Obhadiya 1:1-21

  • UEdom onekratshi uza kuthotywa (1-9)

  • UEdom ukhohlakalela uYakobi (10-14)

  • Imini kaYehova iza kufikela zonke iintlanga (15, 16)

  • Indlu kaYakobi iza kubuyiselwa (17-21)

    • UEdom uza kutshiswa nguYakobi (18)

    • Ubukumkani buza kuba bobukaYehova (21)

 Umbono kaObhadiya:* Ithi iNkosi enguMongami uYehova ngoEdom:+ “Sive ingxelo evela kuYehova,Kuthunyelwe umthunywa ezintlangeni ukuba athi: ‘Phakamani, masilungele ukulwa naye.’”+   “Jonga! Ndikwenze wamncinci phakathi kweentlanga.Udelekile kakhulu.+   Ukukhukhumala kwentliziyo yakho kukuqhathile,+Wena uhlala kwiindawo zokuzimela ezingamawa,Uhlala kwindawo ephakamileyo, usithi entliziyweni yakho,‘Ngubani oza kundihlisela emhlabeni?’   Nokuba indawo yakho yokuhlala ungayenza iphakame njengeyokhozi,*Okanye indlwane yakho ungayibeka phakathi kweenkwenkwezi,Ndingakwehlisa apho,” utsho uYehova.   “Ukuba bekufike amasela kuwe, ootsotsi befike ngobusuku,Ngaba bebengazukuthatha kuphela izinto abazifunayo? Okanye ukuba bekufike abavuni beediliya kuwe, Ngaba bebengazukushiya nto enokuchola-cholwa?+Kodwa wena uza kutshatyalaliswa ngokupheleleyo!*   Ugqogqwe ngeyona ndlela uEsawu! Buye bafunwa ubutyebi bakhe obufihliweyo!   Bakutshovele emdeni. Bonke abebengakuwe bakuqhathile.* Amadoda aseluxolweni nawe akoyisile. Abo batya isonka nawe baza kubeka umnatha ngaphantsi kwakho,Kodwa wena awuzukuyibona loo nto.   Ngaloo mini,” utsho uYehova,“Andizukuzitshabalalisa na izilumko kwaEdom+Nokuqonda kwiindawo ezisezintabeni zakwaEsawu?   Yaye amagorha akho aza koyika,+ Owu Teman,+Ngenxa yokuba ngamnye okummandla weentaba wakwaEsawu uza kutshatyalaliswa.+ 10  Ngenxa yokuhlaselwa komntakwenu uYakobi,+Uza kuhlazeka gqitha,+Ibe uza kutshabalala ngonaphakade.+ 11  Mhla wena wamela kude,Mhla abasemzini babethimba umkhosi wakhe,+Xa abasemzini bangena egeyithini yakhe baza benza amaqashiso+ ngeYerusalem,Nawe wenza njengabo. 12  Uhleka njani ngemini yokuba nelishwa komntakwenu?+Uvuya njani ngemini yokutshabalala kwabantu bakwaYuda?+Kwaye kutheni uthetha kakubi ngolu hlobo ngemini yokuba sentlungwini kwabo? 13  Ungena njani egeyithini yabantu bam ngemini yentlekele yabo?+Uyihleka njani intlungu yomntakwenu ngemini yentlekele yakhe?Yaye kutheni ubeka izandla zakho kubutyebi bakhe ngemini yentlekele yakhe?+ 14  Kutheni usima apho iindlela zidibana khona ukuze uxabele ababalekileyo bakhe?+Yaye ubasa njani kwiintshaba zabo abasindileyo bakhe ngemini yentlungu?+ 15  Kuba imini kaYehova yokulwa nazo zonke iintlanga ikufutshane.+ Ngendlela owenze ngayo, kuza kwenziwa ngayo nakuwe.+ Indlela oye wabaphatha ngayo abanye iza kubuyela phezu kwentloko yakho. 16  Kuba ngendlela nina enithe nasela ngayo entabeni yam engcwele,Ziza kuhlala zisela kwangayo zonke iintlanga.+ Ziza kuyisela ziyigongqoze indebe yomsindo kaThixo,Zibe ngathi zange zabakho. 17  Kodwa kwiNtaba YeZiyon kuza kubakho ababalekileyo,+Yaye iza kuba ngcwele;+Kwaye indlu kaYakobi iza kuzithathela kuyo izinto zayo.+ 18  Indlu kaYakobi iza kuba ngumlilo,Indlu kaYosefu ibe lidangatye,Ize indlu kaEsawu ibe njengeendiza.Ziza kuyitshisa iphele,Akuzukubakho usindayo endlini kaEsawu,+Kuba uYehova uthethile. 19  Ziza kuyithathela kuzo iNegebhi nendawo esezintabeni yakwaEsawu,+IShefela nelizwe lamaFilisti.+ Ziza kuwuthathela kuzo umhlaba wakwaEfrayim nomhlaba waseSamariya,+Yaye uBhenjamin uza kuthathela kuye iGiliyadi. 20  Ilizwe lamaKanan ukuya kutsho eTsarefathi,+ liza kuba lelabathinjwa bale nqaba,+Abantu bakwaSirayeli. Abantu baseYerusalem abaselubhacweni, ababeseSefaradi, baza kuzithatha izixeko zeNegebhi.+ 21  Abahlanguli baza kunyuka kwiNtaba YeZiyonUkuze bagwebe ummandla weentaba wakwaEsawu,+Yaye ubukumkani buza kuba bobukaYehova.”+

Umbhalo osemazantsi

Othetha ukuthi “Umkhonzi KaYehova.”
Okanye kusenokwenzeka, “ungabhabhela phezulu njengokhozi.”
Okanye kusenokwenzeka, “Bebeza kutshabalalisa kangakanani?”
Okanye “Bonke abenze isivumelwano nawe bakuqhathile.”