Numeri 8:1-26

  • UAron ulayita izibane ezisixhenxe (1-4)

  • AbaLevi bayacocwa baze baqalise umsebenzi wabo (5-22)

  • Iminyaka ebekiweyo yabaLevi (23-26)

8  UYehova wathetha noMoses, wathi:  “Thetha noAron uthi, ‘Xa ulayita izibane ezisixhenxe, kufuneka zikhanyise indawo ephambi kwesiphatho sezibane.’”+  Nantsi ke into awayenzayo uAron: walayita izibane ezisixhenxe ezikwisiphatho sezibane+ ukuze zikhanyise indawo ephambi kwaso, kanye njengokuba uYehova wayemyalele uMoses.  Sasenziwe ngolu hlobo isiphatho sezibane: Sasenziwe ngegolide ekhandiweyo, sikhandwe ukusuka esiqwini ukuyokutsho kwiintyatyambo zaso.+ Sasenziwe ngendlela uYehova awayembonise ngayo uMoses embonweni.+  UYehova waphinda wathetha noMoses, wathi:  “Thatha abaLevi phakathi kwamaSirayeli, ubacoce.+  Nantsi indlela omele ubacoce ngayo: Batshize ngamanzi okucoca izono, yaye bamele bachebe uboya obusemzimbeni ngebleyidi, bahlambe iimpahla zabo, batsho bacoceke.+  Emva koko baza kuthatha ithole lenkomo eliyinkunzi+ nomnikelo walo wokutya+ ongumgubo ocoliweyo oxutywe neoli, uze wena uthathe elinye ithole lenkomo eliyinkunzi libe ngumnikelo wesono.+  Umele ubasondeze abaLevi phambi kwentente yokuhlangana uze ulihlanganise lonke ibandla lamaSirayeli.+ 10  Xa usondeza abaLevi phambi koYehova, amaSirayeli amele ababeke izandla.+ 11  UAron umele abanikele* kuYehova babe ngumnikelo otshangatshangiswayo+ ovela kumaSirayeli, yaye baza kusebenzela uYehova.+ 12  “Emva koko abaLevi bamele babeke izandla zabo phezu kweentloko zezo nkunzi zeenkomo,+ baze enye bayenze umnikelo wesono, enye inikelwe kuYehova ukuze kuhlawulelwe+ abaLevi. 13  Umele ubamise phambi koAron noonyana bakhe, ubanikele* kuYehova babe ngumnikelo otshangatshangiswayo. 14  Umele ubahlule abaLevi kumaSirayeli, bona baza kuba ngabam.+ 15  Emva koko, abaLevi bamele bangene ententeni yokuhlangana ukuze basebenze. Nantso ke indlela omele ubacoce ngayo nomele ubanikele* ngayo babe ngumnikelo otshangatshangiswayo. 16  Kuba banikelwe kum bethathwa kumaSirayeli. Ndiza kuzithathela bona endaweni yawo onke amazibulo* amaSirayeli.+ 17  Kaloku ngawam onke amazibulo amaSirayeli, awabantu nawezilwanyana.+ Ndazingcwalisela wona ngemini endawaxabela ngayo onke amazibulo elizwe laseYiputa.+ 18  Ndiza kuthatha abaLevi endaweni yawo onke amazibulo amaSirayeli. 19  AbaLevi ndiza kubanika uAron noonyana bakhe ndibathatha kumaSirayeli, ukuze bamele amaSirayeli kumsebenzi wasententeni yokuhlangana,+ nokuze bahlawulele amaSirayeli, ukuze amaSirayeli angafikelwa sisibetho+ ngenxa yokusondela endaweni engcwele.” 20  UMoses, uAron nalo lonke ibandla lamaSirayeli bayenza yonke le nto kubaLevi. AmaSirayeli enza yonke into uYehova awayeyiyalele uMoses ngabaLevi. 21  NabaLevi ke bazicoca, bahlamba neempahla zabo,+ emva koko uAron wabanikela* kuYehova bangumnikelo otshangatshangiswayo.+ UAron wabahlawulela ukuze abacoce.+ 22  Emva koko, abaLevi bangena ententeni yokuhlangana ukuze basebenze phambi koAron noonyana bakhe. Yonke into eyenziwayo kubo yileyo kanye uYehova wayeyiyalele uMoses. 23  Wathi uYehova kuMoses: 24  “Nantsi into eza kwenzeka kubaLevi: Indoda eneminyaka eyi-25 ukuya phezulu imele ingene kwiqela labo basebenza ententeni yokuhlangana. 25  Kodwa xa ifika kwiminyaka eyi-50, iza kuyeka ukuba kwiqela labo basebenza ententeni yokuhlangana. 26  Inokuncedisa abantakwayo abasasebenza ententeni yokuhlangana, kodwa yona ayimele isebenze khona. Nantso ke into omele uyenze ngabaLevi nemisebenzi yabo.”+

Umbhalo osemazantsi

Ngokoqobo, “abatshangatshangise.”
Ngokoqobo, “ubatshangatshangise.”
Ngokoqobo, “ubatshangatshangise.”
Okanye “onke amazibulo avula izibeleko.”
Ngokoqobo, “wabatshangatshangisa.”