhumiso esiqholiweyo, 27  wanikela ngethole lenkomo eliyinkunzi, ngenkunzi yegusha, nangetakane legusha eliyinkunzi elinonyaka, zaba zezomnikelo otshiswayo.+ 28  Wanikela ngetakane lebhokhwe laba ngumnikelo wesono,+ 29  wanikela ngeenkomo ezimbini, ngeenkunzi zeegusha ezintlanu, ngeenkunzi zeebhokhwe ezintlanu, nangamatakane eegusha aziinkunzi anonyaka amahlanu, zaba ngumbingelelo wobuhlobo.+ Yayingumnikelo kaEliyabhi+ unyana kaHelon ke lowo. 30  Ngosuku lwesine inkosi yoonyana bakaRubhen, uElitsure+ unyana ­kaShedeyure, 31  wanikela ngesitya esinye sesilivere, ­esinobunzima obuziishekele eziyi-130, nesitya sesilivere esinobunzima obuziishekele eziyi-70 ngokomlinganiselo weshekele yendawo engcwele.+ Zombini zazigcwele umgubo ocolekileyo womnikelo wokutya oxutywe neoli.+ 32  Wanikela ngendebe yegolide enobunzima obuziishekele eziyi-10 egcwele isiqhumiso esiqholiweyo, 33  wanikela ngethole lenkomo eliyinkunzi, ngenkunzi yegusha, nangetakane legusha eliyinkunzi elinonyaka, zaba zezomnikelo otshiswayo.+ 34  Wanikela ngetakane lebhokhwe laba ngumnikelo wesono,+ 35  wanikela ngeenkomo ezimbini, ngeenkunzi zeegusha ezintlanu, ngeenkunzi zeebhokhwe ezintlanu, nangamatakane eegusha aziinkunzi anonyaka amahlanu, zaba ngumbingelelo wobuhlobo.+ Yayingumnikelo kaElitsure+ unyana kaShedeyure ke lowo. 36  Ngosuku lwesihlanu inkosi yoonyana bakaSimeyon, uShelumiyeli+ unyana kaTsurishadayi, 37  wanikela ngesitya esinye sesilivere, esinobunzima obuziishekele eziyi-130, nesitya sesilivere esinobunzima obuziishekele eziyi-70 ngokomlinganiselo weshekele yendawo engcwele.+ Zombini zazigcwele umgubo ocolekileyo womnikelo wokutya oxutywe neoli.+ 38  Wanikela ngendebe yegolide enobunzima obuziishekele eziyi-10 egcwele isiqhumiso esiqholiweyo, 39  wanikela ngethole lenkomo eliyinkunzi, ngenkunzi yegusha, nangetakane legusha eliyinkunzi elinonyaka, zaba zezomnikelo otshiswayo.+ 40  Wanikela ngetakane lebhokhwe laba ngumnikelo wesono,+ 41  wanikela ngeenkomo ezimbini, ngeenkunzi zeegusha ezintlanu, ngeenkunzi zeebhokhwe ezintlanu, nangamatakane eegusha aziinkunzi anonyaka amahlanu, zaba ngumbingelelo wobuhlobo.+ Yayingumnikelo kaShelumiyeli+ unyana kaTsurishadayi ke lowo. 42  Ngosuku lwesithandathu inkosi yoonyana bakaGadi, uEliyasafu+ unyana kaDehuweli, 43  wanikela ngesitya esinye sesilivere, esinobunzima obuziishekele eziyi-130, nesitya sesilivere esinobunzima obuziishekele eziyi-70 ngokomlinganiselo weshekele yendawo engcwele.+ Zombini zazigcwele umgubo ocolekileyo womnikelo wokutya oxutywe neoli.+ 44  Wanikela ngendebe yegolide enobunzima obuziishekele eziyi-10 egcwele isiqhumiso esiqholiweyo, 45  wanikela ngethole lenkomo eliyinkunzi, ngenkunzi yegusha, nangetakane legusha eliyinkunzi elinonyaka, zaba zezomnikelo otshiswayo.+ 46  Wanikela ngetakane lebhokhwe laba ngumnikelo wesono,+ 47  wanikela ngeenkomo ezimbini, ngeenkunzi zeegusha ezintlanu, ngeenkunzi zeebhokhwe ezintlanu, nangamatakane eegusha aziinkunzi anonyaka amahlanu, zaba ngumbingelelo wobuhlobo.+ Yayingumnikelo kaEliyasafu+ unyana kaDehuweli ke lowo. 48  Ngosuku lwesixhenxe inkosi yoonyana bakaEfrayim, uElishama+ unyana ka-Amihudi, 49  wanikela ngesitya esinye sesilivere, esinobunzima obuziishekele eziyi-130, nesitya sesilivere esinobunzima obuziishekele eziyi-70 ngokomlinganiselo weshekele yendawo engcwele.+ Zombini zazigcwele umgubo ocolekileyo womnikelo wokutya oxutywe neoli.+ 50  Wanikela ngendebe yegolide enobunzima obuziishekele eziyi-10 egcwele isiqhumiso esiqholiweyo, 51  wanikela ngethole lenkomo eliyinkunzi, ngenkunzi yegusha, nangetakane legusha eliyinkunzi elinonyaka, zaba zezomnikelo otshiswayo.+ 52  Wanikela ngetakane lebhokhwe laba ngumnikelo wesono,+ 53  wanikela ngeenkomo ezimbini, ngeenkunzi zeegusha ezintlanu, ngeenkunzi zeebhokhwe ezintlanu, nangamatakane eegusha aziinkunzi anonyaka amahlanu, zaba ngumbingelelo wobuhlobo.+ Yayingumnikelo kaElishama+ unyana ka-Amihudi ke lowo. 54  Ngosuku lwesibhozo inkosi yoonyana bakaManase, uGamaliyeli+ unyana kaPedatsure, 55  wanikela ngesitya esinye sesilivere, esinobunzima obuziishekele eziyi-130, nesitya sesilivere esinobunzima obuziishekele eziyi-70 ngokomlinganiselo weshekele yendawo engcwele.+ Zombini zazigcwele umgubo ocolekileyo womnikelo woku­tya oxutywe neoli.+ 56  Wanikela ngendebe yegolide enobunzima obuziishekele eziyi-10 egcwele isiqhumiso esiqholiweyo, 57  wanikela ngethole lenkomo eliyinkunzi, ngenkunzi yegusha, nangetakane legusha eliyinkunzi elinonyaka, zaba zezomnikelo otshiswayo.+ 58  Wanikela ngetakane lebhokhwe laba ngumnikelo wesono,+ 59  wanikela ngeenkomo ezimbini, ngeenkunzi zeegusha ezintlanu, ngeenkunzi zeebhokhwe ezintlanu, nangamatakane eegusha aziinkunzi anonyaka amahlanu, zaba ngumbingelelo wobuhlobo.+ Yayingumnikelo kaGamaliyeli+ unyana kaPedatsure ke lowo. 60  Ngosuku lwesithoba inkosi+ yoonyana bakaBhenjamin, uAbhidan+ unyana kaGidiyoni, 61  wanikela ngesitya esinye sesilivere, esinobunzima obuziishekele eziyi-130, nesitya sesilivere esinobunzima obuziishekele eziyi-70 ngokomlinganiselo weshekele yendawo engcwele.+ Zombini zazigcwele umgubo ocolekileyo womnikelo wokutya oxutywe neoli.+ 62  Wanikela ngendebe yegolide enobunzima obuziishekele eziyi-10 egcwele isiqhumiso esiqholiweyo, 63  wanikela ngethole lenkomo eliyinkunzi, ngenkunzi yegusha, nangetakane legusha eliyinkunzi elinonyaka, zaba zezomnikelo otshiswayo.+ 64  Wanikela ngetakane lebhokhwe laba ngumnikelo wesono,+ 65  wanikela ngeenkomo ezimbini, ngeenkunzi zeegusha ezintlanu, ngeenkunzi zeebhokhwe ezintlanu, nangamatakane eegusha aziinkunzi anonyaka amahlanu, zaba ngumbingelelo wobuhlobo.+ Yayingumnikelo ka-Abhidan+ unyana kaGidiyoni ke lowo. 66  Ngosuku lweshumi inkosi yoonyana bakaDan, uAhiyezere+ unyana ka-Amishadayi, 67  wanikela ngesitya esinye sesilivere, esinobunzima obuziishekele eziyi-130, nesitya sesilivere esinobunzima obuziishekele eziyi-70 ngokomlinganiselo weshekele yendawo engcwele.+ Zombini zazigcwele umgubo ocolekileyo womnikelo wokutya oxutywe neoli.+ 68  Wanikela ngendebe yegolide enobunzima obuziishekele eziyi-10 egcwele isiqhumiso esiqholiweyo, 69  wanikela ngethole lenkomo eliyinkunzi, ngenkunzi yegusha, nangetakane legusha eliyinkunzi elinonyaka, zaba zezomnikelo otshiswayo.+ 70  Wanikela ngetakane lebhokhwe laba ngumnikelo wesono,+ 71  wanikela ngeenkomo ezimbini, ngeenkunzi zeegusha ezintlanu, ngeenkunzi zeebhokhwe ezintlanu, nangamatakane eegusha aziinkunzi anonyaka amahlanu, zaba ngumbingelelo wobuhlobo.+ Yayingumnikelo ka-Ahiyezere+ unyana ka-Amishadayi ke lowo. 72  Ngosuku lwe-11 inkosi yoonyana baka-Ashere, uPagiyeli+ unyana kaOkeran, 73  wanikela ngesitya esinye sesilivere, esinobunzima obuziishekele eziyi-130, nesitya sesilivere esinobunzima obuziishekele eziyi-70 ngokomlinganiselo weshekele yendawo engcwele.+ Zombini zazigcwele umgubo ocolekileyo womnikelo wokutya oxutywe neoli.+ 74  Wanikela ngendebe yegolide enobunzima obuziishekele eziyi-10 egcwele isiqhumiso esiqholiweyo, 75  wanikela ngethole lenkomo eliyinkunzi, ngenkunzi yegusha, nangetakane legusha eliyinkunzi elinonyaka, zaba zezomnikelo otshiswayo.+ 76  Wanikela ngetakane lebhokhwe laba ngumnikelo wesono,+ 77  wanikela ngeenkomo ezimbini, ngeenkunzi zeegusha ezintlanu, ngeenkunzi zeebhokhwe ezintlanu, nangamatakane eegusha aziinkunzi anonyaka amahlanu, zaba ngumbingelelo wobuhlobo.+ Yayingumnikelo kaPagiyeli+ unyana kaOkeran ke lowo. 78  Ngosuku lwe-12 inkosi yoonyana bakaNafetali, uAhira+ unyana kaEnan, 79  wanikela ngesitya esinye sesilivere, esinobunzima obuziishekele eziyi-130, nesitya sesilivere esinobunzima obuziishekele eziyi-70 ngokomlinganiselo weshekele yendawo engcwele.+ Zombini zazigcwele umgubo ocolekileyo womnikelo wokutya oxutywe neoli.+ 80  Wanikela ngendebe yegolide enobunzima obuziishekele eziyi-10 egcwele isiqhumiso esiqholiweyo, 81  wanikela ngethole lenkomo eliyinkunzi, ngenkunzi yegusha, nangetakane legusha eliyinkunzi elinonyaka, zaba zezomnikelo otshiswayo.+ 82  Wanikela ngetakane lebhokhwe laba ngumnikelo wesono,+ 83  wanikela ngeenkomo ezimbini, ngeenkunzi zeegusha ezintlanu, ngeenkunzi zeebhokhwe ezintlanu, nangamatakane eegusha aziinkunzi anonyaka amahlanu, zaba ngumbingelelo wobuhlobo.+ Yayingumnikelo ka-Ahira+ unyana kaEnan ke lowo. 84  Nanku umnikelo wokunikezela+ isibingelelo owawuvela kwiinkosi zakwaSirayeli xa sasithanjiswa: izitya ezikhulu zesilivere eziyi-12, izitya ezincinci zesilivere eziyi-12 neendebe zegolide eziyi-12.+ 85  Isitya ngasinye esikhulu sasinobunzima obuziishekele eziyi-130, yaye isitya ngasinye esincinci sasinobunzima obuziishekele eziyi-70, iyonke isilivere yezo zitya yaba ziishekele eziyi-2 400 ngokomlinganiselo weshekele yendawo engcwele;+ 86  nganye kwiindebe eziyi-12 ezazigcwele isiqhumiso esiqholiweyo, yayinobunzima obuziishekele eziyi-10 ngokomlinganiselo weshekele yendawo engcwele. Iyonke igolide yezo ndebe yaba ziishekele eziyi-120. 87  Xa zizonke iinkomo zomnikelo otshiswayo, zaba ziinkunzi eziyi-12, iinkunzi zeegu­sha eziyi-12, namatakane eegusha aziinkunzi anonyaka ayi-12 neminikelo yawo yokutya, namatakane eebhokhwe omnikelo wesono ayi-12, 88  ibe zizonke iinkomo zombingelelo wobuhlobo zaba ziinkunzi eziyi-24, iinkunzi zeegusha zaba yi-60, iinkunzi zeebhokhwe zaba yi-60, namatakane eegusha aziinkunzi anonyaka ayi-60. Lowo yaba ngumnikelo wokunikezela+ isibingelelo emva kokuthanjiswa kwaso.+ 89  Nanini na uMoses engena ententeni yokuhlangana eyokuthetha noThixo,*+ wayesiva ilizwi lithetha naye livela phezu kwesivalo+ setyeya yoBungqina, phakathi kweekherubhi ezimbini;+ yaye uThixo wayethetha naye.

Umbhalo osemazantsi

Okanye “wokusungulwa.”
Ishekele yayilingana ne-11,4 g. Funda Isihlomelo B14.
Okanye “ngokweshekele engcwele.”
Okanye “ngesitya esincinci.”
Ngokoqobo, “naye.”